Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ukuba Ngumntu Olungileyo Kuza Kukwenza Ube Nekamva Eliqinisekileyo?

Ngaba Ukuba Ngumntu Olungileyo Kuza Kukwenza Ube Nekamva Eliqinisekileyo?

Kudala abantu bacinga ukuba ukuze ube nekamva eliqinisekileyo kufuneka ube ngumntu olungileyo. Ngokomzekelo abantu abaninzi eAsia bayavumelana nento ethethwa yenye indoda efundileyo enguConfucius (551-479 B.C.E.) xa isithi: “Xa into ungafuni yenziwe kuwe nawe sukuyenza kwabanye.” *

INTO ABANYE ABAYE BAYENZE

Abanye basakholelwa ukuba xa belungile baza kuba nekamva elibhetele. Baye bazame ukuhlonipha abanye, babe nembeko, babe ngabantu abaziwa kakuhle, baze babe nesazela esicocekileyo. ULinh waseVietnam uthi, “Ndandicinga ukuba, ukuba nje ndingumntu onyanisekileyo loo nto ithetha ukuba ndiza kuphila kamnandi.”

Abanye bazama ukwenza izinto ezintle ngenxa yezinto abazikholelwayo. Indoda yaseTaiwan ekuthiwa nguHsu-Yun ithi, “Ndafundiswa ukuba xa usenza izinto ezilungileyo ngoxa usaphila uza konwaba nasemva kokuba uswelekile kodwa ukuba wenza izinto ezimbi uza kungcungcutheka.”

UYE WABA YINTONI UMPHUMO?

Yinyani ukuba xa sibenzela izinto ezintle abanye siye sincedakale kwizinto ezininzi. Kodwa abantu abasoloko besenzela izinto ezintle abanye baye bafumanisa ukuba bona abasoloko bephathwa ngokufanayo. UShiu waseHong Kong uthi, “Ndayibona kum into yokuba xa usoloko usenzela abantu izinto ezintle loo nto ayithethi ukuba nawe uza kusoloko uphathwa kakuhle. Ndandizama ukuba ngumntu owenza izinto ezintle ibe akukho nto ndandingayenzeli yona intsapho yam, kodwa umyeni wam wasishiya nonyana wam.”

Abantu abaninzi baye babona ukuba abantu abakhonzayo abasoloko bengabantu abalungileyo. Omnye umama waseJapan ekuthiwa nguEtsuko uthi, “Ndaye ndaqalisa ukuya kwenye inkonzo ibe kwaye kwakhethwa mna ukuba ndilungiselele abantu abasebatsha xa beza kudibana. Kwandothusa ukubona abanye enkonzweni beziphethe kakubi, belwela isikhundla, besebenzisa kakubi nemali yecawa.”

“Ndandizama ukuba ngumntu owenza izinto ezintle ibe akukho nto ndandingayenzeli yona intsapho yam, kodwa umyeni wam wasishiya nonyana wam.” — USHIU PING, WASEHONG KONG

Abanye abantu abakhonzayo nabaye bazame ukwenza izinto ezintle baye badane xa besehlelwa zizinto ezibuhlungu. Leyo yindlela awayeziva ngayo umfazi wase Vietnam ekuthiwa nguVan. “Ndandiye ndiqiniseke ukuba ndithenga iifruit, iiflower kunye nokutya ndize ndiye kuzibeka kumangcwaba abantu basekhaya abaswelekayo, kuba ndandicinga loo nto iza kundinceda ndisikeleleke kwixesha elizayo”. Uphinde athi, “Ndandisenza izinto ezintle ndizimisele nasenkonzweni iminyaka emininzi, kodwa umyeni wam wagula kakhulu. Ndathi ndisajongene naleyo kwasweleka intombi yam eneminyaka eyi-20 eyayifunda phesheya.”

Ukuba akwanelanga ukuba ngumntu olungileyo ukuze ube nekamva eliqinisekileyo, yintoni ke encedayo? Ukuze siyifumane sidinga umntu oza kusinika iimpendulo eziza kusinceda sibe nekamva eliqinisekileyo. Singamfumana phi loo mntu?

^ isiqe. 2 Ukuze ufunde nangezinye izinto ezafundiswa nguConfucius funda incwadi eyakhutshwa ngesiNgesi ngamaNgqina kaYehova ethi Mankind’s Search for God, isahluko 7, isiqendu 31-35 iyafumaneka kwi-intanethi ku www.jw.org