IMBONISELO—EFUNDWAYO Matshi 2014

Kweli nqaku, funda indlela yokuhlala ukulungele ukuzincama nokungazigxeki ngokungeyomfuneko. Sinokubanyamekela njani abazalwana noodadewethu nezalamane ezingamaKristu?

Ukufikelela Intliziyo Yezalamane EzingengomaNgqina

Yintoni esiyifunda kwindlela uYesu awaziphatha ngayo izalamane zakhe? Sinokuyifikelela njani intliziyo yezalamane ezihamba enye icawa—okanye ezingacawiyo kwaphela?

Oko Sinokukwenza Ukuze Sihlale Silungele Ukuzincama

Kukho utshaba olungaqondakaliyo olunokusithintela ekubeni sizincame. Eli nqaku liza kusichazela ngolu tshaba lize lisibonise indlela esinokuyisebenzisa ngayo iBhayibhile ukulwa nalo.

Izinto Ezinokukunceda Uyeke Ukuhlala Uzigxeka

Kutheni abantu abaninzi bethanda ukuhlala bezigxeka? Eli nqaku libonisa indlela esinokuncedwa ngayo yiBhayibhile ukuze siyeke ukuhlala sizigxeka.

UNqulo Lwentsapho—Ngaba Unokulwenza Lube Mnandi Ngakumbi?

Funda ngezi ndlela ziluncedo lwenziwa ngazo unqulo lwentsapho kumazwe ahlukahlukeneyo uze ubone ukuba yiyiphi onokuyizama.

Bahloneleni Abalupheleyo

Funda ngendlela uThixo abajonga ngayo abalupheleyo. Ziziphi iimbopheleleko abanazo abantwana abadala ngabazali babo abalupheleyo? Amabandla amele abaphathe njani abalupheleyo abaphakathi kwawo?

Ukunyamekela Abalupheleyo

Abazali asele besaluphala banokuthetha nabantwana babo ngendlela abafuna ukunyanyekelwa ngayo ngaphambi kokuba kufike “imihla yentlekele.” Banokujamelana njani neengxaki ezinokuvela?

Ngaba Uthi ‘Ewe Ngoxa Usithi Hayi’?

AmaKristu okwenyaniso amele azigcine izithembiso zawo ukuze angathi ‘ewe ngoxa esithi hayi.’ Kuthekani xa kufuneka sijike kwisivumelwano esisenzileyo? Funda kumzekelo woMpostile uPawulos.