Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

KUYAVUYISA ukubona okufezwa nguYehova esebenzisa abantu bakhe ehlabathini lonke. Le Ncwadi Yonyaka ichaza oko kwenzeka kwintsimi yentetho yezandla nangendlela iSebe Lokubhala elilwenza ngayo uphando. Funda ngeendibano zezizwe ngezizwe neenkcukacha ezibangel’ umdla ngeculo lethu elitsha. Uza kuva ngemibandela yomthetho echaphazela intlangano ehlabathini jikelele, ngeendaba ezivela eHaiti nangokunikezelwa kwamasebe. Sinethemba lokuba uza kuzithanda izinto oza kuzifunda yaye ziza kukukhuthaza.

‘UTHIXO UFUNA IZITHULU ZIMAZI’

Makhe sihlole oko kwenzeka kwintsimi yentetho yezandla. USalvatore, waseUnited States yindoda esisithulu enomfazi oliNgqina likaYehova. Nakuba wayeneminyaka ezazi iinyaniso eziseBhayibhileni akazange enze nkqubela ngokomoya. Umfazi wakhe wamcebisa ukuba afunde iBhayibhile suku ngalunye kangangonyaka. Noko ke, ukungaziqondi kwakhe izinto awayezifunda kwamtyhafisa. Wathi: “Soze ndikwazi ukumthanda uYehova.”

Noko ke, ubomi bukaSalvatore batshintsha mhla weva ukuba inxalenye yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele iyafumaneka kwiDVD ngeNtetho Yezandla YaseMerika. Emva kokuba efunde iLizwi likaThixo ngentetho yezandla wathi: “Ndandiqinisekile ukuba uThixo ufuna ndimazi.” USalvatore wafunda iBhayibhile yaye ngoku uliNgqina elibhaptiziweyo elikhonza uYehova lonwabile.

NjengoSalvatore, nabanye abantu abazizithulu ehlabathini jikelele baye bayibona indlela abathanda nabaxhalabele ngayo uYehova ngokuthi enze kufumaneke ngentetho yezandla iBhayibhile nezinye iimpapasho kwiDVD, kuquka nezinto onokuzikhuphela kwi-Internet. Iimpapasho sele zifumaneka ngeelwimi zentetho yezandla ezingama-46 yaye kukho ezinye ezili-13 ezisezayo. IMboniselo iyafumaneka ngeelwimi ezisithoba yaye iinxalenye zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ziye zakhululwa ngentetho yezandla yaseMerika, eyaseBrazil, eyaseColombia, eyaseItali, eyaseMexico neyaseRashiya.

Kusoloko kuchukumisa ukubona indlela iimpapasho zentetho yezandla ezizifikelela ngayo iintliziyo zabantu abafundelwayo. UNatsue, ibhinqa elisisithulu laseJapan lithi: “Ndaqala ukufunda ngowe-1981, ndisebenzisa iimpapasho zesiJapan. Kodwa ndayeka kuba ndandingaziqondi izinto endandizifunda yaye ndandichaswa yintsapho yam.”

“NgoAprili 2007, omnye umvakalisi wandibonisa iDVD yencwadana ethi Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo ngeNtetho Yezandla YaseJapan. Kwakusele kudlule iminyaka engama-26 ndiqalisile ukufunda iBhayibhile. Ngenxa yoko, ndaqalisa ukufunda kwakhona yaye ndabona ukuba ndandisiya ndimazi uThixo. Ndabhaptizwa ngoNovemba 2008.”

Namhlanje bangaphezu kwama-16 000 abavakalisi abazizithulu ehlabathini jikelele. Ngezandla zabo nangezinye izimbo zomzimba badumisa uYehova. Inkxaso abayifumanayo yeencwadi ezingama-30, iincwadana ezinemifanekiso, iividiyo needrama zeBhayibhile eziye zaguqulelwa ngeentetho zezandla ezahlukahlukeneyo zibaqinisekisa ukuba uYehova uyabathanda yaye uyayixabisa inkonzo abayenza ngokunyaniseka.

Amasebe angama-54 aguqulela iincwadi ngentetho yezandla afumana iileta ezininzi zabazalwana noodade kuquka nabantu abanomdla, ezichaza indlela abanoxabiso ngayo. Ezi leta zichaza indlela abavuya ngayo abantu abazizithulu ngokufunda iinyaniso zeBhayibhile ezinzulu ngentetho yabo yezandla. Ngokomzekelo, yiva oko kwathethwa nguEmi waseJapan onabazali abazizithulu.

Uthi: “Abazali bam babhaptizwa kwiminyaka emininzi ngaphambi kwam, kodwa bebengaziqondi iimpapasho zesiJapan. Babedla ngokucela mna ukuba ndibacacisele. Kodwa ngoku bayakwazi ukuthetha ngenyaniso beqinisekile ngezinto abazikholelwayo. Umama wathi, ‘Iinkcukacha zeBhayibhile ndaqala ukuziqonda emva kokuba kubekho iimpapasho zentetho yezandla.’ Ngenxa yoko, baye basondela kuYehova yaye intsapho yethu imanyene kunangaphambili.”

‘UKULANDA ZONKE IZINTO NGOKUCHANILEYO’

UYesu wathi ikhoboka elithembekileyo laliza kuba yingqondi xa linika impahla yendlu “ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo.” Ngoko uKristu wathi abo babeza kuvelisa oko “kutya” babeza kusebenza ngokucokisekileyo, balumke baze babe nokuqonda xa besondla abakhonzi bakaThixo.—Mat. 24:45-47.

Abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo bomhla wethu basebenzisa iSebe Lokubhala eliseBrooklyn, eNew York ukuze bavelise ukutya kokomoya ngamaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso, iincwadi nezinye izinto ezishicilelweyo okanye ezirekhodiweyo. Njengoko kunjalo ngokutya kokoqobo, nako oku kokomoya kufuneka kulungiselelwe ngokucokisekileyo. Nababhali beBhayibhile ababeqhutywa ngumoya oyingcwele baqiniseka ukuba babhala izinto eziphandwe ngokucokisekileyo nezichanileyo. Ngokomzekelo, uLuka wathetha namangqina amaninzi okuzibonela waza ‘wazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo.’—Luka 1:1-4.

NeSebe Lokubhala ‘lizilanda zonke izinto ngokuchanileyo.’ Kodwa inokufunyanwa phi inkcazelo enokuthenjwa? Nangona i-Internet ifumaneka lula yaye inenkcazelo eninzi, abaphandi abathembeli kwizinto ezibhalwe nje nguye nabani na okanye ngabantu abangaziwayo nabangaziqeqeshelwanga izinto abathetha ngazo. Ngokomzekelo, intyila-lwazi ekuthiwa yiWikipedia efumaneka kwi-Internet ilumkisa ngelithi ezinye izinto ezibhalwe kuyo “azichananga yaye aziphandwanga ngokucokisekileyo yaye ziye zatshintshwa,” ize yongezelele isithi “abantu abayisebenzisayo bafanele bayilumkele.” Ngenxa yoko, iSebe Lokubhala lisebenzisa iimbekiselo ezinokuthenjwa, amanqaku abhalwe ziingcali ezinokuthenjwa neencwadi zabapapashi abahlonelwayo.

