Sondela KuYehova
UThixo uyakumema ukuba usondele kuye. Le ncwadi iza kukunceda wenze kanye loo nto.
Intshayelelo
Unganolwalamano olungasoze luphele noYehova uThixo.
ISAHLUKO 1
“Khangela! Lo NguThixo Wethu”
Kwakutheni ukuze uMoses abuze ngegama likaThixo kodwa wayesele elazi?
ISAHLUKO 2
Ngaba ‘Unokusondela KuThixo’?
UYehova uThixo, uMdali wamazulu nomhlaba usinika isimemo nesithembiso.
ISAHLUKO 3
“Ungcwele, Ungcwele, Ungcwele UYehova”
Kutheni iBhayibhile inxulumanisa ubungcwele nobuhle?
ICANDELO 1
“Womelele Ngamandla”
ISAHLUKO 4
“UYehova . . . Unamandla Kakhulu”
Ngaba sifanele simoyike uThixo ngenxa yokuba enamandla? Singathi ewe siphinde sithi hayi.
ISAHLUKO 5
Amandla Okudala—“Umenzi Wezulu Nomhlaba”
Ininzi into esiyifundayo ngoThixo kwindalo, ukususela kwilanga elikhulu ukusa kwiingcungcu.
ISAHLUKO 6
Amandla Atshabalalisayo—“UYehova Yindoda Enamandla Yemfazwe”
“UThixo woxolo” ulwa njani kwimfazwe zobuthixo?
ISAHLUKO 7
Amandla Akhuselayo—“UThixo Uyindawo Yokusabela”
UThixo ukhusela abakhonzi bakhe ngeendlela ezimbini, kodwa enye yeyona ibalulekileyo.
ISAHLUKO 8
Amandla Okubuyisela—UYehova ‘Wenza Zonke Izinto Zibe Ntsha’
UYehova sele elubuyisele unqulo olunyulu. Yintoni aza kuyibuyisela kwixesha elizayo?
ISAHLUKO 9
“UKristu Ongamandla KaThixo”
Imimangaliso neemfundiso zikaYesu Kristu zibonisa ntoni ngoYehova?
ICANDELO 2
“Umthandi Wokusesikweni”
ISAHLUKO 12
“Ngaba Kukho Okungekho Sikweni KuThixo?”
ukuba uThixo ukuthiyile okungekho sikweni, kutheni ihlabathi lizaliswe kokungekho sikweni?
ISAHLUKO 14
UYehova Ulungiselele “Intlawulelo Ngenxa Yabaninzi”
Imfundiso elula kodwa ebalulekileyo inokunceda usondele kuThixo.
ISAHLUKO 15
UYesu ‘Umisa Okusesikweni Emhlabeni’
UYesu wakumisela njani okusesikweni mandulo? Ukwenza njani oko ngoku? Uya kukumisela njani okusesikweni kwixesha elizayo?
ISAHLUKO 16
“Qhelisela Okusesikweni” Ekuhambeni NoThixo
Kwakutheni ukuze uYesu alumkise athi: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa”?
ICANDELO 3
“Ulumkile Entliziyweni”
ISAHLUKO 17
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
Kutheni ubulumko bukaThixo busogqitha nkqu nolwazi nokuqonda kwakhe?
ISAHLUKO 18
Ubulumko ‘Elizwini LikaThixo’
Kwakutheni ukuze uThixo asebenzise abantu ukubhala iBhayibhile kunokuba asebenzise iingelosi okanye ayibhale ngokwakhe?
ISAHLUKO 19
“Ubulumko BukaThixo Kwimfihlelo Engcwele”
Yintoni imfihlelo engcwele uThixo awayekade eyifihlile kodwa eye yaziswa?
ISAHLUKO 20
“Ulumkile Entliziyweni”—Ukanti Uthobekile
INkosi enguMongami yendalo iphela uthobeke njani?
ISAHLUKO 21
UYesu Utyhila “Ubulumko Obuvela KuThixo”
Kwakutheni ukuze amajoni awayethunywe ukuba abambe uYesu abuye ephaca ngenxa yeemfundiso zikaYesu?
ISAHLUKO 22
Ngaba “Ubulumko Obuvela Phezulu” Buyasebenza Ebomini Bakho?
IBhayibhile ineengongoma ezine ezisinceda sibe nobulumko.
ICANDELO 4
“UThixo Uluthando”
ISAHLUKO 24
Akukho Nto ‘Inokusahlula Eluthandweni LukaThixo’
Bubuxoki into yokuba uThixo akasithandi ibe akasixabisanga.
ISAHLUKO 25
‘Imfesane Yothando KaThixo Wethu’
Iimvakalelo zikaThixo zifana njani nezo zomama othanda usana lwakhe?
ISAHLUKO 26
UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela’
If Uthixo remembers everything, how can he forgive and forget?
ISAHLUKO 29
‘Ukwazi Uthando LukaKristu’
Kukho iinkalo ezintathu ngothando lukaYesu ezisinceda siluqonde uthando lukaYehova.
ISAHLUKO 30
‘Qhubekani Nihamba Eluthandweni’
AmaKorinte okuqala isahluko-14 isibonisa iindlela esinokulubonisa ngayo uthando.
ISAHLUKO 31
“Sondelani KuThixo Naye Uya Kusondela Kuni”
Nguwuphi oyena mbuzo ubalulekileyo ongathanda unokuzibuza wona? Ungaphendula uthini?

