Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda kakuhle iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Kutheni abazali abafudukele kwelinye ilizwe befanele bacingisise ngolwimi olunokunceda abantwana babo babe nokholo?

Abantwana banokulufunda esikolweni nakwezinye iindawo ulwimi lwasekuhlaleni. Ukwazi iilwimi ezininzi kungamnceda umntwana wakho. Abazali kufuneka bacinge ukuba luluphi ulwimi olunokunceda abantwana babo bayazi inyaniso baze bakhule elukholweni. Ngaba kuza kufuneka abantwana babe kwibandla lasekuhlaleni okanye kwibandla elisebenzisa ulwimi lwabazali babo? Kubazali abangamaKristu, lukholo lwabantwana babo oluza kuqala kunezinto abazifunayo.—w17.05, iphe. 9-11.

Xa uYesu wabuza uPetros wathi: “Uyandithanda na ngaphezu kwezi?” wayethetha ngantoni? (Yoh. 21:15)

Kubonakala ngathi uYesu wayethetha ngeentlanzi ezazilapho okanye ngeshishini lokuloba. Emva kokufa kwakhe, uPetros wabuyela kwishishini lakhe lokuloba. AmaKristu afanele aqiniseke ukuba awubeka kwindawo yawo umsebenzi wempangelo.—w17.05, iphe. 22-23.

Kwakutheni ukuze uAbraham acele umfazi wakhe ukuba athi ungudadewabo? (Gen. 12:10-13)

Kaloku, uAbraham noSara babezalwa ngutata omnye. Ukuba uSara wayethe ungumfazi ka-Abraham, mhlawumbi uAbraham wayeza kubulawa aze angakwazi ukuba nenzala awayeyithenjiswe nguThixo.—wp17.3, iphe. 14-15.

Bobuphi ubuchule obasetyenziswa nguElias Hutter ukuze ancede abantu abafuna ukufunda isiHebhere?

Wayefuna babone umahluko phakathi kwesiqu segama lesiHebhere kunye nesimaphambili nesimamva esihamba naso. Waprinta isiqu segama ngqindilili ngoxa isimaphambili nesimamva zibhalwe ngendlela eqhelekileyo. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele—Eneembekiselo isebenzise le ndlela kwimibhalo yayo esemazantsi.—wp17.4, iphe. 11-12.

Ukuba umKristu ufuna ukuba nompu ukuze azikhusele kwabanye, ziintoni afanele acinge ngazo?

Nazi ezinye zazo: Ubomi bungcwele kuThixo. UYesu akazange athi abalandeli bakhe mababe namakrele ukuze bazikhusele. (Luka 22:36, 38) Kufuneka sikhande amakrele ethu abe ngamakhuba. Ubomi bubaluleke kakhulu kunezinto esinazo. Siyazihlonipha izazela zabantu ibe sifuna ukuba ngumzekelo. (2 Kor. 4:2)—w17.07, iphe. 31-32.

Kutheni uMateyu noLuka bethetha izinto ezingafaniyo ngobomi bukaYesu esemncinci?

UMateyu ubalisa ngecala likaYosefu. Ngokomzekelo, uchaza into eyenziwa nguYosefu akuva ukuba uMariya ukhulelwe, xa wayexelelwa ukuba abalekele eYiputa naxa kwakusithiwa makabuyele kwaSirayeli. ULuka yena ubalisa kakhulu ngoMariya. Ngokomzekelo, usichazela ngexesha laxa uMariya wayeye kubona uElizabhete, nento awayithethayo xa wafumanisa ukuba uYesu wayeshiyeke etempileni.—w17.08, iphe. 32.

Zeziphi izinto iBhayibhile eye yamelana nazo?

Amany’ amagama aseBhayibhileni asenokuthetha enye into ekuhambeni kwexesha. Iziganeko ezenzeka kwipolitiki ziye zaba nefuthe kulwimi oluthethwa ngumntu wonke, okanye ngabantu abaqhelekileyo. Abanye abantu zange bayithande into yokuguqulelwa kweBhayibhile kwiilwimi eziqhelekileyo.—w17.09, iphe. 19-21.

Ngaba umntu unengelosi yakhe?

Hayi. UYesu wathetha ngeengelosi zabalandeli bakhe, esithi zisoloko zibubona ubuso bukaThixo. (Mat. 18:10) Wayengathi iingelosi zikhusela umfundi ngamnye kodwa wayethetha ukuba zinomdla kubo.—wp17.5, iphe. 5.

Loluphi olona hlobo lothando lugqwesileyo?

Xa esekelwe kwimigaqo echanileyo, u-a·gaʹpe lolona thando lugqwesileyo. Umntu onolu thando uba nomsa nobubele, kwaye akazicingeli. Kunoko wenzela abanye izinto.—w17.10, iphe. 7.