ISebe Lokubhala linethala elinamawakawaka eencwadi ezahlukahlukeneyo. Ukongezelela, abaphandi bethu basebenzisa nezinye iincwadi ezikwimizi yogcino-zincwadi ekufutshane. Kwakhona bayakwazi ukuboleka iincwadi ezinenkcazelo ekhethekileyo kweminye imizi yogcino-zincwadi. Elinye ithala elikhulu leyunivesithi nelisetyenziswa ngabaphandi bethu lineencwadi ezimalunga nezigidi ezihlanu, oolindixesha abangama-58 000 nezigidi zezinye izixhobo zokuphanda. Kwakhona, iSebe Lokubhala ligcina kwifayile amanqaku asikwe kumaphephandaba nezinye iincwadi, amava nenye inkcazelo engokwembali esoloko ihlaziywa kusetyenziswa imithombo yasekuhlaleni nezinye iiofisi zamasebe ezisehlabathini jikelele.

Kodwa ke, njengokuba iNtshumayeli 12:12 isitsho: “Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli.” Nemithombo enokuthenjwa inokuba nenkcazelo engachananga. Ngoko siqiniseka njani ukuba izinto ezibhaliweyo zisemgangathweni, zichanile yaye zinokuthenjwa?

Ngokomzekelo, kwincwadana enemifanekiso ethi Was Life Created?, ngokuphathelele indlu yesigcawu ekuthiwa yenye yezona zinto zomeleleyo emhlabeni, kwathiwa: “Xa inokwenziwa nkulu ilingane nebala lebhola ekhatywayo, indlu yesigcawu eyenziwe ngedragline eyisentimitha enye ngobukhulu yaye zishiyane ngeesentimitha ezine, inokubamba ubhazabhaza wenqwelo-moya ebhabhayo ame ngxi!” Nangona oku kwakuthathwe kwiphephancwadi lenzululwazi elihlonelwayo, eli phephancwadi lalicaphula omnye umthombo yaye loo mthombo wona wawungacacanga ncam. Ngoko, kwafuneka kuqhagamshelwane noyena mphandi wokuqala ukutsho oku ukuze kuviwe ukuba wayefikelele njani kweso sigqibo. Nabaphandi bethu kwafuneka baziphandele ngokwabo oko kunokwenzeka xa ubhazabhaza wenqwelo-moya enokutshayisa indlu yesigcawu elingana nebala lebhola. Emva kweeyure eziliqela zokwenza uphando olucokisekileyo kwafunyaniswa ukuba le nkcazelo imangalisayo ichanile.

Noko ke, ngamanye amaxesha imithombo ebonakala inokuthenjwa iye ingakwazi ukukungqina ukuchana kweenkcukacha zayo. Ngokomzekelo: UGandhi ucatshulwa ekwitempile yakhe esithi kuLord Irwin: “Ukuba ilizwe lakho nelam linokudibana ekwenzeni ngokuvisisana neemfundiso ezabekwa nguKristu kule Ntshumayelo yaseNtabeni, siya kube sizicombulule iingxaki kungekuphela nje ezamazwe ethu kodwa ezo zehlabathi liphela.” Noko ke, uphando olucokisekileyo lwafumanisa ukuba akukho bungqina bokuba uLord Irwin wakha watyelela uGandhi kwitempile yakhe, nto leyo ephakamisa imibuzo yokuba wayewathethe phi, nini okanye wawathetha na la mazwi uGandhi. Ngenxa yoko, la mazwi akasabhalwa kwiimpapasho zethu.

Okanye usenokuba wakha wafunda ngesiganeko esiquka uMhlekazi uIsaac Newton ephethe umfanekiso welanga nezijikelezi-langa. Kuthiwa, umntu ongakholelwayo kubukho bukaThixo wabuza: “Wenziwe ngubani lo mzobo?” Xa lo kaNewton waphendula wathi, “Akukho mntu uwenzileyo!” lo mntu wathi, “Ucinga ukuba ndisisidenge!” Kuthiwa emva koko lo kaNewton waxelela le ndoda ukuba umzobo wakhe welanga nezijikelezi-langa zokoqobo nezimangalisa nangakumbi bubungqina bobukho bomyili okanye umenzi. Nangona eli bali libangel’ umdla, imithombo yembali nabanye abantu abaphanda ngoNewton nabanye ababhala ngobomi bakhe abakungqini ukwenzeka kwale ncoko. Okubangel’ umdla kukuba, kwaqalwa ukuthethwa ngesi siganeko ebutsheni beminyaka yee-1800 yaye sinxulunyaniswa nesazi saseJamani uAthanasius Kircher kungekhona lo kaNewton. Ngenxa yoko, la mazwi akasafakwa kwiimpapasho zethu.

Ngamanye amaxesha nezinto ezibonakala zincinane kufuneka ziphandwe ukuze kuqinisekiswe ukuchana kwazo. Ngokomzekelo, kwibali lakhe lobomi umzalwana usenokuthi wazalelwa eCzechoslovakia ngowe-1915. Kodwa iCzechoslovakia ayizange ibekho de yaba ngowe-1918. Ngoko ke, wazalelwa phi? Ukuze kuphendulwe lo mbuzo kusenokufuneka kufundwe iimaphu ezindala okanye iingxelo zembali.

Kwakhona, xa ebalisa amava umzalwana usenokuthi wabhaptizelwa eSan Francisco ngosuku oluthile. Noko ke, kusenokuthi xa kuphandwa kufunyaniswe ukuba kwakungekho ndibano kweso sixeko ngolo suku. Inokulungiswa njani loo nto? Umntu usenokungazikhumbuli ngokucacileyo zonke iinkcukacha zesiganeko esithile. Nangona umzalwana engenakufane alibale ukuba wabhaptizelwa phi, usenokungalukhumbuli kakuhle usuku awabhaptizwa ngalo. Sidla ngokukwazi ukuqinisekisa ukuchana kweenkcukacha, ngokuphanda kwimithombo eyahlukahlukeneyo.

Lilonke, iSebe Lokubhala liyaqiniseka ukuba lisebenzisa kuphela inkcazelo echanileyo neyinyaniso nkqu nakwiinkcukacha ezisenokubonakala zingabalulekanga. Ngenxa yoko, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lisoloko lisinika ukutya okuzukisa ‘uThixo wenyaniso.’—INdu. 31:5.

SINCEDIWE UKUZE ‘SIHLALE SILINDILE’

Izigidi zamaNgqina kaYehova asehlabathini lonke ziye zaluxabisa ucwangciso oluluncedo nolufike ngexesha lweeNdibano zeSithili zonyaka wowama-2009 ebezinomxholo othi “Hlalani Nilindile!” Phakathi kwabantu ababekho ibiziindwendwe ezingaphezu kwama-200 000 ezamenywa kumazwe angama-136 ukuze ziye kwiindibano zezizwe ngezizwe ezingama-37. Ezi ndibano beziseOstriya, eChile, eCôte d’Ivoire, eFransi, eJamani, eGhana, eItali, eKenya, eKorea, eMexico, eMyanmar, ePeru, ePoland, eMzantsi Afrika, eTrinidad naseTobago, naseUnited States. Xa sele bebonke, abantu ebebeze kwiindibano zezizwe ngezizwe bebesisi-1 495 045 yaye kubhaptizwe abantu abangali-15 730.

