Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Wayefuna Ukunceda

Wayefuna Ukunceda

NGABA wakhe wambona umntu ogulel’ ukufa?— Ngaba wawunqwenela ukumnceda?— Kuthekani ukuba wayevela kwelinye ilizwe okanye unqulo? Ngaba uyafuna ukumnceda ukuze aphile?— Intwazana yakwaSirayeli eyayihlala kwelinye ilizwe phantse kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo yenjenjalo. Makhe sithethe ngesi siganeko.

Ilizwe lakwaSirayeli eyayihlala kulo le ntwazana lalisoloko lisilwa nelizwe laseSiriya. (1 Kumkani 22:1) Ngenye imini amaSiriya ahlasela ilizwe lakwaSirayeli aze athimba le ntwazana. Isiwa eSiriya ize ibe sisicakazana somfazi kaNahaman, umphathi-mkhosi waseSiriya. UNahaman wayenesifo seqhenqa esinokubangela ukuba inyama yomntu iwe.

Esi sicakazana sichazela umfazi kaNahaman indlela umyeni wakhe anokuphiliswa ngayo. Sithi: ‘Akwaba inkosi yam ibiphambi komprofeti oseSamariya! Ubeya kuyiphilisa kwiqhenqa layo.’ Indlela esithetha ngayo esi sicakazana ngoElisha imenza akholelwe uNahaman ukuba lo mprofeti unako ukumphilisa. Evunyelwe nguBhen-hadadi ukumkani waseSiriya, uNahaman nabalindi bakhe bahamba umgama oziikhilomitha ezili-150 besiya kuElisha.

Baqala baya kuYeroham, ukumkani wakwaSirayeli. Bambonisa ileta ebhalwe nguKumkani uBhen-hadadi ecela ukuba kuncedwe uNahaman. Kodwa uYehoram akanalukholo kuYehova okanye umprofeti uElisha. UYehoram wayecinga ukuba uBhen-hadadi wayefuna ukulwa naye. Esakuva ngoku uElisha uthi kuKumkani uYehoram: “Nceda, myeke eze kum.” UElisha ufuna ukubonisa amandla kaThixo ngokuphilisa uNahaman kwisifo sakhe.—2 Kumkani 5:1-8.

Esakufika uNahaman endlwini kaElisha namahashe neenqwelo zokulwa, uElisha wathumela umthunywa wakhe ukuba athi: “Uze uhlambe umzimba izihlandlo ezisixhenxe eYordan ukuze inyama yakho ibuyele kuwe.” UNahaman unomsindo. Ulindele uElisha ukuba aphume aze awangawangise isandla sakhe kwiqhenqa lakhe ukuze aphile. Kunoko, ubona umthunywa. UNahaman eligqabi ngumsindo uyajika agoduke.—2 Kumkani 5:9-12.

Ngewawenze ntoni ukuba ubungomnye wabalindi bakaNahaman?—  Umlindi umbuza ukuba: “Ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke ngoko, ekubeni ethe kuwe, ‘Hlamba umzimba uze uhlambuluke’?” UNahaman wamphulaphula. “Wehla wangena eYordan izihlandlo ezisixhenxe . . . , emva koko inyama yakhe yabuya yaba njengenyama yenkwenkwana waza wahlambuluka.”

UNahaman ubuyela kuElisha aze athi: “Yabona, ndiyazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho Thixo naphi na emhlabeni ngaphandle kwakwaSirayeli.” Uthembisa uElisha esithi akayi kuphinda “enze umnikelo otshiswayo okanye umbingelelo kubo nabaphi na abanye oothixo ngaphandle koYehova.”—2 Kumkani 5:13-17.

Ngaba ubungathanda ukunceda omnye umntu ukuba afunde ngoYehova noko anokukwenza njengala ntwazana?— Xa uYesu wayesemhlabeni indoda eyayineqhenqa eyayikholelwa kuye yathi: “Ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” Ngaba uyayazi ukuba wasabela njani uYesu?— Wathi: “Ndiyathanda.” UYesu wayiphilisa kanye njengokuba uYehova wamphilisayo uNahaman.—Mateyu 8:2, 3.

Ngaba uyalazi ihlabathi elitsha likaYehova apho abantu beza kube beyimiqabaqaba baze baphile ngonaphakade?— (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) Ngokuqinisekileyo uza kufuna ukuxelela abanye abantu ngezi zinto zimangalisayo!