Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI 35

UYehova Unikela Imithetho

UYehova Unikela Imithetho

MALUNGA neenyanga ezimbini emva kokushiya iYiputa, amaSirayeli afika eNtabeni yeSinayi, ekwabizwa ngokuba yiHorebhe. Le ikwayindawo uYehova awathetha kuyo noMoses kwityholo elitshayo. Abantu bemisa iintente zabo apha baze bahlale okwethutyana.

Njengokuba abantu belinde emazantsi, uMoses unyuka intaba. Phezulu phayaa encotsheni yentaba, uYehova uxelela uMoses ukuba ufuna amaSirayeli amthobele aze abe ngabantu Bakhe abakhethekileyo. Ekwehleni kukaMoses, uxelela amaSirayeli okuthethwe nguYehova. Yaye abantu bathi baya kumthobela uYehova, kuba bafuna ukuba ngabantu bakhe.

Ngoku uYehova wenza into emangalisayo. Wenza incopho yentaba iqhume umsi, aze abangele iindudumo. Emva koko uthetha nabantu athi: ‘NdinguYehova uThixo wenu owanikhupha eYiputa.’ Wandula ke abayalele athi: ‘Nize ninganquli thixo bambi ngaphandle kwam.’

UThixo unika amaSirayeli eminye imithetho okanye imiyalelo esithoba. Abantu boyika gqitha. Bathi kuMoses: ‘Thetha nathi wena, kuba siyoyika ukuba xa uThixo ethetha nathi sinokufa.’

Kamva uYehova uthi kuMoses: ‘Nyukela kum entabeni. Ndokunika amacwecwe amabini amatye endibhale kuwo imithetho endifuna abantu bayigcine.’ Ngoko uMoses unyukela entabeni kwakhona. Apho uhlala iintsuku ezingama-40 nobusuku bazo.

UThixo unemithetho emininzi gqitha ayinika abantu bakhe. UMoses uyibhala phantsi le mithetho. Kwakhona uThixo unika uMoses amacwecwe amabini amatye. Kuwo, uThixo ngenkqu ubhale imithetho eli-10 awayivakalisa ebantwini bonke. Ibizwa ngokuba yiMiyalelo Elishumi.

Le Miyalelo Elishumi ibalulekile. Kodwa kukwanjalo nangeminye imithetho emininzi uThixo ayinika amaSirayeli. Omnye waloo mithetho ngulo: ‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, ngengqondo yakho iphela, ngomphefumlo wakho uphela nangamandla akho ephela.’ Omnye uthi: ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’ UNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathi le yeyona mithetho mikhulu mibini uYehova awayinika abantu bakhe amaSirayeli. Kamva siza kufunda izinto ezininzi ngoNyana kaThixo neemfundiso zakhe.