IMBONISELO Julayi 2013 | Ngaba Umele Uzithembe Iicawa?
Abantu abaninzi abasazithembi iicawa ngenxa yokuba baye baphoxeka. Funda okungambi ngecawa onokuyithemba.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Isizathu Sokuba Uhlole Iicawa?
Ukuba kukho icawa oyihambayo, kufana nokungathi ukholo lwakho ulubeka ezandleni zayo.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Emalini?
Ayikho imali enokuthenga iimfundiso zeBhayibhile, ndlela le ezixabiseke ngayo, ngoko zifanele zifunyanwe ngumntu wonke. Ukuba iicawa ozaziyo zisebenzisa iindlela ezichuliweyo zokufuna imali, ngaba loo nto iyavumelana neemfundiso zeBhayibhile?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Kumba Weemfazwe
UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathande ummelwane. Ngaba iinkonzo ziyawenza loo myalelo namhlanje?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Ekuziphatheni Okuhle?
Iinkokeli ezininzi azibamiselanga mzekelo mhle abantu ngokuziphatha. Ngaba uThixo uyikhathalele indlela esiziphatha ngayo?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ngaba Ikhona Inkonzo Onokuyithemba?
Ngaba ukhe waphoxeka enkonzweni? Ukuba kunjalo, kunokuba nzima ukuzithemba iinkonzo. Kunokukunceda njani ukufunda iBhayibhile?
IZINTO EZINOKWENZA INTSAPHO YONWABE
Ukunceda Umtshato Wakho Wesibini Uphumelele
Umtshato wesibini unokuba neengxaki ezingazange zibekho kowokuqala. Banokuphumelela njani abantu abatshatileyo?
SONDELA KUTHIXO
Uzalisa “Iintliziyo Zethu”
Mihla le uThixo uvumela nabantu abangenambulelo baxhamle kukulunga kwakhe.
IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU
“Andisacingi Ngokutshintsha Ihlabathi”
Ukufunda iBhayibhile kwalinceda njani iqhawe lomzabalazo lafunda ngeyona nto eya kuzisa utshintsho ebantwini?
UKUNCOKOLA NOMMELWANE
Ngaba UThixo Akabi Buhlungu Bububi Obusehlelayo?
Abanye abantu bayathandabuza ukuba uThixo ukho ngenxa yobubi ababubonayo. Funda indlela avakalelwa ngayo uThixo ngobubi obusehlelayo kwiLizwi lakhe.
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Abantu akhonto bangayizamanga besilwa ukuguga, sekunjalo, akakho umntu okhe waphila ngonaphakade. Kutheni?
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Kutheni AmaNgqina KaYehova Esiya Kubantu Abaneecawa Zabo?
Yintoni esenza siqhubeke sisiya ebantwini abaneecawa zabo?

