Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UVUKANI! No. 3 2021 | Ngaba Kufuneka Ukholelwe KuMdali?—Uthini Wena?

Abantu bathetha izinto ezahlukeneyo ngendlela ubomi bayo yonke into ephilayo obaqala ngayo. Lo Vukani! uza kukunceda ujonge ubungqina uze uzikhethele ukuba yeyiphi inyani. Ngaba zonke izinto ezidaliweyo zazivelela okanye zadalwa nguThixo? Into oyikholelwayo ibaluleke kakhulu.

 

Unokuzikhethela Njani?

Abantu bashiyeka bedidekile yimibuzo engokudalwa nenento yokwenza nendlela ubomi obaqala ngayo.

Into Esinokuyifunda Kwizinto Ezidaliweyo

Zonke izinto ezidaliweyo ezulwini nasemhlabeni zenziwe ngendlela yokuba izinto zikwazi ukuphila. Ngaba le ndlela zenziwe ngayo ayibonisi ukuba ukhona umntu ozidalileyo?

Into Esinokuyifunda Kwizinto Eziphilayo

Izinto eziphilayo zenza umhlaba wethu ube mhle ngokukhethekileyo. Izinto eziphilayo zisixelela ntoni ngemvelaphi yazo?

Into Abangayaziyo Oososayensi

Ngaba oososayensi bayayazi ukuba ubomi nendalo baqala njani?

Oko Sikufundiswa YiBhayibhile

Ngaba oko kufundiswa yiBhayibhile kuyangqinelana nobungqina obuze nesayensi?

Kutheni Kubalulekile Ukwazi Ukuba Ukhona UMdali

Ukuba ubungqina obukhoyo bukwenza ukholelwe ukuba ukhona uThixo ongusomandla, unokuncedakala ngoku nakwixesha elizayo.

Cingisisa Ngobungqina Obukhoyo

Khawucingisise ngobubungqina bokukholelwa ukuba ukhona uMdali.