Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Kutheni kubalulekile ukuba sikhumbule ukufa kukaYesu?

Ukufa kukaYesu kwenza sibe nethemba lekamva elinjani?—Isaya 25:8; 33:24

Ukufa kukaYesu sesona siganeko sibalulekileyo embalini—wafa ukuze abuyisele ubomi babantu kwinto obumele bube yiyo kakade. Umntu akazange adalwe eneengcinga zokwenza izinto ezimbi, agule okanye afe. (Genesis 1:31) Isono saqala emhlabeni ngenxa yendoda yokuqala, uAdam. UYesu wancama ubomi bakhe ukuze asisindise kwisono nokufa.—Funda uMateyu 20:28; eyabaseRoma 6:23.

Indlela uThixo asithanda ngayo yamenza wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuze asifele. (1 Yohane 4:9, 10) UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe besebenzisa isonka newayini. Ukwenjenjalo nyaka ngamnye kuya kubonisa indlela esiluxabisa ngayo uthando lukaThixo nolukaYesu.—Funda uLuka 22:19, 20.

Ngubani omele atye kwesi sonka newayini?

Xa uYesu wayexelela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe, wathetha ngomnqophiso okanye isivumelwano. (Mateyu 26:26-28) Esi sivumelwano savula ithuba lokuba bona kunye nenani eliqingqiweyo labantu, babe ngookumkani nababingeleli kunye naye ezulwini. Nangona izizigidi zabantu abakhumbula ukufa kukaYesu, ngaba kulo mnqophiso kuphela abatyayo kwisonka newayini.—Funda iSityhilelo 5:10.

Sekumalunga neminyaka eyi-2 000 uYehova ekhetha abo baza kuba ngookumkani. (Luka 12:32) Bona bambalwa kunabo baza kuphila emhlabeni ngonaphakade.—Funda iSityhilelo 7:4, 9, 17.