Yintoni injongo yeendibano zezizwe ngezizwe? IQumrhu Elilawulayo lilungiselela ezi ndibano kumazwe akhethwe ngenxa yezizathu ezithile, mhlawumbi kulawo amaNgqina kaYehova ebekhe avalwa umlomo khona. Ezi ndibano ziyabomeleza abazalwana zize zibakhuthaze ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo kuloo mazwe ngenzondelelo.

Kwakhona, ezi ndibano zivulela abazalwana ithuba lokuzibonela ngokwabo ‘umxokelelwane womnyano’ okhethekileyo phakathi kwabazalwana bomhlaba wonke. (Kol. 3:14) Kuyavuyisa ukubona uthando, uxolo nomanyano olubakho kwezo ndibano olungathintelwa yimiqobo yobuzwe, inkcubeko nolwimi. Iindwendwe ezininzi namaNgqina asekuhlaleni anxiba iimpahla zesintu.

Inxalenye ekhethekileyo yeendibano zezizwe ngezizwe “Ziingxelo Ezivela Kwamanye Amazwe,” ezinikelwa kuzo zone ezo ntsuku. Omnye umveleli ohambahambayo osuka eItali waphawula ukuba ezi ngxelo zinceda bonke abakhoyo “bazive beyinxalenye yabazalwana bomhlaba wonke abanenjongo enye—ukushumayela ngoBukumkani.” Bekuchukumisa ukuphulaphula amava akhuthazayo abathunywa bevangeli nabanye abakwinkonzo yexesha elizeleyo ababetyelele amazwe abo besuka kwizabelo zabo ezikumazwe asemzini. Umzekelo wabo uyabakhuthaza kakhulu abantu abaselula nabakhulileyo.

Kwakhona, kuyavuyisa ukubakho kwamalungu eQumrhu Elilawulayo kwiindibano zezizwe ngezizwe ukuze afundise imiyalelo eseBhayibhileni efike ngexesha nokuze asikhuthaze. Iintetho ebezinikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo kunye “Neengxelo Ezivela Kwamanye Amazwe” bezitolikwa ngaxeshanye ukuze kuzuze bonke abantu beelwimi ebezikho kucwangciso. Ngokomzekelo, kwindibano yesibini yezizwe ngezizwe ebiseHonolulu, eHawaii, uStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wanikela iintetho ezine ngesiNgesi zaza zatolikwa ngaxeshanye ngesiChuukese, isi-Iloko, isiJapan, isiMandarin, isiMarshallese nesiSamoan.

Xa liceba iindibano zezizwe ngezizwe, iQumrhu Elilawulayo lijonga ubungakanani bendawo eza kuqhutyelwa kuyo indibano, inani lamaNgqina alapho kunye nalawo aza kuza evela kwamanye amazwe, nobungakanani beendawo eziza kuhlala iindwendwe. Emva koko, kuthunywa abazalwa besixeko ngasinye esiza kuba nendibano ukuba bafumane imvume kwabasemagunyeni baze baqeshe iindawo zokuqhubela iindibano.

Ekubeni kusetyenziswa amabala emidlalo amakhulu, mkhulu umsebenzi owenziwayo ukuze kuqinisekiswe ukuba iindawo zendibano zinesidima yaye ziyafaneleka ukuze kunqulwe uYehova. Ngokomzekelo, ePeru, ngenxa yokuba kwakuza kudlalwa ibhola ngaphambi kwendibano, abazalwana babengakwazi ukungena kwibala lemidlalo ukuze balicoce de yaba bubusuku obungaphambi kwendibano. Nangona kwakucelwe amatsha-ntliziyo angama-3 000, ngentsimbi yesi-6:00 ngongcwalazi kwafika abazalwana noodade abangaphezu kwama-7 000 baza basebenza ubusuku bonke.

Ekupheleni kwendibano yezizwe ngezizwe eyayibanjelwe eLong Beach yaseKhalifoniya, eUnited States, abasebenzi abathathu bebala lemidlalo eyayibanjelwe kulo indibano bathi: “Kudala sizibona iicawa zisebenzisa eli bala, kodwa akukho nenye enokuzenza ezi zinto nizenzayo. Ngummangaliso lo.” Enye yaloo madoda yathi xa amaNgqina kaYehova enkqonkqoza endlwini yayo yayidla ngokuthi, “Uya kunkqonkqoza ume apho uthanda khona kodwa andizi kuvula.” Kodwa ke ngoku yathi, xa amaNgqina ephinda efika yayiza kuwavulela ize iphulaphule. Enye yawo yathi, “Andizange ndikhe ndiye ecaweni kodwa ndingathanda ukuba kule cawa yenu.”

Ezi ndibano zanikel’ ubungqina kwizixeko ezaziqhutyelwa kuzo nto leyo ezukisa uYehova! Siyambulela uYehova ngokulungiselela ezi ndibano zomeleza ukholo ukuze siqhubeke ‘sihlale silindile!’—Mat. 24:42.

UKUCULELA UYEHOVA INDUMISO

Ukucula iingoma zokudumisa uYehova yinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwethu. Ngoko, abakhonzi bakaThixo bachulumanca xa bachazelwa ngeculo elitsha elinomxholo othi Culela UYehova, kwiindibano zesithili nezezizwe ngezizwe zowama-2009. Kodwa, bekutheni ukuze kufuneke sibe neculo elitsha?

Ngamaxesha athile siye siwahlaziye amaculo ethu ukuze avisisane nokuqondwa okutsha kwezinto. (IMize. 4:18) Xa kulungiselelwa iculo elitsha kutsho kuvele namathuba okutshintsha amazwi eengoma zethu. Kuye kwakhethwa amazwi ekulula ukuqonda intsingiselo yawo ngoxa kuculwa nekulula ukuwakhumbula. Iingoma ezininzi ziye zenziwa mfutshane ukuze kube lula ukuzazi ngentloko. Xa kufanelekile, kuye kongezelelwa iikhorasi ukuze zincede ekuphindaphindweni kwamazwi ayintloko aloo ngoma. Ukongezelela, kuye kwenziwa umgudu wokuba ilungu legama ngalinye libe nenowuthi yalo enye, kunokuba abe mabini kwinowuthi enye.

Emva kokuba iculo elidala elithi Mvumeleni Iindumiso UYehova lihlolisiswe ngokucokisekileyo, kwafumaniseka ukuba ezinye iingoma kufuneka zitshintshwe phaya naphaya ukuze kube lula ukuzicula. Ngenxa yoko, kwezinye iingoma iinowuthi eziphezulu ziye zehliswa khon’ ukuze kube lula ukuzicula. Kwakhona, ayizizo zonke iingoma ezaziculwa ngendlela ezazibhalwe ngayo eculweni. Ngoko ke, isingqi sezinye iingoma siye satshintshwa ukuze sivakale ngale ndlela besiculwa ngayo ngabazalwana ehlabathini lonke.

