Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
Kutheni kubalulekile ukuba sikhumbule ukufa kukaYesu?
Ukufa kukaYesu sesona siganeko sibalulekileyo embalini—wafa ukuze abuyisele ubomi babantu kwinto obumele bube yiyo kakade. Umntu akazange adalwe eneengcinga zokwenza izinto ezimbi, agule okanye afe. (Genesis 1:31) Isono saqala emhlabeni ngenxa yendoda yokuqala, uAdam. UYesu wancama ubomi bakhe ukuze asisindise kwisono nokufa.—Funda uMateyu 20:28; eyabaseRoma 6:23.
Indlela uThixo asithanda ngayo yamenza wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuze asifele. (1 Yohane 4:9, 10) UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe besebenzisa isonka newayini. Ukwenjenjalo nyaka ngamnye kuya kubonisa indlela esiluxabisa ngayo uthando lukaThixo nolukaYesu.—Funda uLuka 22:19, 20.
Ngubani omele atye kwesi sonka newayini?
Xa uYesu wayexelela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe, wathetha ngomnqophiso okanye isivumelwano. (Mateyu 26:26-28) Esi sivumelwano savula ithuba lokuba bona kunye nenani eliqingqiweyo labantu, babe ngookumkani nababingeleli kunye naye ezulwini. Nangona izizigidi zabantu abakhumbula ukufa kukaYesu, ngaba kulo mnqophiso kuphela abatyayo kwisonka newayini.—Funda iSityhilelo 5:10.
Sekumalunga neminyaka eyi-2 000 uYehova ekhetha abo baza kuba ngookumkani. (Luka 12:32) Bona bambalwa kunabo baza kuphila emhlabeni ngonaphakade.—Funda iSityhilelo 7:4, 9, 17.