Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ummangaliso Wentlanzi Emibalabala

IOrange clown fish

Ummangaliso Wentlanzi Emibalabala

ZIMBALWA iintlanzi ezibangel’ umdla njengentlanzi emibalabala ebizwa ngokuba yiclown fish. Mhlawumbi sitsalwa yimibala yayo emihle, esikhumbuza ngomntu ohlekisayo wasesekisini. Okanye into esenza sibe nomdla yindawo ehlala kuyo. Ihlala kwisityalo saselwandle esihlabayo esibizwa ngokuba yianemone. Ayimangalisi ke into yokuba elinye igama ebizwa ngalo kuthiwe yianemonefish.

Njengabadlali abaninzi baseHollywood, le ntlanzi ayibaleki xa ufuna ukuyifota. Xa ziza kuyifota, iindadi ezintywilayo zilindela ukuba izilungiselele ukufotwa, ekubeni ingadadeli kude nesityalo ehlala kuso kwaye ingenazintloni.

Eyona nto imangalisayo yindlela ephila ngayo ebonakala iyingozi. Ukuhlala kwayo kwesi sityalo sihlabayo nesinetyhefu kufana nokuhlala emngxunyeni weenyoka. Sekunjalo, le ntlanzi nesi sityalo sinetyhefu yintlaka nexolo. Yintoni ebangela loo nto?

‘ANDINAKUHLALA NGAPHANDLE KWAKHO’

Iclown fish enemigca emibini

Njengabo bonke abahlobo abavanayo, le ntlanzi nesi sityalo ziyancedana. Obu buhlobo bubalulekile kule ntlanzi, ayibobuhlobo njee. Isazi ngezinto eziphila emanzini sithi le ntlanzi ayinakuphila ngaphandle kwesi sityalo. Ayikwazi kakuhle ukudada, nto leyo ebangela ukuba ibe lixhoba leentshaba ezilambileyo xa ikude nesityalo ehlala kuso. Noko ke, ekubeni ihlala kwaye izikhusela ngesi sityalo xa isengxakini, inokuphila iminyaka elishumi.

Esi sityalo silikhusi nekhaya lale ntlanzi. Imazi izalela amaqanda kuso, ize yona nenkunzi zibe liliso kuwo. Ekuhambeni kwexesha, abantwana bayo baye badade bejikeleza eso sityalo aqandusele kuso loo maqanda.

Sona esi sityalo sincedwa njani yile ntlanzi? Le ntlanzi iba ngunogada waso. Iye ileqe iintlanzi ezibizwa ngokuba ziibutterfly fish ezitya esi sityalo. Esi sityalo asinakuphila ngaphandle kweclown fish. Abaphengululi bakhe bayisusa le ntlanzi kwesi sityalo, zathi ziphela iiyure eziyi-24 sabe sesingasekho. Kuyabonakala ukuba satyiwa ziibutterfly fish.

Kubonakala ngathi esi sityalo sifumana amandla kule ntlanzi. Sikhuliswa yiammonium ekhutshwa yile ntlanzi. Xa idada phakathi kwesi sityalo, ibangela loo manzi abe neoksijini esincedayo.

IDADA KWINDAWO EYOYIKWAYO ZEZINYE

IPink skunk clown fish

Le ntlanzi ikhuselwa sisikhumba sayo. Sinenwebu eyikhusela kulwamvila lwezinye izinto. Ngenxa yale nwebu, kubonakala ngathi esi sityalo sicinga ukuba le ntlanzi sesinye isityalo esifana naso.

Olunye uhlolisiso luthi xa ikhetha enye indawo yokuhlala, le ntlanzi iye izame ukuziqhelanisa neso sityalo isifumeneyo. Kuye kwaphawulwa ukuba xa ifika kweso sityalo, iye imana isichukumisa kangangeeyure ezimbalwa. Kubonakala ngathi le nto ibangela ukuba inwebu yayo iqhelane netyhefu yesi sityalo iza kuhlala kuso. Kusenokwenzeka ukuba okweli thutyana iyaluva ulwamvila lwaso. Kodwa emva koko, ziba yintlaka nexolo.

Indlela ezisebenzisana ngayo ezi zidalwa isisifundo esibangel’ umdla kubantu abasebenza kunye. Kwizinto ezininzi abazama ukuzenza abantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo, bayaphumelela xa behlanganisa ubuchule abanabo. Ngokufanayo nale ntlanzi imibalabala ibizwa ngokuba yiclown fish, sisenokuthatha ixeshana ukuze siqhele ukusebenza nabanye, kodwa ekugqibeleni siya kusebenzisana kakuhle.