Kwakhona, kuye kwaqwalaselwa nendlela abhalwe ngayo amaculo. Nangona amaculo amade ethatha amaphepha amabini ukulungiselela iilwimi eziguqulelayo, iingoma zibhalwe ngohlobo lokuba kungafuneki utyhile iphepha xa ucula. Ayikho ingoma eneevesi ezingaphezu kwezintathu.

Uye waphunyezwa njani lo msebenzi mkhulu kangaka? NgoAgasti wowama-2007, iqela labaqambi nababhali abanamava lacelwa ukuba lincedise iQumrhu Elilawulayo kulo msebenzi. Onke amaculo eculo elidala afundwa ngokucokisekileyo ukuze kubonwe iingxaki eziphathelele imfundiso, indlela abhalwe ngayo nendlela aculwa ngayo. Kwaye kwabonakala ukuba amanye wamaculo amadala akanangxaki nto nje kufuneka kutshintshwe amazwi awo. Amazwi amanye amaculo ayengenangxaki kangako kodwa kwakufuneka kutshintshwe indlela aculwa ngayo. Emva koko, iKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo yagqiba ngemixholo yeengoma ezifanele ziculwe kwiintlanganiso zamaKristu, kwiindibano ezinkulu nezincinane naxa kunikezelwa izakhiwo.

Ukongezelela, abaqambi bathath’ ixesha elide behlolisisa isingqi seengoma eziculwa ngabazalwana ezintlanganisweni. Ukuze benze iingoma ezinesidima kodwa ezimnandi basiphepha isingqi esivakala ngathi ngamaculo eecawa zeNgqobhoko. Kwangaxeshanye babengafuni iingoma zokudumisa uYehova zifane nezo ziculwa kwiicawa zomoya okanye ezabasindiswa.

Ngoxa bekusenziwa iculo, iQumrhu Elilawulayo belibek’ esweni indlela ingoma nganye eqanjwe ngayo kunye namazwi ayo. Iingoma ezintsha elalingazazi iQumrhu Elilawulayo zarekhodwa liqela leemvumi ukuze iQumrhu Elilawulayo lizimamele lize lizihlab’ amadlala. Emva kokuba kuthiwe ezo ngoma zifanelekile, zathunyelwa kumasebe aguqulelayo ukuze ziguqulelwe khon’ ukuze amaculo ezinye iilwimi akhululwe ngaxeshanye nelesiNgesi.

Ukongezelela, ngowama-2007 iQumrhu Elilawulayo lalungiselela ikwayara ukuze kurekhodwe iingoma, nto leyo eyayiza kunceda amabandla afunde indlela yokuzicula. Kangangeminyaka emininzi, amatsha-ntliziyo anolwazi lweokhestra navela kumasebe ali-14 ebesoloko edibana ePatterson, eNew York kabini ngonyaka ukuze arekhode umculo odlalwa ngamaNgqina kaYehova kwizinto ezinjengeedrama, iividiyo nakwiindibano. Aba bazalwana noodade bazinikeleyo, uninzi lwabo olukwinkonzo yexesha elizeleyo basebenzisa ixesha nezinto zabo zexabiso behamba imigama emide ukuze barekhode umculo ukuze kungenelwe abazalwana ehlabathini lonke. Bonke banobuchule bokucula. Lo mculo weokhestra uthunyelwa kumasebe asehlabathini lonke ukuze usetyenziswe kwiindibano naxa kurekhodwa amaculo ngezinye iilwimi zasekuhlaleni. Iingoma ezininzi eziye zarekhodwa kula masebe ziyafumaneka kwiWebhusayithi ethi www.jw.org yaye ungazikhuphela.

Bathini abantu ngeculo elitsha elithi, Culela UYehova? Amakhulukhulu eeleta ezivela kubantu abanoxabiso ayafana nale yalo dade, owathi: “Okokuqala, mandithi ndiyabulela ngeengoma ezimnandi ezikwiculo lethu elitsha. Zichukumis’ intliziyo, zomelez’ ukholo yaye ziyathuthuzela—zisisipho esihle esivela kuYehova.”

Sinqwenela ukuba iculo elithi Culela UYehova lithuthuzele lize likhuthaze abazalwana abasehlabathini lonke. Enoba sisedwa okanye sihlanganisene namanye amaKristu, ngamana singasebenzisa eli culo ukuze sibonise indlela esimthanda ngayo uBawo wethu wasezulwini, uYehova.

‘UKURHOLELWA PHAMBI KWEERHULUNELI NOOKUMKANI . . . UKUZE KUBE BUBUNGQINA’

UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba babeza kusiwa “kwiinkundla zasekuhlaleni” naphambi “kweerhuluneli nookumkani.” Sekunjalo, wathi oko yayikukuze kube “bubungqina kubo nakwiintlanga.” (Mat. 10:17, 18) Ebudeni bonyaka ophelileyo, amaNgqina kaYehova aye akubona oko kwaprofetwa nguYesu. Kwakhona, njengokuba iNkosi yawo yatsho, ukuphathwa kakubi kwawo kuye kwawavulela ithuba lokunikela ubungqina.

EArmenia

UVahan Bayatyan, oliNgqina likaYehova wagwetywa iminyaka emibini enesiqingatha entolongweni ngenxa yokuba isazela sakhe singamvumeli ukuba aye emkhosini. Emva kokuba zonke iinkundla zaseArmenia zimfumanise enetyala, ngowama-2003 wabhenela kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Ekugqibeleni, ngo-Oktobha 27, 2009, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu nayo yamfumanisa enetyala lo mzalwana ngokuvisisana nesigwebo esabekwa kwiminyaka engama-50 eyadlulayo. Noko ke, enye ijaji yaba noluvo olwahlukileyo isithi esi sigwebo “asihambisani nemilinganiselo yaseYurophu ekhoyo namhlanje ngokuphathelele ukwala ukuya emkhosini ngenxa yesazela.”

Ngenxa yokubaluleka kwalo mbandela, le Nkundla yaseYurophu yavuma ukuwudlulisela kwiSigqeba sayo. Lo mbandela kwakuza kuthethwa ngawo ngoNovemba 24, 2010 eStrasbourg, eFransi. Isigqibo seSigqeba besingekaziwa ngexesha kushicilelwa le ngxelo.

EAzerbaijan

Kusenzima ukuba amaNgqina kaYehova afumane uncwadi. Abasemagunyeni bayazivumela ezinye iincwadi zonqulo ukuba zingene kwelo lizwe kodwa abazivumeli ezinye kuba bathi “zifundisa ukuba amaNgqina kaYehova lulo kuphela unqulo oluchanileyo yaye zikhubekisa ezinye iinkonzo zamaKristu.” Ngenxa yoko, imizi yabanye abazalwana noodade iye yagqogqwa kwaza kwathathwa iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni.

NgoAprili 25, 2010, kwisixeko saseQazax, amaNgqina kaYehova amalunga nama-250 ayehamba ngeebhasi ezintlanu neeteksi njengoko ayevela kwindibano eGeorgia. Amapolisa awayekumda athatha uncwadi lwawo olusekelwe eBhayibhileni, kuquka neeBhayibhile ezingama-33. AmaNgqina amaninzi nkqu nasele ekhulile naneziphene ahlaliswa kwimida kangangeeyure ezisibhozo ngaphambi kokuba avunyelwe ukuba aqhubeke nohambo. Ukuze iziganeko ezinjengezi zingaphindi zenzeke nokuze kuqinisekiswe ukuba abazalwana baseAzerbaijan bayakufumana ukutya kokomoya, lo mbandela uye wadluliselwa kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu.

