Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Likhona Ichiza—Lokunyanga Lo Mhlaba “Ugulayo”?

Ngaba Likhona Ichiza—Lokunyanga Lo Mhlaba “Ugulayo”?

Ngaba Likhona Ichiza—Lokunyanga Lo Mhlaba “Ugulayo”?

ZIYABONAKALA iimpawu zokugula komhlaba—amaqondo obushushu ayenyuka. Umzekelo woku siwubona kwiidolophana zaseAlaska ezisemdeni weArctic Circle. Umhlaba owawukade unomkhenkce onganyiblikiyo ezakhiwe phezu kwawo ezidolophana ngoku uyanyibilika. Umhlali walapho ogama linguFrank wenza isimbonono esithi: “Akasakufuni yena ukuhlala apho. Kungxovungxovu.” Uhlolisiso lubonisa ukuba kwiminyaka elishumi ezayo ezi dolophana ziza kube zitshabalele.

IThe Intergovernmental Panel on Climate Change (IPCC) yathi: “Ubushushu bemozulu bubonakala nakuthathatha.” Ukunyuka kwamaqondo obushushu ehlabathini jikelele kuyasingqina esi sibakala. Izazinzulu zithi ukutshintsha kwamaqondo obushushu kuye kwayitshintsha imozulu nto leyo eye yabangela imbalela, izikhukula, ingqatsini yelanga nezitshingitshane. Kuza kwenzeka ntoni kulo mhlaba? Ngaba likho ichiza?

Ukuxilonga Umhlaba

Njengesigulana esibhedlele iimpawu zomhlaba zakhel’ umkhanya zizazinzulu zemozulu. Iisatellite ezipopola ukunyibilika kweengqimba zomkhenkce, amaziko emozulu ajongene nomlinganiselo wemvula enayo, izixhobo ezilinganisa ubushushu obuselwandle, nenqwelo-moya ehlola imimoya esesibhakabhakeni. Zonke ezi nkcukacha zemozulu zigcinwa kwiikhompyutha ezinkulu. Ezi nkcukacha zenzelwa ukuqikelela ukuba iya kube injani imozulu kumashumi okanye amakhulu eminyaka ukususela ngoku.

Yintoni unobangela wokugula? Abanye bavakalelwa kukuba umhlaba wonganyelwe ziigesi ezingcolileyo. Iphephancwadi iTime lithi: “Kunyaka wowama-2006 uwodwa kuye kwakhutshwa iitoni zecarbon dioxide ezingama-32 amawaka ezigidi.” Ezi gesi zibangela ubushushu bungakwazi ukuphumela ngaphandle nto leyo ebangela ukuba umhlaba ufudumale. Oku kuza kuphumela entweni? Ngokutsho kweIPCC ukuba ezi gesi zikhutshwa ngale ndlela “kuya kwenzeka utshintsho olukhulu kwimozulu yomhlaba” oluya kuba lubi gqitha kunale nto siyibonayo. Abaninzi ngoku bathi isicombululo kukunciphisa icarbon dioxide. Enokuba ukukhutshwa kwezi gesi bekunokuncitshiswa, iikhompyutha zibonisa ukuba “ubushushu nokwanda kwamanzi olwandle bekuza kuqhubeka kangangeenkulungwane.”

Sinokulufumana Phi Uncedo?

Kuyavunywa ukuba ukuqikelela imozulu ngumsebenzi onzima. Kwinqaku layo elikwi-Internet iEarth Observatory ibuza ukuba: “Kuza kwenzeka ntoni emafini njengoko uMhlaba usiya ufudumala? Ngaba amafu athintela ubushushu aya kuba nefuthe nawo? Ithini impendulo? Okwangoku izazinzulu azikwazi kuyiphendula le mibuzo.”

Kwelinye icala iBhayibhile iyasiqinisekisa isithi uYehova uThixo ‘unguMvelisi wezulu nomhlaba,’ kuquka “iingqimba zamafu phezulu.” (Genesis 14:19; IMizekeliso 8:28) Ethetha ngokungathi uyabonga uzichaza ‘njengowafaka ubulumko kwiingcamba zamafu.’ Ewe uYehova wazi izinto ezingazaziyo izazinzulu.—Yobhi 38:36.

