Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umbuzo 2: Kuza Kwenzeka Ntoni Xa Ndisifa?

Umbuzo 2: Kuza Kwenzeka Ntoni Xa Ndisifa?

UROMAN wayeseyinkwenkwana ukubhubha komhlobo wakhe osenyongweni kwingozi yemoto. Uthi: “Ukusweleka komhlobo wam kwandiphazamisa kanobom, kwakusele kudlule iminyaka yenzekile loo ngozi, ndizibuza ukuba kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa.”

Kutheni ebuza lo mbuzo nje?

Ukufa komntu akude kuqheleke. Kungakhathaliseki ukuba sibadala kangakanani ngeminyaka, asifuni kufa. Abantu abaninzi boyika oko kuza kwenzeka emva kokuba befile.

Bawuphendula njani abanye lo mbuzo?

Bakholelwa ukuba xa umntu ebhubha kukho inxalenye yakhe eqhubeka iphila. Bakholelwa ukuba abantu abalungileyo baza kuya ezulwini, ngoxa bona abangendawo beza kohlwaywa ngonaphakade. Abanye bacinga ukuba esakubhubha umntu uyalityalwa.

Zityhila ntoni ezo mpendulo?

Impendulo yokuqala ibonisa ukuba umntu akafi ngokwenene. Eyesibini ibonisa ukuba ubomi abunanjongo. Abo babambelele kule mbono yesibini banokuba nesimo sengqondo esisesi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.”—1 Korinte 15:32.

Yintoni efundiswa yiBhayibhile?

IBhayibhile ayifundisi ukuba xa umntu esifa inxalenye yakhe iqhubeka iphila. UThixo waphefumlela uKumkani uSolomon ukuba abhale athi: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Abo ‘bangazinto’ abayazi into eqhubekayo. Akukho nto bayivayo yaye akukho nto banokuyenza. Ngoko ke, abafi abanakubanceda okanye babenzakalise abo basadl’ amazimba.

Ngokwahlukileyo koko abantu abaninzi bakukholelwayo, uThixo wayengenanjongo yokuba abantu bafe. Wadala umntu wokuqala uAdam, wanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Ekuphela kwexesha ekwathethwa ngalo ngokufa kuAdam kuxa wayethetha ngesohlwayo sokungathobeli. Wamalela uAdam ukutya isiqhamo somthi othile waza wamlumkisa ngelokuba ukuba angatya kuwo,  “uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:17) Ukuba uAdam noEva babethobele, bona nenzala yabo eyayiza kunyaniseka kuThixo babeza kuphila ngonaphakade emhlabeni.

UAdam wakhetha ukungasinanzi isilumkiso sikaThixo. Esakungamthobeli uThixo wona, waza wafa. (Roma 6:23) Ayikho inxalenye ka-Adam eyaqhubeka iphila esakuba efile. Kunoko esakufa uAdam wayeka ukuphila. UThixo wathi kuAdam: “Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Ekubeni bonke abantu bevela kuAdam, isono nokufa sakufumana kuye.—Roma 5:12.

Nangona uAdam wakhetha ukungathobeli, uThixo uza kuyifezekisa injongo yakhe yokuba emhlabeni kuhlale inzala ka-Adam. (Genesis 1:28; Isaya 55:11) Kungekudala, uYehova uza kubuyisela ebomini uninzi lwabantu abaye bafa. Ethetha ngelo xesha umpostile uPawulos wathi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.

URoman, ocatshulwe ngaphambilana, wafunda iBhayibhile waza wabona oko ikufundisayo ngokufa nangoYehova uThixo. Izinto awazifundayo zamosela. Funda le ngxelo kwinqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu”.