EBelarus

NgoNovemba 6, 2009, uDmitry Smyk oliNgqina likaYehova wahlawuliswa iR7 835 ngenxa yokwala ukuya emkhosini. Umzalwana uSmyk wathi: “Ndizama ukuthobela iBhayibhile kuyo yonke into endiyenzayo yaye ndiphila ngokuvumelana neemfundiso zayo. Kum, oko kuquka ukukholelwa ukuba umntu akafanele aqeqeshelwe imfazwe okanye alwe.”—Isa. 2:1-4.

Nangona uMgaqo-siseko waseBelarus usithi abantu banelungelo lokwenza omnye umsebenzi kunokuya emkhosini, awukho umthetho ocacileyo olungiselelwe oko. UMzalwana uSmyk wathi: “Umgaqo-siseko ubonakala undivumela ukuba ndenze omnye umsebenzi kodwa loo nto ayikwazi kwenzeka.”

Ukuze kulungiswe le ngxaki, ngoFebruwari 18, 2010, umongameli waseBelarus waseka ikomiti ukuze ibhale umthetho ngokuphathelele eminye imisebenzi. Kungekudala emva koko, inkundla yafumanisa ukuba uMzalwana uSmyk akanatyala yaye yasirhoxisa isigwebo semali awayeza kuyihlawula. Ngenxa yokuba amanye amaNgqina aselula ejamelene nemeko efanayo yaye engafuni ukufunda imfazwe, sinethemba lokuba urhulumente uya kwenza ilungiselelo leminye imisebenzi.

EBelgium

De yaba ngowe-1993, iBheteli yaseBrussels, eBelgium, ibingahlawuliswa rhafu njengokuba kunjalo nangezinye izakhiwo zonqulo. Noko ke, ngowe-1993 abasemagunyeni bala ukungayihlawulisi ngokupheleleyo irhafu. Babesithi iBheteli ayisetyenziselwa unqulo kuphela, enye yeenjongo zayo kukwenza imali yaye abasebenzi baseBheteli abekho kwinkonzo yexesha elizeleyo. Eli tyala laya enkundleni ngowama-2008 kodwa ijaji yaxhasa abasemagunyeni. Kwafakwa isibheno yaye ngoMeyi 4, 2010, inkundla yezibheno yasiphikisa isigqibo senkundla. Kwisigqibo sazo, iijaji ezintathu zathi: “Ubomi bamaNgqina ahlala eBheteli bunento yokwenza nonqulo nto leyo efuna azinikele ngokupheleleyo kwinkonzo kaThixo. . . . Onke Angamalungu Elungiselelo Lehlabathi Lonke Labakhonzi Abakwinkonzo Ekhethekileyo Yexesha Elizeleyo yaye ahlala kunye, athandaze, acule aze afunde iBhayibhile. Kwakhona onke abakho kunqulo lwakusasa.”

E-Eritrea

AmaNgqina kaYehova ase-Eritrea kusafuneka enyamezele ubunzima ngenxa yokukhonza kwawo uThixo ngokunyaniseka. Sithethanje angama-58 amaNgqina asentolongweni, kuquka abafazi nabantwana. Ngenxa yemithetho engqongqo karhulumente nokoyika ukuvalelwa, kunzima ukwazi ukuba kwenzeka ntoni kumaKristu asentolongweni. Sele kuyiminyaka amaNgqina kaYehova ezama ukuthetha nabasemagunyeni ukuze ancede abazalwana babo base-Eritrea. AmaNgqina aye athetha neU.S. Department of State, iEuropean Union nonoozakuzaku abahlukahlukeneyo. Kwakhona aye athetha nezikhulu eziliqela zaseAfrika njengezo zikwiManyano Yamazwe AseAfrika. Kutshanje amaNgqina kaYehova aye abhala ileta eyayinamagama amabanjwa angekho kubudala bokuya emkhosini aza ayithumela kwiiofisi zonoozakuzaku base-Eritrea. Le leta yayibongoza uMongameli uAfewerki ukuba akhulule onke amabanjwa ayengekho kwiminyaka yokuya emkhosini kuquka abantwana nabantu abalupheleyo. Ukuza kuthi ga ngoku urhulumente akakaphenduli.

EGrisi

NgoJanuwari 15, 2010, iCouncil of State, eyona nkundla iphakamileyo yaseGrisi yathi uEvangelos Delis oliNgqina likaYehova unelungelo lokwala ukuya emkhosini. Ngaphambi kokuba abe liNgqina likaYehova, uMzalwan’ uDelis wayekade esemkhosini kodwa xa waphinda wabizwa wala kuba isazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile sasingamvumeli. Nangona sakhatywa isicelo sakhe, iCouncil of State yacaphula umthetho okwiEuropean Convention of Human Rights yaza yathi umntu unalo ilungelo lokutshintsha unqulo lwakhe naxa ekhe waba semkhosini yaye unokwala ukubuyela ngenxa yeenkolelo zakhe ezintsha. Ngokuqinisekileyo esi sigqibo senkundla ephakamileyo yaseGrisi siza kuba yingenelo nakwabanye abantu belo abalayo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo kuquka nabamanye amazwe, njengaseArmenia, eAzerbaijan, eMzantsi Korea, naseTurkey.

EPortugal

NgoSeptemba 25, 2009, iSebe Lezobulungisa lathi livumelene ngamxhelo-mnye ukuba amaNgqina kaYehova lunqulo ekudala lukho. Ngoku amaNgqina kaYehova asePortugal agqalwa njengonqulo olusemthethweni, nto leyo eza kuwanceda ashumayele. Zininzi iingenelo eziza kufunyanwa ngabantu bakaYehova ngenxa yale meko yabo intsha. Ezi ngenelo ziquka ukuba namaNgqina abhalisa umtshato ngokusemthethweni kwiiHolo zoBukumkani nelungelo lokuya ezibhedlele nasezintolongweni ukuze afundise abantu iBhayibhile.

EPuerto Rico

NgoJanuwari 27, 2010 iNkundla Ephakamileyo yasePuerto Rico yenza isigqibo esibalulekileyo sokuba umntu omdala osisigulana unelungelo lokungazamkeli ezinye iindlela zonyango. Kwakhona le Nkundla yathi, isigulana sinelungelo lokuba nekhadi legazi size sikhethe umntu oza kusimela xa singakwazi ukuzithethelela. UVictor Hernandez, oliNgqina kaYehova walungisa ikhadi lakhe legazi ngaphambi kokuba aye esibhedlele. Inkundla kamantyi ayizange ifune ukuthobela isigqibo sikaMzalwana uHernandez esasixhaswa ngummeli wakhe kwezonyango. Xa yayiphikisa eso sigwebo, iNkundla Ephakamileyo yathi “umntu unelungelo elingenakuphikiswa lokukhusela umzimba wakhe.” Kolu loyiso akuzi kungenelwa nje kuphela amaNgqina kaYehova asePuerto Rico angaphezu kwama-25 000 kodwa kuza kungenelwa zonke izigulana zeso siqithi.

