Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 8

Fundisa Ngemizekelo

Fundisa Ngemizekelo

Mateyu 13:34, 35

INTO OMELE UYENZE: Phucula indlela ofundisa ngayo ngokwenza imizekelo elula eza kunceda abo bakumameleyo bafunde izinto ezibalulekileyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Sebenzisa imizekelo elula. NjengoYesu, sebenzisa izinto ezincinci ukuze ucacise izinto ezinkulu, usebenzise izinto ezilula ukuze ucacise izinto ezinzima. Ungafakeleli izinto ezingabalulekanga neziza kuwenza nzima umzekelo wakho. Qiniseka ukuba izinto othetha ngazo kumzekelo wakho zifundisa le nto uthetha ngayo ukuze abo bakumameleyo bangabhideki.

  • Cinga ngabantu oza kubafundisa. Sebenzisa imizekelo yezinto abazithandayo abantu obafundisayo. Kulumkele ukusebenzisa imizekelo eza kubahlaza okanye ibakhubekise.

  • Hlala emxholweni. Yenza imizekelo ngezona zinto ziphambili kwintetho yakho. Qiniseka ukuba abantu obafundisayo baza kuhlala bekhumbula into abayifunde kuloo mzekelo kunokuba bakhumbule nje umzekelo.