“Yintoni Inyaniso?”
IRHULUNELI yaseRoma uPontiyo Pilato, ngeliphoxisayo ke phofu, yabuza uYesu loo mbuzo. Yayingenamsebenzi nempendulo kaYesu, noYesu akazange akhuphe nelimdaka. Kusenokwenzeka ukuba uPilato wayecinga ukuba kungangenkankulu ukuyiqonda inyaniso.—Yohane 18:38.
Baninzi abantu namhlanje abanesimo sengqondo sokuyijongela phantsi inyaniso, phakathi kwabo kukho abefundisi beecawa, ootitshala nabezopolitiko. Uninzi lwaba bantu lukholelwa kwelokuba inyaniso—ngakumbi inyaniso ngendlela yokuziphatha nesekelwe eBhayibhileni—ayinakuqondwa kodwa ixhomekeke kumntu ngamnye yaye iyatshintshatshintsha. Eneneni, oku kuthetha ukuba abantu banokuzigqibela ngokwabo okulungileyo nokuphosakeleyo. (Isaya 5:20, 21) Okwesibini, oku kukwathetha ukuba abantu banokuyikhaba ngawo omane imilinganiselo yokuziphatha yezizikulwana zangaphambili, besithi iphelelwe lixesha.
Kubangel’ umdla ke noko ukwazi unobangela wokuba uPilato abuze loo mbuzo. Kaloku uYesu wathi: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:37) KuYesu inyaniso yayingeyontsumantsumane engenakuqondakala. Wabathembisa oku abafundi bakhe: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32.
Inokufunyanwa phi inyaniso enjalo? Ngasihlandlo sithile, uYesu wathi xa wayethandaza kuThixo: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) IBhayibhile ephefumlelwe nguThixo, ichaza inyaniso esinika ukhokelo olunokuthenjwa, yaye isinika nethemba eliqinisekileyo ngekamva—ubomi obungunaphakade.—2 Timoti 3:15-17.
UPilato waligatya ithuba lokuba afunde inyaniso enjalo. Kuthekani ngawe? Kutheni ungabuzi amaNgqina kaYehova ukuba yintoni “inyaniso” eyayifundiswa nguYesu? Angakuvuyela ukukuxelela ngayo.