ERashiya

Kwezi nyanga zakutshanje umsebenzi wabantu bakaYehova okhokelwa ngumoya oyingcwele uye wajamelana nenkcaso engazange ibonwe ukususela oko kwawa iSoviet Union. NgoDisemba 8, 2009, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya yaxhasa isigqibo senkundla yaseRostov esakhokelela ekuvalweni komlomo wamaNgqina aseTaganrog, kwahluthwa iHolo yoBukumkani yawo kwaza kwathiwa iincwadi zethu ezingama-34 ezifundwa ngokubanzi njengethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile nethi “Yiba Ngumlandeli Wam,” zibaxiwe.

Kwiiveki ezimbalwa kamva, iNkundla Ephakamileyo yaseAltay Republic ekumazantsi eRashiya yenza isigqibo esifanayo ngokuphathelele amaNgqina esixeko saseGorno-Altaysk, nto leyo eyakhokelela ekubeni kuthiwe ezinye iimpapasho ezili-18 nazo zineembono ezibaxiweyo. Okwangoku kusenzima ukuthumela ezi mpapasho eRashiya ngenxa yezi zigqibo zenkundla. Ukongezelela, loo nto iye yabangela ukuba neentshaba zamaKristu zibe nesibindi sokusongela nokuhlasela aba bantu bathand’ uxolo kwizixeko ezahlukeneyo. Ukususela kwisigqibo esenziwa ngoDisemba 8, abazalwana baye bahlaselwa, babanjwa, kwagqogqwa imizi yabo baza baphazanyiswa nangezinye iindlela ubuncinane izihlandlo ezingaphezu kwama-300.

Ngenxa yale nkcaso, iQumrhu Elilawulayo liye layalela ukuba kusasazwe iikopi ezizigidi ezili-12 zephecana elinomxholo othi Could It Happen Again? A Question for the Citizens of Russia. Eli phecana lalithetha ngokufana okukhoyo phakathi ngokuphathwa kakubi kwamaNgqina kaYehova ngamaKomanisi neengxaki ajamelane nazo ngoku. AmaNgqina kaYehova alisasaza eli phecana likhethekileyo kwiRashiya yonke phakathi kukaFebruwari 26 no-28, 2010. Amabandla amaninzi asisasaza sonke isixa sawo sala maphecana ngeentsuku nje ezimbini nangona imozulu yayiqhaqhazelis’ amazinyo.

NgoAprili 26, 2010, iFederal Service for the Oversight of Communications, i-Information Technology and Mass Communications (Roskomnadzor) yakuvala ukuthunyelwa kwamaphephancwadi iMboniselo noVukani!

Noko ke, “isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi.” (Isa. 59:1) NgoJuni 10, 2010, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yenza isigqibo esibalulekileyo nxamnye neRashiya nesasixhasa izilangazelelo zoBukumkani. Isigwebo seli tyala elaliphakathi kwamaNgqina kaYehova aseMoscow neRashiya sathi, ukuhluthwa kwezinto zamaNgqina kaYehova nokuvalw’ umlomo kwawo kwakungekho mthethweni yaye kwakusaphula ilungelo lomntu lokuba neembono zakhe, isazela nonqulo. Ukususela ngoMatshi  26, 2004 amaNgqina ebevalwe umlomo eMoscow, nto leyo eye yakhokelela ekubeni ahlaselwe aze axhatshazwe nangakumbi. Esi sigwebo senkundla yaseYurophu salikhupha latsola elokuba urhulumente waseRashiya “unyanzelwa ngumthetho . . . ukuba akuphelise ukuxhatshazwa kwamaNgqina okwafunyaniswa yiloo Nkundla aze awulungise kangangoko kunokwenzeka umonakalo obangelwe kuko.”

Olu loyiso luyafana nolo luye lwafunyanwa ngamaNgqina kaYehova kwiinkundla eziphakamileyo ezisithoba zaseKhanada, eJapan, eRashiya, eMzantsi Afrika, eSpeyin, eUnited Kingdom naseUnited States kuquka nezinye izigqibo zangaphambili ezisibhozo ezawiswa yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ezixhasa amaNgqina kaYehova. Ngokwenjenjalo, le Nkundla yaseYurophu iye yaqinisekisa ukuba isakholelwa ukuba izigqibo zayo zangaphambili zazichanile. Icaphula iEuropean Convention of Human Rights nezigqibo zayo zangaphambili, le nkundla yafumanisa ukuba amaNgqina kaYehova amsulwa kuzo zonke izityholo awayetyatyekwa zona ngurhulumente waseRashiya.

Inkundla yathi: “AmaNgqina kaYehova ebekho yaye esebenza ngokusemthethweni eMoscow ngaphezu kweminyaka elishumi elinesibini ukususela ngowe-1992 ukuya kowama-2004. Ngalo lonke eli xesha aba bantu, abadala babo kuquka namalungu ale cawa akazange afunyaniswe enatyala lanto.” Ngenxa yoko, inkundla yathi amalungelo amaNgqina kaYehova anyashwa yaza yahlabela mgama isithi, “urhulumente unyanzelwa ngumthetho . . . ukuba atyumbe . . . izinto ezisemthethweni aza kuzenza ukuze aphelise ukuxhatshazwa okufunyaniswe yiNkundla.”

NgoSeptemba 9, 2010, urhulumente waseRashiya wabhenela kwiSigqeba sale Nkundla kubonakala ukuba uzama nje amaqhinga okungakhawulezi enze njengoko wayeyalelwe yinkundla. Enoba uYehova uyasivumela isigqibo seSigqeba okanye akunjalo, sinokuqiniseka ukuba kuza kuqhubeka kunikelwa ubungqina.

ESerbia

Emva kwempikiswano eyaqhubeka kangangeminyaka emine, iSebe Lemibandela Yezonqulo yaseSerbia ekugqibeleni ide yavuma ukubhalisa ngokusemthethweni “amaNgqina kaYehova—Unqulo LwamaKristu” kuLuhlu lweeCawa zaseSerbia. Ngaphambi koko, eli sebe lalikhabe izicelo zamaNgqina ezithathu nangona aBafundi beBhayibhile beZizwe ngeZizwe njengoko ayekade esaziwa njalo amaNgqina kaYehova, babekho kwelo ukususela ekuqaleni kweminyaka yee-1920. Noko ke, emva kokuba iNkundla Ephakamileyo yaseSerbia ikhuphe izigwebo ezibini ezixhasa amaNgqina, iSebe Lemibandela Yezonqulo lavuma ukuwabhalisa.

Ngaphambili iintshaba ebezincediswa ngamajelo eendaba bezisoloko zizama ukudyobha amaNgqina kaYehova ngokuthi alihlelo eliyingozi. Siqinisekile ukuba ukubhaliswa ngokusemthethweni kuza kunceda abantu baseSerbia abanyanisekileyo ukuba babone ukuba amaNgqina kaYehova ngabantu abalungileyo abahlonela umthetho nabangeyongozi kuluntu ngokubanzi okanye nakubantu ngabanye. Ingenelo yokuqala yokubhaliswa kukuba, iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni nezinye ezinto ezisetyenziswa kwiintlanganiso naxa kushunyayelwa ziyakwazi ukuthunyelwa kwelo ngaphandle kokuhlawula irhafu.

