Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Phantse zonke ezona nkonzo ziphambili zikholelwa ekubeni umphefumlo womntu awufi

INQAKU ELINGUMXHOLO | ITHINI IBHAYIBHILE NGOBOMI NOKUFA?

Umbuzo Obhida Abaninzi

Umbuzo Obhida Abaninzi

ABANTU baneembono ezingafaniyo ngobomi nokufa. Abanye bathi emva kokufa, baza kuphila kwenye indawo okanye belolunye uhlobo. Bona abanye bathi baza kuphinda bazalwe baze baphile kobunye ubomi. Sekunjalo, abanye bathi xa usifa kuphelile ngawe.

Ngenxa yendawo okhulele kuyo okanye izithethe okhule phantsi kwazo, usenokuba uyiqonda ngenye indlela nawe le nto. Ekubeni ingafani indlela esiyiqonda ngayo into eyenzekayo xa umntu esifa, ngaba ukho umntu okanye indawo esinokuthembela kuyo ukuze sifumane iimpendulo ezichanileyo kulo mbuzo ubhida abaninzi?

Kangangeminyaka emininzi, iinkokeli zonqulo zifundise abantu ukuba umphefumlo awufi. Ngenxa yoko ezona nkonzo ziphambili, amaKristu, amaHindu, amaYuda, amaSilamsi nezinye iicawa zikholelwa ekubeni xa umntu esifa umphefumlo uyaphuma uze uphile kummandla womoya. Wona amaBhuda akholelwa ukuba njengoko umntu emane ezalwa ude afikelele kwimeko yolonwabo neyokukhululeka kuzo zonke iintlungu ebizwa ngokuba yiNirvana.

Ngenxa yezi mfundiso, abantu abaninzi ehlabathini lonke bakholelwa ekubeni xa besifa, baza kuphila kwenye indawo. Kwabaninzi, ukufa kubalulekile ukuze baphinde baphile, ibe kubo kubonakala kuyinjongo kaThixo. Ithini yona iBhayibhile ngale nto? Sicela ufunde inqaku elilandelayo. Unokothuswa yimpendulo oza kuyifumana.