IsiXhosa
UVUKANI! Ungamelana Njani Nokunyuka Kwamaxabiso?
https://cms-imgp.jw-cdn.org/img/p/g/202511/XO/pt/g_XO_202511_lg.jpg
g25 No. 1

UVUKANI! No. 1 2025 | Ungamelana Njani Nokunyuka Kwamaxabiso?

Ngaba ukhathazwa kukunyuka kwamaxabiso ezinto esizidingayo ukuze siphile? Ngaba usebenza iiyure ezongezelelekileyo ukuze ukwazi ukuziphilisa ize loo nto ikwenze uchithe ixesha elincinci nabantu obathandayo? Ukuba kunjalo, amanqaku akulo Vukani! aza kukunika amacebiso anokukunceda ukuze wonwabe ungabi namaxhala kakhulu. Inqaku lokugqibela liza kuthetha ngethemba lobomi obubhetele​—esiza kubuphila kwixesha elizayo nendlela elinokukuthuthuzela ngayo ngoku.

 

Yamkele Imeko

Ukwamkela ukunyuka kwamaxabiso kungakunceda ukwazi ukumelana nemeko yakho.

Yisebenzise Kakuhle Imali Yakho

Jonga amacebiso ayi-5 okonga imali anokukunceda ukuze ukwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali yakho.

Yaneliseka Zizinto Onazo

Funda ukuphila ngaloo nto incinci unayo uze wonwabe.

Yiba Ngumntu Ophayo

Ukupha abanye kungakunceda njani ukwazi ukumelana neengxaki zemali?

Yiba Nethemba

IBhayibhile isinika ithemba eliqinisekileyo lekamva elibhetele​​​—eli themba lingakuthuthuzela kwangoku.

Funda Okungakumbi

IBhayibhile inceda abantu abaninzi ukuze bakwazi ukumelana nokunyuka kwamaxabiso. Ngoko, ingakunceda nawe.