ESlovenia

NgoNovemba 27, 2009, “amaNgqina kaYehova—Unqulo LwamaKristu” abhaliswa kuluhlu lweecawa olugcinwa ngurhulumente weRepublic of Slovenia. Umlawuli weOfisi karhulumente ejongene nemicimbi yonqulo waxelela abameli bethu ukuba kwiicawa namaqela angama-40 aseSlovenia, “amaNgqina kaYehova—Unqulo LwamaKristu” yinkonzo yesibhozo ukubhaliswa ngaphantsi koMthetho weNkululeko yoNqulo. Oku kuza kubangela ukuba amaKristu akwinkonzo yexesha elizeleyo axhamle kwiingenelo ezithile urhulumente azinika abo basebenzela unqulo ngokusisigxina.

ETurkey

AmaNgqina kaYehova aseMersin ayesele eneminyaka engama-20 esebenzisa iHolo yawo yoBukumkani. NgoAgasti 2003 abasemagunyeni bathi ayakhiwanga ngokwemilinganiselo eyamkelekileyo. Nangona abazalwana bazama ukuyicombulula le ngxubakaxaka ngokubhenela ezinkundleni, ngoDisemba 30, 2009, eyona nkundla iphakamileyo yaseTurkey yasikhaba ngawo omane isicelo sabo. Sithethanje baye babhenela kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu.

ABAZALWANA BABONISA UTHANDO EHAITI

NgoJanuwari 12, 2010, inyikima enkulu yahlasela ikomkhulu laseHaiti iPort-au-Prince neendawo eziyingqongileyo. Kwasweleka amakhulu amawaka abantu yaye abaninzi baphulukana namakhaya abo. AmaNgqina kaYehova angamawaka aliqela alahlekelwa ngamakhaya awo yaye kwasweleka ali-154. Amanye amaninzi enzakala kakhulu okanye asinda cebetshu.

UAcloque wayesekhaya ukuqala kwaloo nyikima. Wawelwa ziindonga waza wacinezelwa yisilingi. Noko ke, akazange enzakale kakhulu yaye waqalisa ukuphuthaphutha ngezandla zakhe kobo bumnyama. UAcloque uthi: “Ndabamba iemele yamanzi. Yayingashukumi, kodwa ndakwazi ukufaka isandla kuyo ndaza ndakha amanzi. Kwakhona, ndafumana ilitye ndaza ndalibethekisa ukuze ndiviwe ngabantu.” Waqalisa ukuthandazela uncedo waza waqhubeka ebethekisa eli litye.

UAcloque uthi: “Ndandingalazi ixesha ngenxa yokuba ndandingenawotshi. Ekuqaleni ndalila yaye ndambongoza uYehova ukuba andihlangule. Kodwa njengokuba ixesha lalihamba, umthandazo wam watshintsha. Ndathandaza ndathi, ‘Ndiyayazi into yokuba uza kundivusa. Kodwa ndisemtsha! Ukuba andifi, ndiya kuqhubeka ndikukhonza.’”

UAcloque waya ephelelwa ngamandla yaye ekugqibeleni akazange akwazi ukubethekisa ilitye lakhe. Emva koko waf’ isiqaqa.

Xa uAcloque wabuyela ezingqondweni, abahlanguli abangamaNgqina bazama ukumkhupha. Uthi: “Ngokukhawuleza iindonga zawela ngasemlenzeni wam. Ndaqonda ukuba xa zisiwa kwakhona ziza kundibetha edolweni ngoko ndafaka isandla ngaphantsi kodonga ndaza ndabamba ingalo yomnye wabahlanguli.” Kungekudala uAcloque wakhutshwa. Wayevaleleke ngaphantsi kwaloo ngqushu kangangeentsuku ezine.

UNCEDO OLUKHAWULEZILEYO

Kwiiyure nje ezingama-24, kwafika ugqirha wokuqala oliNgqina esuka kwisebe laseDominican Republic. Emva kwakhe kwafika nelinye iqela lamaNgqina elinolwazi ngezonyango nokuhlangula kunye nezinto zokunceda ezazithunyelwe ngabazalwana. Kwenziwa isibhedlele sokwexeshana esebeni yaye kwanyangwa abantu abangaphezu kwe-1 000 abangamaNgqina nabangengawo.

Phakathi kwabantu ababenyangwa apho kwakukho amantombazana amabini ayeqhawuke iingalo zasekunene. UMylène osebenza esebeni uthi: “Njengabo bonke abantu abangatshatanga ababeqhawukelwe ziingalo okanye imilenze, la mantombazana ayenexhala lokuba akazi kutshata okanye abe nentsapho.” Ngenxa yoko, uMylène waqhagamshelana nomnye udade waseFransi amaziyo nowaqhawukelwa yingalo kwingozi yemoto esengumntwana, waza wamcela ukuba akhuthaze la mantombazana mabini. Lo dade waseFransi wabathumelela iifoto zakhe, ezomyeni wakhe nezabantwana bakhe ababini abahle. Kwawathuthuzela la mantombazana ukubona ezi foto yaye sithethanje azama ukuqhelana nale meko yawo intsha.

Ngaphandle kokutya, impahla namayeza, abantu abasindileyo babedinga izindlu ngokungxamisekileyo. Amatshantliziyo angamaNgqina aseHaiti nasuka kwamanye amazwe akha izindlu zokwexeshana ezingaphezu kwe-1 700 ukuze akhusele iintsapho zamaNgqina awayedilikelwe zizindlu, kwimvula nakwezinye izinto. NgoJuni la matshantliziyo ayesele eqalile ukwakha iiHolo zoBukumkani zokwexeshana yaye ngoJulayi abasemagunyeni banika abazalwana imvume yokwakha iiHolo zoBukumkani.

UKUNYANGWA EMZIMBENI, NGOKWEMVAKALELO NANGOKOMOYA

NgoMatshi, ugqirha oliNgqina oyincutshe ekunyangeni abantu abadla ngokugula emva kokubona intlekele ethile wadibana nabadala bamabandla ali-115 awayechaphazelekile. Lo gqirha wacebisa abadala ngendlela yokunceda ngokomoya amalungu amabandla abo aza kube ekhathazekile ngokweemvakalelo. Emva koko, lo gqirha wathetha nabazalwana noodade ababedinga unyango olukhethekileyo ababengaphezu kwe-100.

Kungekudala emva kwenyikima, uDavid Splane weQumrhu Elilawulayo waya eHaiti ukuze athuthuzele aze akhuthaze abazalwana. Umzalwan’ uSplane, okwaziyo ukuthetha isiFrench, wanikela intetho kwindibano yesiphaluka, wathetha nentsapho yaseBheteli, abathunywa bevangeli nabaveleli besiphaluka. Bonke baluxabisa uthando nenkxalabo yakhe kunye nendlela elabanyamekela ngayo iQumrhu Elilawulayo.

