Yiya kwinkcazelo

 Imibuzo Yabafundi

Kutheni UThixo Engayiphenduli Nje Eminye Imithandazo?

Kutheni UThixo Engayiphenduli Nje Eminye Imithandazo?

Unokukwazi ukusondela kuThixo ngomthandazo. Kanye njengokuba ubawo onothando evuya xa abantwana bakhe bethetha naye ngokukhululekileyo, uYehova uThixo uyayiphulaphula imithandazo yethu. Kwangaxeshanye, njengaye nawuphi na utata olumkileyo, uThixo unezizathu ezivakalayo zokungayiphenduli eminye imithandazo. Ngaba usifihlele ezo zizathu, okanye imizekelo eseBhayibhileni iyasinceda siziqonde?

Umpostile uYohane uthi: “Yaye sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Izinto esizicelayo zimele zivisisane nokuthanda kukaThixo. Abanye bathandazela izinto ezingavumelaniyo nomthetho kaThixo. Ngokomzekelo, bathandazela ukuphumelela kwilottery okanye kungcakazo. Abanye bathandazela iinjongo ezingafanelekanga. Umfundi uYakobi walumkisa mayela nokuthandazela iinjongo ezimbi esithi: “Nokuba senide nacela, anamkeli, ngenxa yokuba nicela ngenjongo embi, nifuna nje ukufezekisa iinkanuko zenu zenyama.”—Yakobi 4:3.

Ngokomzekelo, khawube nomfanekiso-ngqondweni wamacala amabini aza kukhuphisana kwibhola ekhatywayo ethandazela ukuphumelela. Bekungayi kuba sengqiqweni ukulindela ukuba uThixo ayiphendule loo mithandazo iphikisanayo. Kunokutshiwo okufanayo ngemfazwe eqhubekayo namhlanje, apho amacala amabini alwayo ethandazela ukoyisa.

Abo bangafuniyo ukuthobela umthetho kaThixo abanakulindela ukuba uza kuyiphendula imithandazo yabo. Ngesinye isihlandlo uYehova waziva enyanzelekile ukuba abaxelele oku abanquli abahanahanisayo: “Nakubeni nisenza imithandazo emininzi, andiphulaphulanga; zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.” (Isaya 1:15) IBhayibhile ithi: “Oyisusayo indlebe yakhe ekuveni umthetho—kwanomthandazo wakhe uyinto ecekisekayo.”—IMizekeliso 28:9.

Kwelinye icala, uYehova uya kusoloko ezibazile iindlebe kwimithandazo enyanisekileyo yabanquli bakhe abazabalazela ukumkhonza ngendlela ayithandayo. Noko ke, ngaba oko kuthetha ukuba uya kubanika yonke into abayicelayo? Akunjalo. Khawuqwalasele eminye yale mizekelo ikwiZibhalo.

UMoses wayesondele ngokukhethekileyo kuThixo; sekunjalo, naye kwakufuneka acele “ngokuvumelana nokuthanda [kukaThixo].” Ngokwahlukileyo kwinjongo kaThixo, uMoses wacela uThixo ukuba amvumele angene kwilizwe laseKanan wathi: “Nceda undivumele ndiwele, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan.” Kodwa ngaphambili uMoses waxelelwa ukuba wayengayi kungena kwelo lizwe ngenxa yesono awayesenzile. Kunokuba asamkele isicelo sikaMoses, uYehova wathi: “Kwanele ngawe! Ungabi saphinda uthethe ngokubhekele phaya kum ngalo mbandela.”—Duteronomi 3:25, 26; 32:51.

Umpostile uPawulos wathandazela ukukhululwa koko wayekubiza ngokuba ‘liliva enyameni.’ (2 Korinte 12:7) Kusenokwenzeka ukuba eli ‘liva’ yayililiso elalingayeki ukumqaqambela okanye yayikukutshutshiswa ziintshaba okanye ‘ngabazalwana bobuxoki.’ (2 Korinte 11:26; Galati 4:14, 15) UPawulos wabhala: “Ndayibongoza izihlandlo ezithathu iNkosi ukuba lisuke kum.” Noko ke, uThixo wayesazi ukuba, ukuba uPawulos wayeqhubeka eshumayela nakubeni ekhathazwa lolo ‘viko enyameni,’ oko kwakuya kubonisa amandla kaThixo nendlela amthembe ngokuphelele ngayo uPawulos. Ngoko, kunokuba amkele isicelo sikaPawulos, uThixo wathi: “Amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.”—2 Korinte 12:8, 9.

Ewe, nguThixo owaziyo enoba kuya kusilungela kusini na ukusinika ezinye zezinto esizicelayo. UYehova usoloko ephendula imithandazo yethu ukwenzela ukulungelwa kwethu, ngokuvisisana neenjongo zakhe zothando ezibhalwe eBhayibhileni.