IMBONISELO—EFUNDWAYO Septemba 2013

Eli phephancwadi liza kuthetha ngendlela esinokuzenza ngayo izigqibo zobulumko, someleze ulwalamano lwethu noYehova uThixo, size sincedwe zizikhumbuzo zikaYehova.

Vumela Amagama Abonisa Ukuchasana Kwezibakala Akuncede

UYesu wayesebenzisa amagama abonisa ukuchasana kwezibakala. Funda indlela onokusebenzisa ukuthelekisa izibakala ngayo ukuze uncede abanye bafunde inyaniso yeBhayibhile.

Izikhumbuzo ZikaYehova Zikholosekile

UYehova ebesoloko esebenzisa izikhumbuzo ukuze akhokele abantu bakhe. Kutheni sinokukholosa ngezikhumbuzo zikaThixo namhlanje?

Izikhumbuzo ZikaYehova Mazibe Kukugcoba Kwentliziyo Yakho

Ngaba uyavuyiswa kukuthobela imiyalelo kaYehova, okanye ngaba ukhe uvakalelwe kukuba iluxanduva? Yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukukholosa ngezikhumbuzo?

Ngaba Utshintshile?

Kutheni kufuneka amaKristu afune ‘ukuguquka’? Yintoni le emele itshintshwe, ibe lunokwenziwa njani olo tshintsho?

Yenza Izigqibo Zobulumko

Sinokuqinisekisa njani ukuba izigqibo esizenzayo ziyavisisana nokuthanda kukaThixo? Yintoni enokusinceda sizifezekise izigqibo esizenzileyo?

Ubuvulindlela Bomeleza Ulwalamano Lwethu NoThixo

Funda ngeendlela ezisibhozo okunokukunceda ngazo ukuba nguvulindlela womeleze ulwalamano lwakho noYehova. Yintoni enokukunceda ungatyhafi?

Imibuzo Evela Kubafundi

Njengoko kuchazwe kwincwadi kaYohane 11:35, kwakutheni ukuze uYesu alile ngaphambi kokuvusa uLazaro?