Nangona kwakubonakala ngathi ayinakwenzeka loo nto, INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yolwimi lwesiCreole saseHaiti yagqitywa, yashicilelwa yaza yathunyelwa esebeni. Ezi Bhayibhile zintsha zafika kwiiyure ezimbalwa ngaphambi kokuba zikhululwe endibanweni yesithili ngoJulayi. Kuso sonke eso siphithiphithi besisenzeka ngowama-2010, ukususela ekufikeni koncedo lokuqala ukuza kuthi ga ngoku, wonke umntu obebandakanyekile uye wazibonela ngokwakhe indlela uYehova aye wabalathisa waza wabaxhasa ngayo abantu bakhe ngeendlela ezinkulu nezincinane. Izinto ebezifuneka, izinto zokuthutha kunye nabantu bafika ngexesha elifanelekileyo ngendlela ebingenakwenzeka ngaphandle koncedo lukaThixo. Omnye umthunywa wevangeli wathi: “Kwakufanele ube lapha ukuze uzibonele indlela uYehova abaxhasa ngayo abantu bakhe.”

UKUNIKEZELWA KWAMASEBE KUZUKISA UTHIXO

AmaNgqina kaYehova akwiiSolomon Islands akasoze awulibale umhla kaFebruwari 13, 2010. UStephen Lett, weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yokunikezela isebe elitsha lalapho. Phakathi kwabantu abangama-368 ababelapho kwakukho iNgqina lokuqala lalapho uClement Fa’abasua. Kwisithuba esingangenyanga ngaphambi koko kwakumenywe abantu abahlala kufutshane nesebe ukuba baze kuzibonela eli sebe litsha yaye kwafika abantu abangama-273. Omnye umntu owayelapho oligcisa lokwakha wabhala kwiphepha lalapho elaziwayo wathi: “Esi sakhiwo sisemagqabini. Singumzekelo wokubonisa bonke abantu bakwiiSolomon Islands oko kunokwakhiwa kungakhathaliseki ukuba kwakhelwa bani. Sinokulikhupha litsole elokuba umntu ozobe iplani yesi sakhiwo, abakhi kunye nabalawuli baso, benze isakhiwo esingayiwayo.”

NgoMgqibelo, ngoAprili 3, 2010 kwanikezelwa isebe lase-Estonia. Abantu abangama-438 ababelapho balunandipha ucwangciso olwaluquka intetho yonikezelo eyayinikelwa nguChristian Muntean. Abazalwana bathenga isakhiwo esinemigangatho emibini esikufutshane nesebe kwinkampani yamanzi yasekuhlaleni. Kwesi sakhiwo silungisiweyo kukho amagumbi okurekhoda kunye negumbi lezikolo, njengeSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshtanga.

Isebe laseLatvia eliselumelwaneni lanikezelwa ngoAprili 10, 2010. Emva kokuba iindaba ezilungileyo zishunyanyelwe eLatvia ngowe-1918, umsebenzi wethu uye wachaswa. Kodwa ngoku umsebenzi wokushumayela uyanda eLatvia, yaye kwakukho iindwendwe ezingama-248 kuquka nabazalwana noodade basekuhlaleni xa uChristian Muntean wayenikela intetho yonikezelo.

NgoMgqibelo, ngoMeyi 8, 2010, abantu abangaphezu kwama-2 200 baphulaphula intetho yokunikezelwa kwesebe laseParaguay eyayinikelwa nguGerrit Lösch weQumrhu Elilawulayo. Kwakwakhiwe indawo yokuhlala enamagumbi angama-32 kunye neeofisi kwaza kwalungiswa nendawo yokuhlala endala. Ukongezelela, kwaye kwakhiwa itanki lamanzi ngaphantsi komhlaba eliziilitha ezingama-40 000. Abasemagunyeni bawuthanda kwasekuqaleni umgangatho womsebenzi owenziwa ngamatshantliziyo asekuhlaleni navela kwamanye amazwe. Elinye igosa laseburhulumenteni lathi, izakhiwo zezinye iicawa ziye zaba neengxaki ezininzi kodwa amaNgqina kaYehova aziwa ngokwenza yonke into ngendlela efanelekileyo. Ngenxa yoko, akuzange kube nzima ukufumana imvume yokwakha isebe.

Kwisebe lasePapua New Guinea ngoMgqibelo, ngoMeyi 29, 2010, malunga nama-500 abazalwana noodade abasuka kumazwe ali-12 beza kuphulaphula intetho yonikezelo eyanikelwa nguWinston Payne osuka kwisebe laseOstreliya. Ezi zakhiwo zandisiweyo ziquka isakhiwo esinemigangatho emine esinamagumbi okulala, igumbi lokutyela, ikhitshi, igumbi lokuhlamba impahla; nesakhiwo esineHolo yoBukumkani neeofisi zokuguqulela ezithe gabalala. Kubantu ababelapho kwakukho iqela lamaNgqina elalihambe ngeenyawo kangangeentsuku ezintandathu linqumla ezintabeni. Eli qela lalinxibe impahla yesintu ebizwa ngokuba yiOrokaiva yaye baxhentsa baza bacula ukuze bamkele iindwendwe. Omnye udade oligqala, elila wachaza indlela abavakalelwa ngayo abantu abaninzi esithi: “Namhlanje ndivakalelwa ngokungathi sele ndiseParadesi!”

‘HLALANI NITHWALA ISIQHAMO ESININZI’

Ayithandabuzeki into yokuba imigudu yamaNgqina kaYehova iqhubeka izukisa uThixo. UYesu wathi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yoh. 15:8) Njengoko uYehova ebasikelela yaye ebalathisa ngothando baya ‘kuhamba ngokumfaneleyo uYehova baze bamkholise ngokupheleleyo njengoko beqhubeka bevelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo lusanda nolwazi lwabo oluchanileyo ngoThixo, besomelezwa ngawo onke amandla ukusa kumkhamo wamandla akhe azukileyo khon’ ukuze banyamezele ngokupheleleyo baze bazeke kade umsindo benovuyo.’—Kol. 1:10, 11.

[Umfanekiso okwiphepha 8]

UNatsue waphinda wafunda iBhayibhile

[Imifanekiso ekwiphepha 11]

Abaphandi baqinisekisa ukuchana kwenkcazelo

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Korea

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Mexico

[Imifanekiso ekwiphepha 14]

South Africa

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UStephen Lett ekwenye yeendibano zezizwe ngezizwe eHawaii

[Umfanekiso okwiphepha 22]

UDmitry Smyk

[Umfanekiso okwiphepha 25]

UEvangelos Delis

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Isatifikeyithi esivela kwiSebe Lezobulungisa

[Umfanekiso okwiphepha 33]

AmaNgqina anolwazi lwezonyango akhawuleza afika emva kwenyikima

[Umfanekiso okwiphepha 33]

Amatsha-ntliziyo angamaNgqina aseHaiti nawamanye amazwe akha iindawo zokuhlala zokwexeshana ezingaphezu kwe-1 700

[Umfanekiso okwiphepha 34]

Kwakhululwa “INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike” ngesiCreole saseHaiti

[Umfanekiso okwiphepha 36]

Ukwandiswa kwesebe lase-Estonia

[Umfanekiso okwiphepha 37]

Isebe laseParaguay

[Imifanekiso ekwiphepha 37]

UWinston Payne wanikela intetho yokunikezelwa kwesebe lasePapua New Guinea