Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Ndaqalisa Ukucinga Ngekamva lam.”

“Ndaqalisa Ukucinga Ngekamva lam.”
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1941

  • ILIZWE: EOSTRELIYA

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEYINDLAMANZI NENGEDLE

UBOMI BAM BANGAPHAMBILI:

Ndakhulela eWarialda, idolophu encinane eseNew South Wales. IWarialda yidolophu yamafama, ekufuywa kuyo iigusha, iinkomo, nekulinywa ingqolowa nezityalo ezincinane. Le dolophu icocekile kwaye ikhuselekile.

Ekubeni ndandingoyena mdala kubantwana abalishumi, ndaqalisa ukuphangela ndineminyaka eyi-13 ukuze ndincedise ekhaya. Ndandingafundanga kangako, ngoko ndafumana umsebenzi ezifama. Xa ndandina-15 ndanyamekela amahashe.

Zazininzi iingenelo zokusebenza ezifama. Ndandiwuthanda lo msebenzi kunye nendawo endandisebenzela kuyo. Ndandidla ngokotha umlilo ebusuku, ndibukele inyanga kunye nesibhakabhaka esimnyama njengoko kusitsho impepho emnandi ngorhatya. Ndikhumbula ndicinga ukuba, umel’ ukuba ukhona uMntu owadala zonke ezi zinto. Kodwa ngamanye amaxesha kwakukho izinto ezingalunganga endandizenza. Ndandisiva abantu bethuka, kwaye necuba lifumaneka lula. Nam ndaqalisa ukuthuka nokutshaya.

Xa ndandineminyaka eyi-18, ndafudukela eSydney. Ndazama ukungenela umkhosi kodwa andizange ndivunyelwe ngenxa yokuba ndandingafundanga. Ndafumana umsebenzi ndaza ndahlala eSydney ixesha elingangonyaka. Ndadibana namaNgqina kaYehova ngeli xesha. Ndamenyelwa ezintlanganisweni zawo, ndaza ndaya, ndabona zisuka ukuba izinto ababezifundisa ziyinyani.

Kungekudala emva koko ndabuyela ezifama. Ndahlala eGoondiwindi, eQueensland. Ndafumana umsebenzi, ndatshata ibe ngelishwa ndaqala nokusela.

Saba nabantwana ababini. Emva kokuba oonyana bam  bezelwe, ndaqalisa ukucinga ngekamva lam. Ndakhumbula into eyathethwa eSydney kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova.

Ndafumana ikopi endala yeMboniselo, eyayineadresi yeofisi yamaNgqina kaYehova aseOstreliya. Ndawabhalela ndicela uncedo. Kwaye athumela iNgqina elinobubele nelizithobileyo. Kungekudala emva koko, landifundisa iBhayibhile.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Njengoko ndandifunda iBhayibhile, ndaqonda ukuba ndimele ndenze utshintsho olukhulu ebomini bam. Ivesi yeBhayibhile eye yahlala inkenteza kum yeyesi-2 kwabaseKorinte 7:1. Le vesi isikhuthaza ukuba ‘sizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama.’

Ndagqiba kwelokuba ndiyeke ukutshaya nokunxila. Kwakungelulanga ukwenza ezi nguqu, kuba le mikhwa yayisele isegazini. Kodwa ndandizimisele ukwenza izinto ezithandwa nguThixo. Eyona nto yandincedayo ngulo mgaqo okumaRoma 12:2 othi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu.” Ndaqonda ukuba ukuze nditshintshe indlela endizenza ngayo izinto, kuza kufuneka kuqala nditshintshe idlela endicinga ngayo, ndize ndijonge imikhwa yam ngendlela uThixo ayijonga ngayo—njengeyingozi. UThixo wandinceda ndohlukana nokutshaya nokunxila.

“Ukuze nditshintshe indlela endizenza ngayo izinto, kufuneka kuqala nditshintshe indlela endicinga ngayo”

Eyona nto kwakunzima ukuyiyeka, kukuthuka. Ndandiwazi umbhalo wamaEfese 4:29 othi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu.” Nakuba kunjalo, kwakungelulanga. Kwandinceda kakhulu ukucingisisa ngamazwi akuIsaya 40:26. Xa ithetha ngeenkwenkwezi ezikhanyayo, le vesi ithi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.” Ndaqonda ukuba ekubeni uThixo wasebenzisa amandla amakhulu ukudala yonk’ into ekhoyo—zinto ezo ndithanda ukuzibuka—ngokuqinisekileyo unokundinika amandla okutshintsha ndenze izinto azithandayo. Ndathandaza kakhulu ndazimisela ukuyeka ukuthuka.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Kuba umsebenzi wam ikukunyamekela amahashe, andizange ndifumane xesha laneleyo lokudibana nabantu kuba babembalwa abantu ezifama. Kodwa ngenxa yemfundo endiyifumene kumaNgqina kaYehova, ndiye ndafunda indlela yokuthetha nabantu. Le mfundo iye yandinceda ndakwazi ukufundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo.Mateyu 6:9, 10; 24:14.

Kule minyaka idluleyo, ndiye ndonwabela ilungelo lokuba ngumdala webandla. Ndikugqala njengelungelo ukwenza nantoni na ukuze ndincede abantu endikhonza nabo. Kodwa ke eyona ntsikelelo inkulu, kukukhonza uYehova ngokuthembeka ndikunye nenkosikazi nabantwana bam abahle.

Ndiyayixabis’ into yokuba uYehova eye wafundisa umntu ongafundanga njengam. (Isaya 54:13) Ndivumelana ngokupheleleyo namazwi akwiMizekeliso 10:22 athi: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.” Mna nentsapho yam sijonge phambili ekufundeni ngakumbi ngoYehova, simkhonze de ibe ngunaphakade.