Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ihlabathi Elibhetele Likufuphi!

Ihlabathi Elibhetele Likufuphi!

UAntónio Guterres ongunobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo wathi: “Siphila kwihlabathi elineengxaki ezininzi.” Ngokuqinisekileyo uyavumelana naye.

Ezindabeni kuthethwa ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo

  • Izigulo neezifo ezingubhubhani

  • Iintlekele zemvelo

  • Ukuhlupheka nendlala

  • Ukungcoliswa komhlaba nokutshintsha kwemozulu ngendlela engaqhelekanga

  • Ukwaphulwa komthetho, ubundlobongela nokuqhathwa kwabantu

  • Iimfazwe

Ezi zinto zibonisa ukuba silidinga nyhani ihlabathi elibhetele. Kulo, kuza kubakho:

  • Abantu abasempilweni

  • Indawo ekhuselekileyo yomntu wonke

  • Ukutya okuninzi

  • Umhlaba ococekileyo

  • Ubulungisa ndawo yonke

  • Uxolo emhlabeni wonke

Kodwa ke, sithetha ngantoni xa sithetha ngehlabathi elibhetele?

Kuza kwenzeka ntoni kulo mhlaba siphila kuwo ngoku?

Yintoni esinokuyenza ukuze siphile kwihlabathi elibhetele?

Le Mboniselo iza kubonisa indlela iBhayibhile eyiphendula ngokuthuthuzela ngayo le mibuzo neminye imibuzo efana nale.