Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Badala, Nikujonga Njani Ukuqeqesha Abazalwana?

Badala, Nikujonga Njani Ukuqeqesha Abazalwana?

“Yonke into inexesha layo elimisiweyo.”—INTSHUMAYELI 3:1.

1, 2. Yintoni eye yaphawulwa ngabaveleli besiphaluka kumabandla amaninzi?

UMVELELI WESIPHALUKA wayequkumbela intlanganiso yakhe nabadala. Wathi akuwajonga la madoda akhutheleyo, waziva ewathanda, amanye wayenokuthi tat’ umlom’ ugcwale xa ewabiza. Kodwa ke kwakukho umcimbi obalulekileyo owawumkhathaza. Wathi, “Bazalwana, yintoni eniyenzileyo ukuze niqeqeshe abazalwana bakwazi ukuthwala iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni?” Umveleli wesiphaluka wayewakhuthazile kutyelelo olungaphambili ukuba aziphe ixesha lokuqeqesha abazalwana. Ekugqibeleni, enye yala madoda makhulu yathi, “Xa sitheth’ inyaniso mzalwana, akukho ntw’ ingako siyenzileyo.” Onke amadoda amakhulu avumelana nayo.

2 Ukuba ungumdala, mhlawumbi nawe ubuya kuphendula ngendlela efanayo. Abaveleli beziphaluka baye baphawula ukuba abadala abaninzi abaziphi ixesha elaneleyo lokuqeqesha abazalwana abaselula nabasele bekhulile ukuze bancedise ekunyamekeleni ibandla. Kodwa ke, akuyondlwan’ iyanetha ukwenza le nto. Ngoba kutheni?

3. (a) IBhayibhile ibonisa njani ukuba kubalulekile ukuqeqesha abazalwana, kwaye kutheni sonke sifanele sibe nomdla kolu qeqesho? (Jonga umbhalo osemazantsi.) (b) Kutheni kusenokuba ngumnqantsa ukuba abanye abadala baqeqeshe abazalwana?

3 Xa ungumdala, uyazi ukuba kubalulekile ukuzipha ixesha lokuqeqesha abazalwana. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Uyazi nokuba kusafuneka amanye amadoda aza komeleza amabandla naza kuxhasa amabandla aseza kumiselwa. (Funda uIsaya 60:22.) Kaloku iBhayibhile ithi ufanele ‘ufundise abanye.’ (Funda eyesi-2 kuTimoti 2:2.) Sekunjalo, kusenokuba ngumnqantsa ukude uyenze loo nto. Ujongwe ziimfuno zentsapho yakho, kanti nempangelo ikufuna apho ubukho. Kuphinde ke kubekho nebandla elifuna ingqalelo yakho, neminye imicimbi engxamisekileyo. Ekubeni sixakeke kangaka, makhe sithethe ngezizathu zokuba kubalulekile ukuzipha ixesha lokuqeqesha abazalwana.

UKUQEQESHA ABAZALWANA KUNGXAMISEKILE

4. Yintoni eyenza abadala balibazise ekuqeqesheni abazalwana ngamany’ amaxesha?

4 Yintoni edla ngokwenza kube nzima ukuzipha ixesha lokuqeqesha abazalwana ebandleni? Abanye basenokuthi: ‘Sisaleqa imicimbi yebandla engxamisekileyo okwangoku. Noba andiyingxamelanga kangako wena le yokuqeqesha abazalwana, ibandla aliyi kuchaneka.’ Ngaba aliyi kuchaneka nyhani? Ikho imicimbi enokufuna ingqalelo yakho ekhawulezileyo. Noko ke, ukuba uyalibazisa xa kufuneka uqeqeshe abazalwana, uyalibulala ibandla.

5, 6. Yintoni esinokuyifunda kwindlela umqhubi ayinyamekela ngayo imoto yakhe? Ifana njani loo nto nokuqeqeshwa kwabazalwana ebandleni?

5 Masenze umzekelo. Imoto kufuneka iman’ ukutshintshwa ioli ukuze ihlale ikwimeko entle. Kodwa ke yena umqhubi usenokucinga ukuba eyona nto ibalulekileyo ekuhambeni kwemoto ngamafutha. Mhlawumbi unokude akubekele amangomso ukutshintsha ioli kuba esithi uxakekile. Xa isaduma imoto, akaboni nto ixhomis’ amehlo. Kodwa ke yinkathazo yodwa leyo. Ukuba umqhubi akayitshintshi ioli xa kufuneka eyitshintshile, kuya kuthi kungekabi phi yonakale. Ekugqibeleni, uya kuhlawuliswa intlokw’ etreyini xa ezama ukuyilungisa. Sifunda ntoni kulo mzekelo?

