Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Kuthethwa Kukwazi Igama LikaThixo

Oko Kuthethwa Kukwazi Igama LikaThixo

NGABA igama lakho linentsingiselo? Kwezinye iindawo abantu babathiya amagama anentsingiselo abantwana babo. Igama lomntwana lisenokubonisa iinkolelo zabazali okanye amathemba abanawo ngaye.

Akuyonto intsha ukuthiya abantwana ngamagama anentsingiselo. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu babedla ngokuthiywa amagama anentsingiselo ngenxa yendima ekwakulindeleke ukuba bayiphumeze. Ngokomzekelo, xa wayexelela uDavide ngendima eyayiza kuphunyezwa ngunyana wakhe uSolomon, uYehova wathi: “Uya kuba nguSolomon [igama elithetha “Uxolo”] igama lakhe, yaye ngemihla yakhe ndiya kumjizeka uSirayeli ngoxolo nokuzola.”—1 Kronike 22:9.

Ngamanye amaxesha uYehova wayemthiya igama elitsha umntu ngenxa yendima entsha awayeza kuba nayo. Umfazi ka-Abraham owayeludlolo wathiywa igama elithi Sara elithetha ukuthi “Nkosazana.” Kwakutheni? UYehova wathi: “Ndiza kumsikelela ndize ndikunike unyana ngaye; yaye ndiza kumsikelela abe ziintlanga; kuya kuphuma ookumkani bezizwana kuye.” (Genesis 17:16) Kuyacaca ke ngoko ukuba ukuqonda isizathu sokuba uSara afumane igama elitsha kuquka nokuqonda indima yakhe entsha.

Kuthekani ngegama likaYehova—elibaluleke ngaphezu kwawo onke amanye amagama? Lithetha ukuthini? Xa uMoses wabuza uThixo igama lakhe, uYehova wathi: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (Eksodus 3:14) Inguqulelo kaRotherham iyiguqulela kanje le vesi: “Ndiya kuba yiyo nantoni na endifuna ukuba yiyo.” Igama likaYehova libonisa ukuba ayikho into angakwaziyo ukuyenza uThixo. Ngokomzekelo: Umama kusenokufuneka abenzele izinto ezininzi abantwana bakhe—abe ngumongikazi, abe ngumpheki nomfundisi—kuye ngokwaloo nto efuna ukwenziwa. Kunjalo ke nangoYehova, nangona yena edlala iindima ezininzi. UYehova unokuba yiyo nantoni na afuna ukuba yiyo aze aphumeze nayiphi na indima ukuze afeze injongo yakhe ngoluntu. Ngaloo ndlela, ukwazi uYehova ngegama kuquka ukuqonda nokuhlonela iindima zakhe ezahlukahlukeneyo.

Okubuhlungu kukuba abantu abangamazi ngegama uThixo abakwazi kuyiqonda indlela obubuhle ngayo ubuntu bakhe. Noko ke, ukufunda iBhayibhile kuya kukwenza uziqonde iindima zikaYehova ezahlukahlukeneyo njengokuba nguMluleki olumkileyo, uMsindisi onamandla noMphi onobubele, xa sibala nje ezimbalwa. Imangalisa ngokwenene intsingiselo ebanzi yegama likaYehova.

Nakuba kunjalo, ukwazi uThixo ngegama akusoloko kulula. Inqaku elilandelayo liza kusibonisa isizathu saloo nto.