Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze uDavide, umkhonzi othembekileyo kaYehova, avumele umfazi wakhe uMikali ukuba abe nomlonde-khaya okanye umfanekiso oqingqiweyo, njengokuba kuboniswa kweyoku-1 kaSamuweli 19:12, 13?

Okokuqala, makhe ngokufutshane nje sihlole umongo. Xa iindaba zokuba uKumkani uSawule uceba ukubulala uDavide zafika ezindlebeni zomfazi wakhe, ngoko nangoko umfazi kaDavide wathabath’ inyathelo. IBhayibhile ithi: “Ngoko nangoko uMikali wamhlisa uDavide ngefestile, ukuze ahambe abaleke emke aze asinde. Wandula ke uMikali wathabatha umlonde-khaya [ekubonakala ukuba wawulingana yaye umile okomntu] waza wawubeka esingqengqelweni, nomnatha woboya bebhokhwe wawubeka kwindawo yentloko yakhe, emva koko wawugubungela ngesambatho.” Xa abathunywa bakaSawule beza kumbamba uDavide, uMikali wathi kubo: “Uyagula.” Eli qhinga lamvulela ithuba lokusaba uDavide nto leyo awayenza ngokuphumelelayo.—1 Samuweli 19:11-16.

Kwizinto zakudala ezembiwayo kufunyaniswa ukuba kumaxesha amandulo, imilonde-khaya yayigcinwa kungekuphela nje ukuze isetyenziswe kunqulo kodwa nakwimicimbi yomthetho. Kanye njengokuba amaxwebhu omhlaba okanye amafa abhaliweyo ayenikela amalungelo elifa, oku kwakunjalo nangemilonde-khaya. Kubonakala ukuba, ukuba nemilonde-khaya kwiimeko ezithile, kwakunika umkhwenyana ilungelo lokufumana umhlaba kayisezala njengelifa. Oku kusenokuba sisizathu esabangela ukuba uRakeli, ngaphambilana athabathe imilonde-khaya kayise nesizathu sokuba uyise akufune ngamandla ukuyifumana. Ngeso sihlandlo, umyeni kaRakeli, uYakobi, wayengayazi into eyenziwe ngumfazi wakhe.—Genesis 31:14-34.

Xa amaSirayeli aba luhlanga, anikwa iMithetho Elishumi, yaye owesibini wawukwalela ngokucacileyo ukwenza imifanekiso eqingqiweyo. (Eksodus 20:4, 5) Kamva, umprofeti uSamuweli wabhekisela kulo mthetho xa wayethetha noKumkani uSawule. Wathi: “Imvukelo iyafana nesono sokuvumisa, nokunyanzelisa ngekratshi nqwa nokusebenzisa amandla angaqhelekanga nemilonde-khaya.” (1 Samuweli 15:23) Ngenxa yesi sizathu, akunakufane kwenzeke ukuba imilonde-khaya ibe yayisetyenziselwa amafa kwaSirayeli. Sekunjalo, kubonakala ukuba iintsapho ezithile zamaSirayeli zazisayikholelwa le nkolelo yamaYuda. (ABagwebi 17:5, 6; 2 Kumkani 23:24) Isibakala sokuba uMikali wagcina umlonde-khaya phakathi kweempahla zakhe kubonisa ukuba intliziyo yakhe yayingaphelelisanga kuYehova. Kusenokwenzeka ukuba Davide wayengazi nto ngalo mlonde-khaya okanye wawunyamezela kuba uMikali wayeyintombi kaKumkani uSawule.

Imbono kaDavide yokuzinikela ngokupheleleyo kuYehova ivakaliswa ngamazwi athi: “Mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu, yaye uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo. Kuba bonke oothixo bezizwana ngoothixo abangenaxabiso. Yena uYehova, wenze amazulu.”—1 Kronike 16:25, 26.

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Owesibini kwiMithetho Elishumi wakwalela ukwenziwa kwemifanekiso eqingqiweyo njengomlonde-khaya oboniswe apha

[Inkcazelo]

Ngokusuka kwincwadi ethi The Holy Land, Umqu. II, 1859