Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UBukumkani BukaThixo Yimeko Yentliziyo?

Ngaba UBukumkani BukaThixo Yimeko Yentliziyo?

Ngaba UBukumkani BukaThixo Yimeko Yentliziyo?

Kwincwadi yakhe ethi Jesus of Nazareth, uPopu uBenedict XVI uthi: “UBukumkani bukaThixo bubonakala entliziyweni yomntu.” Kwabanye, uBukumkani bukaThixo buyiloo nto kanye—utshintsho olwenzeka ngaphakathi emntwini xa esamkela uYesu Kristu aze abe nokholo. Ngaba uBukumkani bukaThixo kukutshintsha nje komntu yaye ‘busentliziyweni’?

UYESU wayebuthanda uBukumkani. UPopu uBenedict uthi uBukumkani “yayiyeyona nto iphambili kwiintshumayelo zikaYesu.” Ebudeni bobulungiseleli bakhe obufutshane, uYesu wahamba kulo lonke elo lizwe, “eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani.” (Mateyu 4:23) Ngeemfundiso zakhe nangemimangaliso awayenzayo, uYesu wakwenza kwacaca ukuba uBukumkani abupheleli nje ekubeni kukwamkela komntu uThixo nokumthobela. Buquka ulawulo, ukugweba neentsikelelo ezingunaphakade.

Ulawulo Nomgwebo

Ngesinye isihlandlo ngasekupheleni kobulungiseleli bukaYesu, unina kaYakobi noYohane, abafundi bakaYesu asondeleyo kubo weza kuYesu wathi: “Khupha ilizwi lokuba aba nyana bam babini bahlale, omnye ngasekunene kwakho nomnye ngasekhohlo kwakho, ebukumkanini bakho.” (Mateyu 20:21) Kucacile ukuba, wayengathethi ngento esezintliziyweni zoonyana bakhe. Wayesazi ukuba uBukumkani babuquka ukulawula noYesu yaye wayefuna oonyana bakhe baxhamle kolu lawulo. UYesu wabathembisa abapostile bakhe abali-11 ukuba baya kuba seBukumkanini bakhe yaye baya ‘kuhlala ezitroneni’ baze ‘bagwebe’ kunye naye. (Luka 22:30) Kubalandeli bakaYesu, uBukumkani bakhe babuza kuba lulawulo lokwenene—urhulumente olungelelanisiweyo.

Kuthekani ngabanye abantu ababephila ngexesha likaYesu? Ngaba babesithi uBukumkani bulutshintsho olwenzeka ngaphakathi emntwini, okanye ngaba babelindele okungakumbi? Ngaphambi nje kwePasika yowama-33 C.E. xa uYesu wangena eYerusalem ekhwele iesile, zamamkela izihlwele ezinye zadanduluka zisithi: “Siyathandaza, sindisa uNyana kaDavide!” (Mateyu 21:9) Yintoni eyayibangela ukuba zidanduluke ngolo hlobo? Kubonakala ukuba zaziyiqonda into yokuba uYesu nguMesiya othenjisiweyo yaye uThixo wayeza kubunika yena uBukumkani obungunaphakade, “itrone kaDavide uyise.” Babekulangezelela ukusindiswa, uxolo, nokusesikweni okwakuza kuziswa bobo Bukumkani.—Luka 1:32; Zekariya 9:9.

Iintsikelelo Ezingunaphakade

Nabantu ababengenamdla ungako kubulungiseleli bukaYesu babeyazi eyona mfundiso yakhe ibalulekileyo. Xa uYesu wayeza kubulawa, isaphuli mthetho esasisecaleni kwakhe sambongoza sathi: “Yesu, uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” Waphendula wathini uYesu? Wayiqinisekisa le ndoda eyayisifa esithi: “Uya kuba nam eParadesi.”—Luka 23:42, 43.