Ngokuphathelele imeko-bume yomhlaba, phawula oko wakuthethayo uThixo eBhayibhileni kwiminyaka enokuba ngama-2 700 eyadlulayo, uthi: ‘Njengokuba imvula isihla . . . emazulwini, ize ingabuyeli kuwo ingawunyakamisanga umhlaba.’ (Isaya 55:10) Le ndinyana iwuchaza kakuhle umjikelo wamanzi. Umphunga wamanzi uthi wakufika emafini ujike ube yimvula ‘enyakamisa umhlaba.’ Ubushushu obuvela elangeni butshisa amanzi abe ngumphunga aze “abuyele kuwo,” okanye emafini ayokuqala umjikelo kwakhona. ILizwi likaYehova lachaza imozulu yomhlaba ngokwenkcukacha kusasele iinkulungwane ngaphambi kokuba abantu babhale ngayo. Ngaba oku akusenzi simthembe uMdali wethu koko akwazi ukukwenza? Njengoko sijamelene nentlekele yemozulu, ngaba simele sikhangele ‘kuMdali womoya,’ ‘uyise wamathontsi ombethe’ owazi kakuhle ukuba usebenza njani lo mhlaba?—Amosi 4:13; Yobhi 38:28.

Umhlaba Uyilwe Ngenjongo

Nangona zibethabethana izimvo ngekamva lomhlaba kodwa inye into esiqiniseke ngayo: Asikho isijikelezi-langa esifana nawo. Ngokungafaniyo nezinye izijikelezi-langa unezinto ezininzi eziphila kuwo. Ibangelwa yintoni lo nto? Izazinzulu zichaza izinto ezahlukahlukeneyo. Umhlaba unamanzi amaninzi; ukumgama ofanelekileyo ukusuka elangeni; yaye unomxube ofanelekileyo wegesi oquka ioxygen eninzi.

Kuya kukothusa ukufumanisa ukuba incwadi yeBhayibhile iGenesis iyathetha ngezi nkalo kwingxelo yayo yendalo. Ngokomzekelo iGenesis 1:10 ithi uThixo wawabuthela ndawonye ‘amanzi wawabiza [ngokuthi] ziiLwandle’—ngokucacileyo oku kubhekisela kumanzi amaninzi. KwiGenesis 1:3 sifunda oku: “Wandula ke uThixo wathi: “Makubekho ukukhanya.” Nangona isijikelezi-langa sethu sikufutshane nelanga asisondelanga kakhulu kangangokuba amanzi angade atshe.

IGenesis 1:6 ithi uThixo wadala “isibhakabhaka.” Indinyana ye-11 neye-12 ithi uThixo wahlumisa ingca, utyani nemithi. Zonke ezi zinto zibonisa ukuba yayikho ioxygen eyayiza kuphefumlwa ngabantu nezilwanyana.

Sisiphi isigqibo esimele sifikelele kuso? Xa uThixo wadala umhlaba namanzi amaninzi, waza wawubeka kumgama ofanelekileyo ukusuka elangeni, nomxube ofanelekileyo weegesi—wayenesizathu nenjongo. IBhayibhile isixelela oku: ‘UThixo akawudalelanga ilize umhlaba, kodwa wawubumba ukuba umiwe.’ (Isaya 45:18) Incwadi yeNdumiso 115:16 ithi: “Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.” Ewe, umhlaba wawudalelwe ukuba kuhlale abantu.

Ngokutsho kweZibhalo, uThixo wadal’ isibini sokuqala waza wasibeka kumyezo wase-Eden, iparadisi entle. Babefanele ‘bawulime baze bawunyamekele.’ (Genesis 2:15) Kwakhona uThixo wabaxelela oku: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.” (Genesis 1:28) Cinga ngekamva elaliphambi kwabo. Babeza kwandisa imida yeParadisi ide ifikelele eziphelweni zomhlaba baze baphile kuyo ngonaphakade. Elinjani ukuba lihle ikamva.

