Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 20

Izibetho Ezithandathu Ezalandelayo

Izibetho Ezithandathu Ezalandelayo

UMoses noAron baya kuxelela uFaro lo myalezo kaThixo: ‘Ukuba akubakhululi abantu bam, ndiza kuthumela izibawu kweli lizwe.’ Ibubu lezibawu lahlasela imizi yamaYiputa, azizityebi nangamahlwempu. Lonke ilizwe laba nezibawu. Kodwa zange zibekho kwilizwe laseGoshen, apho ayehlala khona amaSirayeli. Esi sesine isibetho sahlasela amaYiputa kuphela. UFaro wacenga esithi: ‘Cela uYehova asuse ezi zibawu. Abantu bakho bangahamba.’ Kodwa wathi akuzisusa uYehova, uFaro watshintsha iingqondo. Ngaba ikho into awayifundayo?

UYehova wathi: ‘Ukuba uFaro akabakhululi abantu bam, imfuyo yamaYiputa iza kugula ize ife.’ Ngosuku olulandelayo, imfuyo yafa, ngaphandle kweyamaSirayeli. Nangoku, uFaro wayesenenkani, akazange abakhulule.

UYehova waxelela uMoses ukuba abuyele kuFaro aze aphose uthuthu emoyeni. Olo thuthu lwaba luthuli olwazalisa umoya lwaza lwahlala kuwo onke amaYiputa. Olo thuli lwabangela ukuba amaYiputa abe nezilonda ezibuhlungu kunye nemfuyo yawo. Kwanangoko, uFaro akazange awavumele amaSirayeli ukuba ahambe.

UYehova waphinda wathumela uMoses kuFaro ukuba aye kumxelela lo myalezo: ‘Usala ukubakhulula abantu bam nangoku? Ngomso, kuza kuwa isichotho esikhulu.’ Ngemini elandelayo uYehova wanisa isichotho, kwagqekreza iindudumo, kwabakho nomlilo. Eso yaba sesona saqhwithi sakha sasikhulu kwimbali yaseYiputa. Sonakalisa yonke imithi nezityalo, kodwa asizange sonakalise eGoshen. UFaro wathi: ‘Cenga uYehova ayekise esi saqhwithi! Emva koko ningahamba.’ Kodwa kwathi kwakuzola, uFaro wajibilika.

Emva koko uMoses wathi: ‘Ngoku zonke izityalo ezisinde kwisaqhwithi ziza kutyiwa ziintethe.’ Kwabakho iintethe ezininzi ezatshabalalisa konke okwakushiyeke emasimini nasemithini. UFaro waphinda wacenga: ‘Khawucele uYehova asuse ezi ntethe.’ Kwanasemva kokuba uYehova ezisusile, uFaro wayeselukhuni.

UYehova wathi kuMoses: ‘Yolulela isandla sakho esibhakabhakeni.’ Ngoko nangoko, isibhakabhaka saba mnyama thsu. Iintsuku ezintathu amaYiputa ayengaboni kwanto, nawo engabonani. Yayizizindlu zamaSirayeli kuphela ezazikhanya.

UFaro wathi kuMoses: ‘Hamba kunye nabantu bakho kodwa nishiye imfuyo yenu.’ UMoses wathi: ‘Simele sihambe nemfuyo yethu ukuze sibingelele ngayo kuThixo wethu.’ UFaro waba lugcwabevu ngumsindo. Wamkhwaza esithi: ‘Phum’ uphel’ apha! Ukuba ndiphinde ndakubona, ndakubulala.’

“Niya kuwubona kwakhona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.”—Malaki 3:18