Kubonakala ukuba lo mphangi wayekholelwa ukuba, emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wayeya kungena eBukumkanini. UYesu wayeya kuba nelungelo lokuyivusa le ndoda—kunye nezinye izigidi zabantu—yaye wayenomnqweno wokwenjenjalo. Esakuba ethweswe uLawulo kwelemimoya, uYesu wayeya kuzisa iintsikelelo eluntwini emhlabeni wonke ngoBukumkani ngonaphakade.—Yohane 5:28, 29.

UBukumkani Phakathi Kwabo

Ngaba uYesu akazange athi: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu”? Loo mazwi ayafumaneka kuLuka 17:21. Enyanisweni, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zithi “ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.” (Ngokomzekelo, funda IBhayibhile YesiXhosa) Wayethetha ukuthini uYesu ngaloo mazwi?

Umongo wala mazwi ubonisa ukuba uYesu la mazwi wayewabhekisa kwiqela lonqulo lamaYuda elalibizwa ngokuba ngabaFarisi. Babemqonda ngenye indlela uMesiya noBukumkani bakhe. Ngokutsho kwabo, uMesiya wayeza kuza “ngamafu amazulu” enguKumkani ozukileyo ukuze ahlangule amaYuda kumaRoma aze abuyisele uBukumkani bakwaSirayeli. (Daniyeli 7:13, 14) Noko ke, uYesu wabaxelela oku: “Ubukumkani bukaThixo abuzi ngembonakalo ephawulekayo.” Wolek’ umsundulo esithi: “Khangelani! ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.”—Luka 17:20, 21.

Nangona uYesu wayefundisa esenza nemimangaliso eyayikwenza kucace ukuba unguKumkani othenjisiweyo wobo Bukumkani, abaFarisi ababengenazinjongo zifanelekileyo nalukholo, basuka bamchasa nangakumbi. Babemthandabuza uYesu. Ngoko wababonisa ezi zibakala: UBukumkani, obabumelwa nguKumkani wabo, ‘babuphakathi kwabo.’ Akazange abacele ukuba babukhangele ngaphakathi kubo. a UYesu nabafundi bakhe babemi phambi kwabo. Wayesithi: “UBukumkani bukaThixo bukunye nani.”—Luka 17:21, iContemporary English Version.

UBukumkani Obuthanda Ngentliziyo Yakho

Nangona uBukumkani bukaThixo bungekho sezintliziyweni zabantu abangafezekanga, sifanele sibuthande ngentliziyo yethu yonke. Ngeemfundiso zakhe nemisebenzi yakhe enamandla, uYesu wazama ukwakha ukholo lwabaphulaphuli bakhe kulawulo oluza kuzisa uxolo lokwenene nonqabiseko. Wayefuna babenokholo olwaluza kuphucula ubomi babo. Wabafundisa ukuba bathandaze ngolu hlobo: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Abaninzi kwabo babemphulaphule uYesu bachukunyiswa ngamazwi akhe baza baba nokholo olwabenza bamlandela ukuze bafumane iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo.

Ngaba ungathanda ukuba nolu kholo? Yintoni omele uyenze ukuze wakhe olo kholo? Khumbula amazwi ayintshayelelo kaYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni eyaziwayo: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.” (Mateyu 5:3) Kutheni ungafundi iBhayibhile namaNgqina kaYehova ebekuzisele eli phephancwadi? Xa usenjenjalo uya kuba nethemba, kungekuphela ekutshintsheni wena siqu, kodwa kulawulo olulungileyo—uBukumkani obuya kuzisa uxolo nonqabiseko kubantu bonke.

[Umbhalo osemazantsi]

a Isimelabizo esithi “kwenu” sibhekisela kubaFarisi awayethetha nabo uYesu. Kucacile ukuba, uYesu wayengathethi ngotshintsho olwalusenzeka kubaFarisi okanye ezintliziyweni zabo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

Ngaba uBukumkani bukaThixo babusezintliziyweni zabachasi bakaYesu abanenkani nabangababulali?