Okulusizi kukuba, abazange bamphulaphule uThixo, kunoko esi sibini sakhetha ukuzimela geqe, khondo elo eliye lalandelwa ngabantu abaninzi ukuza kuthi ga ngoku. (Genesis 3:1-6) Ube yintoni umphumo? Kunokuba bawulime baze bawunyamekele umhlaba, abantu baye ‘bawonakalisa umhlaba’ ngendlela egqith’ emgceni. (ISityhilelo 11:18) Sekunjalo, sinokuthuthuzelwa sisibakala sokuba injongo kaThixo ngomhlaba ayikatshintshi. IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “[UThixo] useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.” (INdumiso 104:5) KwiNtshumayelo YaseNtabeni uYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Kuza kufezwa njani oko?

Ulindelwe Likamva Eliqaqambileyo

Owayesakuba ngumongameli waseUnited States wathi: “Ukutshintsha kwemozulu yingxaki echaphazela umhlaba wonke. Ngaba awuvumi na ukuba siyafuneka isicombululo sale ntsinda-badala? UYesu Kristu wathi ichiza–buBukumkani bukaThixo. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:9, 10) Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, obu Bukumkani basezulwini ngurhulumente womhlaba wonke ‘oya kuzityumza aze aziphelise zonke ezi zikumkani [orhulumente abakhoyo].’ (Daniyeli 2:44) Buze ‘bonakalise abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Kucacile ukuba, abo bawonakalisayo umhlaba nobuncwane bawo baya kuphenduliswa baze batshatyalaliswe.

Kuza kwenzeka ntoni kwisijikelezi-langa sethu esonakalisiweyo? Ungalibali ukuba xa wayelapha emhlabeni, uYesu wayenamandla angummangaliso okulawula indalo enjengomoya nolwandle. Wazolisa uqhwithela ngamazwi ambalwa. (Marko 4:35-41) Ekubeni elawula ezulwini ‘njengeNkosi yeenkosi noKumkani wookumkani,’ uYesu uza kube enamandla amakhulu okulawula umhlaba nezinto ezikuwo. (ISityhilelo 17:14) UYesu, uchaza ulawulo lwakhe ‘njengendalo entsha.’ (Mateyu 19:28) Enye inguqulelo isebenzisa ibinzana elithi: “Ukwenziwa ntsha kwezinto zonke.” (New International Version) UYesu uza kuwenza mtsha umhlaba okanye awuhlaziye, awenze ufane nomyezo wase-Eden. Kuza kubuyiselwa iParadisi. (Luka 23:43) Umhlaba uya kunyangwa buBukumkani bukaThixo “kwisigulo” sawo.

Kwanangoku unokuxhamla kumalungiselelo olawulo loBukumkani. Kunokwenzeka njani? UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Ngenxa yoko, izigidi zabantu ziyasabela kwiindaba ezilungileyo yaye ubomi bazo buyatshintsha. Imikhuba eyonakalisayo iyoyiswa. Indlela ephila ngayo intsapho iyaphucuka. Intiyo yobuhlanga ithatyathelw’ indawo luthando. Eyona nyaniso kukuba uBukumkani bukaThixo benza into abangakwaziyo ukuyenza oorhulumente babantu. Buye bamanyanisa abantu abamalunga nezigidi ezisixhenxe kumazwe angaphezu kwangama-235 baba bubuzalwana bamazwe ngamazwe. Ewe ekubeni bengabalawulwa boBukumkani bukaThixo, balungiselela ukuphila ngonaphakade eParadisi kulo mhlaba.

Ikamva lomhlaba liqinisekile. Ngamana nelakho lingaba njalo.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

IBhayibhile yawuchaza kakuhle umjikelo wamanzi kwiinkulungwane ngaphambi kokuba abantu bawazi

[Umfanekiso okwiphepha 28]

UYesu “wawukhalimela umoya waza wathi kulwandle: “Yithi tu! Uzole!” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.”

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Xa iParadesi ibuyiselwe umhlaba uya kube unyangiwe “kwisigulo” sawo

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]

Godo-Foto