Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKWENZA IMIKHWA YAKHO IBE MIHLE

2. Zilawule Izinto Nabantu Obasondeza Kuwe

2. Zilawule Izinto Nabantu Obasondeza Kuwe
  • Ugqibe ekubeni uza kutya ngendlela ebhetele, kodwa laa ice cream ingathi iyakubiza.

  • Ufuna ukuyeka ukutshaya kodwa umhlobo wakho okwaziyo oko ukunika icuba.

  • Ucebe ukuba uza kujima namhlanje kodwa kwaukukhangela izihlangu zokubaleka kuyakudinisa!

Ngaba uyabona ukuba zifana ngantoni ezi zinto zingentla? Amava asibonisa ukuba izinto esizenzayo nabantu esisoloko sihlala nabo banefuthe ekubeni sibe nemikhwa elungileyo nasekwahlukaneni nemibi.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”IMizekeliso 22:3.

IBhayibhile isicebisa ukuba sicinge kusengaphambili. Xa sisenza oko, siyakwazi ukuphepha izinto ezinokwenza singalufikeleli usukelo esinalo size senze ezo ziza kusinceda silufikelele. (2 Timoti 2:22) Ngamafutshane, siya kuba silumkile ukuba siyazilawula izinto nabantu esibasondeza kuthi.

Yenza kube nzima ukwenza okubi uze wenze kube lula ukwenza okulungileyo

OKO UNOKUKWENZA

  • Yenza kube nzima ukwenza okubi. Ngokomzekelo, ukuba ufuna ukuyeka ukutya okungenasondlo, zama ukungabi nako kwikhitshi lakho. Ngoko, xa ukubawela kuza kufuneka wenze umgudu ukuze ukufumane.

  • Yenza kube lula ukwenza okulungileyo. Ngokomzekelo, ukuba ufuna ukuya kujima kusasa, lala uzikhuphile iimpahla zokujima. Xa usenza kube lula ukuqalisa ukwenza okulungileyo, koba nzima ukukuyeka.

  • Zikhethe kakuhle izihlobo zakho. Siye sifane nabantu esihlala nabo kakhulu. (1 Korinte 15:33) Ngoko, sukuqhogana nabantu abakubangela wenze imikhwa ofuna ukwahlukana nayo, kodwa hlala nabo bakunceda wenze elungileyo.