6 Abadala bamele bayisukumele ngokukhawuleza imicimbi ebalulekileyo. Xa belibazisa, ibandla liya kutsala nzima. Abadala bamele bafane nomqhubi oyitha rhoqo imoto yakhe, ‘baqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Kodwa abanye abadala basuke baxakeke kakhulu yimicimbi ebalulekileyo kangangokuba bangabi nalo ixesha lokuqeqesha abazalwana. Loo nto ifana nqwa ke nokungagaleli ioli emotweni. Xa bekubekel’ amangomso ukuqeqesha abazalwana, kungekudala ibandla liya kuswela abazalwana abaqeqeshelwe zonke iimbopheleleko zebandla.

7. Simele sibajonge njani abadala abazipha ixesha lokuqeqesha abazalwana?

7 Ungaze ucinge ukuba akubalulekanga kakhulu ukuqeqesha abazalwana. Abadala abalixhalabeleyo ikamva lebandla nabazipha ixesha lokuqeqesha abazalwana balumkile yaye baxabiseke kakhulu kubazalwana noodade. (Funda eyoku-1 kaPetros 4:10.) Lincedakala njani ibandla?

UKULISEBENZISA KAKUHLE IXESHA

8. (a) Kutheni abadala bemele baqeqeshe abazalwana? (b) Abadala abakhonza kwiindawo ezifuna abavakalisi abangakumbi banayiphi imbopheleleko engxamisekileyo? (Jonga ibhokisi ethi “ Iphulo Elingxamisekileyo.”)

8 Nabona badala banamava bamele bathobeke, bayazi into yokuba, njengokuba iminyaka ihamba, kuza kuya kusiba nzima ukwenza izinto abakwazi ukuzenza ngoku. (Mika 6:8) Kwakhona, abadala bamele bayilindele into yokuba banokuqutyulwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili,” baze bazibone sele bengakwazi ukwenza imisebenzi yabo. (INtshumayeli 9:11, 12; Yakobi 4:13, 14) Ekubeni bebathanda yaye bebakhathalele abantu bakaYehova, abadala basebenza nzima befundisa abazalwana abaselula izinto abazaziyo.—Funda iNdumiso 71:17, 18.

9. Sisiphi isiganeko esifuna ukuba abazalwana baqeqeshwe ngoku?

9 Kwakhona abadala abaqeqesha abazalwana babalulekile kuba umsebenzi wabo uza kulakha ibandla. Olo qeqesho lwenza abazalwana abaninzi bakwazi ukunceda ibandla lihlale limanyene kwaye lithembekile kuThixo. Loo nto ibalulekile kule mihla yokugqibela sikuyo, kwaye iseza kubaluleka nasebudeni bembandezelo enkulu ezayo. (Hezekile 38:10-12; Mika 5:5, 6) Ngoko ke, badala abathandekayo, khaniziphe ixesha lokuqeqesha abazalwana, niqale namhlanje.

10. Yintoni ekunokufuneka umdala ayenze ukuze abe nexesha lokuqeqesha abazalwana?

10 Siyazi bazalwana ukuba sele nixakekile yimicimbi ebalulekileyo yebandla. Ngoko, kusenokufuneka nicuntsule kwixesha enilisebenzisela ezo mbopheleleko ukuze niqeqeshe abazalwana. (INtshumayeli 3:1) Xa nisenjenjalo, niya kube nilisebenzisa kakuhle ixesha lenu kwaye nebandla liya kuba nekamva eliqaqambileyo.

BANCEDENI BALUNGELE UKUQEQESHWA

11. (a) Yintoni ebangel’ umdla kumacebiso avela kumazwe ahlukeneyo ngoqeqesho olunikelwa ngabadala? (b) Ngokutsho kweMizekeliso 15:22, kutheni kubalulekile ukuthetha ngamacebiso avela kwabanye abadala?

11 Kutshanje kuye kwabuzwa abanye abadala ukuba benze njani ukuze baphumelele ekuqeqesheni abazalwana. * (Funda umbhalo osemazantsi.) Bonke aba badala baye bathetha into efanayo nangona iimeko zabo zingafani. Ingqina ntoni ke loo nto? Ingqina ukuba uqeqesho olusekelwe eBhayibhileni lunceda abafundi “kuyo yonk’ indawo emabandleni onke.” (1 Korinte 4:17) Ngenxa yoko, kweli nqaku nakwelilandelayo siza kuthetha ngamanye amacebiso aye anikelwa ngaba badala. (IMizekeliso 15:22) Siza kubona indlela abadala ababaqeqesha ngayo abazalwana.

