Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umxholo Wonyaka Ka-2015

“Bulelani kuYehova, kuba ulungile.”—INdumiso 106:1

Umxholo Wonyaka Ka-2015

AmaSirayeli ayenezizathu ezininzi zokubulela kuYehova ngenxa yokuwahlangula kuFaro nemikhosi yakhe kuLwandle Olubomvu. Ngovuyo, nathi sinokuba nombulelo kuYehova. Xa sisebunzimeni, kulula ukuba sityhafe. Xa kunjalo, sinokuthuthuzelwa yaye somelele xa sicinga ngeentsikelelo esizifumeneyo.

Kwiintsikelelo esinazo nesizixabisayo, lithemba eliqinisekileyo lokuhlangulwa kuzo zonke izinto ezibangela intlungu. Naziphi na iinzingo esizifumanayo, siyazi ukuba uYehova akasoze asilahle. UMalusi wethu osithandayo usinika zonke izinto esizifunayo ukuze simkhonze ngokuthembeka. Akazange akhe angabi yiyo ‘indawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.’ (INdu. 46:1) Ukuhlala sikhumbula iintsikelelo ezinjalo kuza kusinceda sixhathise nezona ngxaki zakhe zanzima. Kuwo wonke unyaka ozayo, ngamana singahlala sikhumbula iintsikelelo esiye sazifumana size ‘sibulele kuYehova, kuba ulungile; kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.’—INdu. 106:1.