Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI UYESU WAPHATHWA KAKUBI WAZA WABULAWA?

Ngaba Yenzeka Nyhani Le Nto?

Ngaba Yenzeka Nyhani Le Nto?

UYesu umNazarethe wabulawa ngentwasahlobo ka-33 C.E. Wayetyabekwe isityholo sobuxoki sokuqhwaya udushe, wabethwa kanobom, waza wabethelelwa esibondeni. Wafa kabuhlungu. Kodwa uThixo wamenza waphila kwakhona, yaye emva kweentsuku eziyi-40, wanyukela ezulwini.

Le ngxelo ingaqhelekanga siyifumana kwiiNcwadi zeVangeli ezine zeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ezaziwa ngokuba yiTestamente Entsha. Ngaba zenzeka nyhani ezo zinto? Ngumbuzo obaluleke gqitha lo. Kaloku ukuba azizange zenzeke, ukholo lwamaKristu lulilize nethemba lokuphila ngonaphakade eParadesi liphupha nje. (1 Korinte 15:14) Kwelinye icala, ukuba zenzeka nyhani, abantu banekamva eliqaqambileyo, ibe nawe unokuba yinxalenye yalo. Ngoko ke, ngaba ezi ngxelo zeeNcwadi zeVangeli ziyinyani okanye zibubuxoki?

OKO KUBONISWA BUBUNGQINA

Ngokungafaniyo neentsomi, iiNcwadi zeVangeli zona zichanile yaye zinazo zonke iinkcukacha. Ngokomzekelo, zithetha ngamagama eendawo ezikhoyo, uninzi lwazo ezinokutyelelwa namhlanje. Zibalisa ngabantu ababephila, ekuthethwa ngabo nangababhali-mbali behlabathi.—Luka 3:1, 2, 23.

NoYesu uyakhankanywa ngababhali behlabathi benkulungwane yokuqala neyesibini. * Indlela awafa ngayo echazwe kwiiNcwadi zeVangeli iyadibana neendlela amaRoma awayebabulala ngayo abantu abagwetyelwe intambo ngelo xesha. Ukongezelela koko, iziganeko azibaliswa njengondiva kwaye akufihlwa nto—kude kuvezwe neempazamo zabafundi bakaYesu. (Mateyu 26:56; Luka 22:24-26; Yohane 18:10, 11) Zonke ezi zinto ziyenza icace into yokuba ababhali beeNcwadi zeVangeli babenyanisekile yaye bechanile koko babekubhala ngoYesu.

KUTHEKANI NGOVUKO LUKAYESU?

Ngoxa abantu abaninzi beyikholelwa into yokuba uYesu wayekhe waphila waza wafa, abanye basenokuluthandabuza uvuko lwakhe. Ekuqaleni kwanabapostile bakhe abazange bayikholelwe ingxelo yokuba uvusiwe. (Luka 24:11) Sekunjalo, xa bona nabanye abafundi bambona izihlandlo ezahlukeneyo, bayeka ukuthandabuza. Ukongezelela, kwesinye sezo zihlandlo wada wabonwa ngabantu abangaphezu kwe-500.—1 Korinte 15:6.

Besesichengeni sokubanjwa nokubulawa, abapostile baluvakalisa ngenkalipho uvuko lukaYesu kubantu bonke—kwanakwabo babembulele. (IZenzo 4:1-3, 10, 19, 20; 5:27-32) Ngaba abo bafundi baninzi kangaka babeya kuba naso eso sibindi ukuba babengaqinisekanga ukuba uYesu wayevusiwe ngokwenene? Enyanisweni, uvuko lukaYesu lungoyena nobangela wokuba ubuKristu bube nempembelelo ehlabathini, ukususela kudala kude kube ngoku.

Iingxelo zeeNcwadi zeVangeli ezingokufa nokuvuswa kukaYesu zibonisa ukuba le nkcazelo yembali ichanile. Ukuzifunda ngokucokisekileyo kuya kukuqinisekisa ukuba nyhani zenzeka. Uya kuzikholelwa nangakumbi xa usiqonda isizathu sokuba zenzeke. Inqaku elilandelayo liza kukucacisa oku.

^ isiqe. 7 UTacitus, owazalwa malunga no-55 C.E., wabhala wathi: “UKristu, gama elo elivela kulo igama elithi [AmaKristu], waphathwa ngenkohlakalo ngexesha lolawulo lukaTiberius owayephantsi kwegosa, uPontius Pilatus.” UYesu uphinda akhankanywe nanguSuetonius (wenkulungwane yokuqala); uJosephus umbhali mbali ongumYuda (wenkulungwane yokuqala); kwakunye noPliny Omncinane, irhuluneli yaseBhithiniya (wasekuqaleni kwenkulungwane yesibini).