12. Yintoni ekufuneka ayenze umdala, yaye ngoba?

12 Okokuqala, umdala kufuneka ancede umzalwana alungele ukufundiswa. Kutheni ibalulekile nje loo nto? Ukuze umlimi akwazi ukutyala imbewu kuye kufuneke awuphethule umhlaba. Kunjalo ke naxa umdala eza kufundisa umntu, kufuneka enze intliziyo yakhe ilungele ukufunda izinto ezintsha. Unokwenza njani ke umdala ukuze afundise kwimeko efanelekileyo? Unokulandela umzekelo wechule elalifundisa mandulo, umprofeti uSamuweli.

13-15. (a) UYehova wathi makenze ntoni uSamuweli? (b) USamuweli wenza ntoni ukuze uSawule alungele isabelo sakhe esitsha? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (c) Kutheni le ngxelo yeBhayibhile engoSamuweli ibalulekile kubadala namhlanje?

13 Ngaminazana ithile, kwiminyaka engaphezu kweyi-3 000 eyadlulayo, uYehova wathetha nengwevu eyayingumprofeti, uSamuweli, esithi: “Ngomso malunga neli xesha ndiya kuthumela kuwe indoda esuka kwilizwe lakwaBhenjamin, uze ke uyithambise ibe yinkokeli yabantu bam uSirayeli.” (1 Samuweli 9:15, 16) USamuweli waqonda ukuba wayeza kuyeka ngoku ukukhokela amaSirayeli nokuba uYehova wayefuna athambise enye inkokeli. Ngoko wacinga ngecebo awayeza kulisebenzisa ukuze ancede loo ndoda ilungele esi sabelo sitsha.

14 Ngosuku olulandelayo, uSamuweli wadibana noSawule, ibe uYehova wathi kulo mprofeti: “Nantsi le ndoda.” Ngoko nangoko, uSamuweli wenza elaa cebo wayelicingile. Wenza indlela yokuba afumane ithuba lokuthetha noSawule. USamuweli wamemela uSawule nomlindi wakhe esidlweni, wabahlalisa kwezona zihlalo ziphambili kwaye baphakelwa awona maqatha makhulu enyama. USamuweli wathi: “Yidla, ngenxa yokuba bebeyibekele wena.” Emva kweso sidlo, uSamuweli wammemela endlwini yakhe uSawule. Endleleni eya kwakhe, la madoda mabini ancokola kamnandi. Ekufikeni kwawo, anyuka aya eluphahleni lwendlu, kwaye uSamuweli “waqhubeka ethetha noSawule phezu kwendlu” de bayokulala. Ngosuku olulandelayo, uSamuweli wamthambisa uSawule, wamanga, waza wamnika imiyalelo engakumbi. Emva koko, uSawule wemka, exhobele nantoni na eyayiza kulandela.—1 Samuweli 9:17-27; 10:1.

15 USamuweli wamthambisa ngenjongo yokuba akhokele uhlanga. Kakade ke, yahluke kakhulu loo nto ekuqeqesheni umzalwana ukuba abe ngumdala okanye isicaka solungiselelo ebandleni. Nangona kunjalo, zininzi izinto ezibalulekileyo ezinokufundwa ngabadala kwindlela uSamuweli awayilungisa ngayo intliziyo kaSawule. Makhe sithethe ngezimbini.

KUVUYELE UKUFUNDISA KWAYE UBE NGUMHLOBO

16. (a) USamuweli waziva njani xa uSirayeli wafuna ukuba nokumkani? (b) Wenza ntoni ke akuxelelwa nguYehova ukuba athambise uSawule?

16 Wuvuyele lo msebenzi, ungalibazisi. Ukuqala kukaSamuweli ukuva ukuba amaSirayeli ayefuna ukumkani ongumntu, wadana waza waziva engasathandwa. (1 Samuweli 8:4-8) Kwafuneka uYehova amxelele kude kube kathathu uSamuweli ukuba abaphulaphule abantu, kuba wayengafuni yena ukubanika ukumkani. (1 Samuweli 8:7, 9, 22) Nangona wayevakalelwa ngale ndlela, akazange ayimonele okanye ayicaphukele indoda eyayiza kungena ezihlangwini zakhe. Xa uYehova wathi makathambise uSawule, akazange alibazise. Wakuvuyela ukumthobela uYehova, kungengakuba eziva enyanzelekile, kodwa ngenxa yokuba emthanda.

