Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

UThixo Uyijonga Njani Imfazwe?

UThixo Uyijonga Njani Imfazwe?

Ubuya kuwuphendula njani loo mbuzo? Abantu abaninzi bacinga ukuba uThixo uyakholwa yimfazwe. Bathi kwimihla yamandulo wayalela abanquli bakhe ukuba balwe iimfazwe, ibe neBhayibhile iyavuma. Noko ke, abanye bathi uYesu uNyana kaThixo, wafundisa abalandeli bakhe ukuba bazithande iintshaba zabo. (Mateyu 5:43, 44) Baqiqa ngelithi, kuyabonakala ukuba ngaxa lithile imbono kaThixo ngemfazwe yatshintsha, ngoku akasakholiswa yimfazwe.

Uthini wena? Ngaba uThixo uyakholwa yimfazwe? Ukuba kunjalo uxhasa liphi icala kwiimfazwe zanamhlanje? Ukufumana iimpendulo zale mibuzo kunokukunceda uphinde uyicingisise indlela ozijonga ngayo iimfazwe. Ngokomzekelo, ukuba ubusazi ukuba uThixo akapheleli nje ekukholisweni yimfazwe kodwa uxhasa icala lakho, ubuza konwaba kuba ubuza kube uqinisekile ukuba icala lakho liza kuphumelela. Kwangaxeshanye ubuza kuvakalelwa njani ukuba uThixo ebexhasa eli cala nilwa nalo? Ufanele ukuba ubuza kutshintsha amacala.

Kukho into ebaluleke ngakumbi ebandakanyekileyo. Ukwazi indlela ayijonga ngayo uThixo imfazwe kunokuchaphazela indlela omjonga ngayo uThixo. Ukuba uphakathi kwezigidi eziye zaphatheka kabuhlungu ngenxa yemfazwe, ngokuqinisekileyo kufuneka uyifumane impendulo yombuzo othi, ngaba uThixo uthanda imfazwe njengoko abantu abaninzi becinga njalo, uvumela okanye ukhuthaza imfazwe ukuze abantu baxhwaleke, okanye akakunanzi ukuphatheka kakubi kwabantu abacinezelekileyo?

Uza kukhwankqiswa kukufumanisa ukuba impendulo yeBhayibhile yahluke gqitha kuzo zonke ezo zimvo. Ukususela mandulo ukuza kuthi ga namhlanje, imbono kaThixo ngemfazwe ayitshintshanga. Makhe sive ukuba ithini iBhayibhile ngendlela uThixo awayeyijonga ngayo imfazwe kumaxesha amandulo naxa uYesu wayesemhlabeni. Loo nto iza kusinceda sibone indlela uThixo ayijonga ngayo imfazwe namhlanje, nokuba iya kusoloko ikho kusini na.