Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inkonzo Elungileyo Ifundisa Amarhamente Ayo Ukuba Athandane

Inkonzo Elungileyo Ifundisa Amarhamente Ayo Ukuba Athandane

IBHAYIBHILE ithi: “Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8, IBhayibhile YesiXhosa) Loo nto ithetha ukuba inkonzo elungileyo ifanele ifundise amarhamente ayo ukuba athande abanye abantu.

Zininzi iinkonzo ezinyamekela abantu abagulayo, abalupheleyo nabangathathi ntweni, yaye iyancomeka loo nto. Zikhuthaza amarhamente azo ukuba asebenzise isiluleko sikampostile uYohane owathi: “Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando  lukaThixo entliziyweni yakhe? Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.”—1 Yohane 3:17, 18, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Sifanele senze ntoni ke xa amazwe esihlala kuwo esilwa namanye? Ngaba umthetho kaThixo othi, “uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe” sifanele siwuthobele kuphela xa kukho uxolo, size sivume ukuhlasela amanye amazwe xa kusitsho umongameli welizwe lethu?—Mateyu 22:39, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UYesu wathi: “Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.” (Yohane 13:35, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Njengoko uphendula imibuzo elandelayo, khawuzibuze, ‘Ngaba amarhamente ale nkonzo abathanda bonke abantu kungekhona ngamazwi kuphela kodwa nangezenzo?’

UMXHOLO: Imfazwe.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE:

UYesu wathi kubafundi bakhe: “Mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo.”—Mateyu 5:44, IBhayibhile YesiXhosa.

Xa amajoni ayebamba uYesu, umpostile uPetros wathi rhuthu ikrele lakhe efuna ukumkhusela. Kodwa uYesu wamnqanda esithi: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.”—Mateyu 26:52, IBhayibhile YesiXhosa.

Umpostile uYohane wathi: “Nguwo lo ke umahluko phakathi kwabantwana bakaThixo nabakaSathana: Umntu ongenzi okulungileyo nongawathandiyo amanye amakholwa, asingomntwana kaThixo. Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni. Masingafani noKayin ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo.”—1 Yohane 3:10-12, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO:

Ngaba le nkonzo ikhuthaza amarhamente ayo ukuba aye emfazweni?

UMXHOLO: Ezopolitiko.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE:

Abanye bathi bakubona amandla kaYesu okwenza imimangaliso bafuna ukuba abe yinkokeli yezopolitiko. Ngaba uYesu wavuma? IBhayibhile ithi: “UYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni yena yedwa.”—Yohane 6:15, IBhayibhile YesiXhosa.

Xa uYesu wayetyholwa ngokuphembelela udushe lwezopolitiko waphendula wathi: “Ubukumkani bam asibobeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoko ke ubukumkani bam asibobalapha.”—Yohane 18:36, IBhayibhile YesiXhosa.

Xa wayethandazela abafundi bakhe kuThixo, uYesu wathi: “Mna ndibanike ilizwi lakho;  laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.”—Yohane 17:14, IBhayibhile YesiXhosa.

UMBUZO:

Ngaba le nkonzo iyawuxelisa umzekelo kaYesu ize ingabandakanyeki kwezopolitiko naxa loo nto iza kuyenza ithiywe ngabathile bezopolitiko?

UMXHOLO: Ucalucalulo.

INTO EFUNDISWA YIBHAYIBHILE:

Xa abantu bokuqala beeNtlanga abangalukanga baba ngamaKristu, umpostile uPetros wathi: “UThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35, IBhayibhile YesiXhosa.

UYakobi wawabhalela la mazwi amaKristu enkulungwane yokuqala: “Mawethu, njengoko nikholwa kuYesu Kristu iNkosi yethu enobungangamsha, ninomkhethe kodwa nina. Nakufikelwa ziindwendwe ezimbini endlwini yenkonzo, omnye enxibe kakuhle ehombe ngamaso egolide, omnye elihlwempu edlakazela, nako ke nina nitatazelela nilungiselela lo mfo ulinene, nimnika nesihlalo, nithi lona idlavu malime ngeenyawo okanye lihlale phantsi emhlabeni. Aniziqondi na ukuba xa nenjenjalo nina ngenkqu nimbaxa, nilawulwa yimigaqo ephuthileyo?”—Yakobi 2:1-4, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

UMBUZO:

Ngaba le nkonzo ifundisa ukuba akukho mntu ubhetele kunomnye emehlweni kaThixo yaye amakholwa akafanele abacalucalule abanye ngenxa yohlanga lwabo okanye imeko yabo yezimali?