Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intsomi 1: Umphefumlo Awufi

Intsomi 1: Umphefumlo Awufi

Yavela phi le ntsomi?

“Izithandi zobulumko zamaKristu zamkela imfundiso yamaGrike yokungafi komphefumlo zaza zathi umphefumlo udalwe nguThixo yaye ufakwa emzimbeni womntu xa ekhawulwa.”—The New Encyclopædia Britannica (1988), Umqulu 11, iphepha 25.

Ifundisa ntoni yona iBhayibhile?

“Umphefumlo owonayo kuya kufa wona.”—Hezekile 18:4, IBhayibhile YesiXhosa.

Mayela nokudalwa komphefumlo wokuqala ongumntu iBhayibhile ithi: “Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba waza wavuthela impefumlo yobomi emathatheni akhe, umntu ke waba ngumphefumlo ophilayo [ngesiHebhere, ne′phesh].”—Genesis 2:7.

Igama lesiHebhere une′phesh eliguqulelwe ngokuthi “umphefumlo” lithetha ‘isidalwa esiphefumlayo.’ Xa uThixo wayedala umntu wokuqala uAdam akazange amfake umphefumlo ongafiyo kodwa wamnika amandla obomi, lawo siwalondoloza ngokuphefumla. Ngoko ke, ngokweBhayibhile igama elithi “umphefumlo” lithetha isidalwa ngokwaso. Umphefumlo uyafa xa usahlukana namandla awenza uphile owawanikwa nguThixo ekuqaleni.—Genesis 3:19; Hezekile 18:20.

Imfundiso yokungafi komphefumlo yabangela imibuzo emininzi: Iyaphi imiphefumlo xa sisifa? Kwenzeka ntoni kwimiphefumlo yabantu abangendawo? Ukwamkela kwala maKristu awexukileyo intsomi yokungafi komphefumlo kwawenza amkela nenye intsomi—imfundiso yesihogo somlilo.

Funda ezi vesi zeBhayibhile: INtshumayeli 3:19; Mateyu 10:28; IZenzo 3:23.

INYANISO:

Xa umntu esifa uyayeka ukuphila