Badala, zipheni ixesha lokuba kunye nabazalwana enibaqeqeshayo nangona nixakekile

17. Abadala bale mihla bamxelisa njani uSamuweli, kwaye yintoni ebavuyisayo kuloo nto?

17 Baninzi abadala abanamava bale mihla abaye benza njengoSamuweli, baqeqesha abazalwana ngendlela ebonisa ukuba bayabathanda. (1 Petros 5:2) La madoda makhulu anobubele ayakuvuyela ukufundisa abazalwana kwaye awayoyik’ into yokuba nabo babe namalungelo ebandleni. Kunoko, avakalelwa kukuba aba bazalwana “ngabasebenzi abangamadlelane” abaxabisekileyo abaza kuncedisana nawo ekunyamekeleni ibandla. (2 Korinte 1:24; Hebhere 13:16) Kwaye aba badala bangazicingeli bodwa bayavuya xa bebona abazalwana besebenzisa ubuchule abanabo ekuncedeni abantu bakaYehova.—IZenzo 20:35.

18, 19. Umdala unokuyenza njani intliziyo yomzalwana ilungele ukuqeqeshwa, ibe kutheni ibalulekile nje loo nto?

18 Ungapheleli nje ekufundiseni, yiba ngumhlobo. USamuweli ngewayesuke nje wathatha ioli waza wayigalela entlokweni kaSawule akudibana naye. Nangona lo kumkani mtsha wayeya kube ethanjisiwe ngaloo ndlela, wayeza kube engakulungelanga ukukhokela abantu bakaThixo. Kunokuba enjenjalo, uSamuweli wazipha ixesha lokwenza intliziyo kaSawule ilungele esi sabelo sitsha. Ngaphambi kokuba amthambise, bafumana into etyiwayo, babethwa ngumoya, badl’ imbadu bada baphumla. USamuweli walinda de yalixesha elifanelekileyo ukuze athambise lo kumkani mtsha.

Kufuneka ube ngumhlobo ngaphambi kokuba uqeqeshe umzalwana (Jonga isiqendu 18, 19)

19 Kumele kube njalo ke nakule mihla. Ngaphambi kokuba umdala aqalise ukuqeqesha umzalwana, ufanele azame ukuba ngumhlobo wakhe. Into eya kwenziwa ngumdala ukuze enze loo mzalwana akhululeke iya kuxhomekeka kwiimeko zabo nakwizinto eziqhelekileyo ekuhlaleni. Kodwa, kungakhathaliseki ukuba uhlala phi, ukuba uzipha ixesha lokuba kunye naye nangona uxakekile, uya kutsho aqonde ukuba umxabisile. (Funda amaRoma 12:10.) Siqinisekile ukuba abazalwana baya kukuvuyela ukunyanyekelwa nokuhoywa nguwe.

20, 21. (a) Yintoni amele ayenze umdala ukuze aphumelele? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

20 Kuyinyaniso kona ukuba ukuze umdala aphumelele, kufuneka akuthande ukuqeqesha abantu. Kodwa ke kukwafuneka amthande loo mntu amqeqeshayo. (Thelekisa noYohane 5:20.) Ibaluleke ngantoni loo nto? Kaloku xa umzalwana evakalelwa ukuba uyamthanda, uya kukuvuyela ukufunda kuwe. Lilonke ke badala, zimiseleni ukuba ningapheleli nje ekufundiseni, kodwa nibe ngabahlobo abasenyongweni kubazalwana.—IMizekeliso 17:17; Yohane 15:15.

21 Emva kokuba umdala elungise intliziyo yomfundi, unokuqalisa ukumqeqesha. Ziziphi iindlela anokuzisebenzisa? Siza kuthetha ngaloo nto kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 3 Eli nqaku kunye nelilandelayo, abhalelwe abadala ngokukhethekileyo. Kodwa ke wonke umntu ufanele abe nomdla kule nkcazelo. Ngoba kutheni? Iza kunceda bonke abazalwana bayiqonde into yokuba kufuneka baqeqeshwe ukuze banikwe iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni. Xa bebaninzi abazalwana abaqeqeshelwe ukuncedisa ebandleni, kulungelwa wonke umntu.

^ isiqe. 11 Aba badala ngabaseBangladesh, eBelgium, eBrazil, eFransi, eFrench Guiana, eJapan, eKorea, eMerika, eMexico, eMzantsi Afrika, eNamibhiya, eNigeria, eOstreliya, eRashiya naseRéunion.