Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ucinga Ntoni?

Ucinga Ntoni?

Ngaba iBhayibhile inokukunceda ukwazi ukuba ngumhlobo kaThixo?

ABANYE ABANTU BATHI . . .

abanakukwazi ukuba ngabahlobo bakaThixo kuba bamdaka okanye banesono. Abanye bathi uThixo akasikhathalelanga. Wena uthini?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UThixo ‘usondelelene nabo bathe tye.’ (IMizekeliso 3:32) Ukuba siyamthobela, sinokuba ngabahlobo bakhe.

ENYE INTO ESINOKUYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • UThixo ufuna ukuba nguMhlobo wethu.​—Yakobi 4:8.

  • NjengoMhlobo, ukulungele ukusinceda nokusixolela.​—INdumiso 86:5.

  • Abahlobo bakaThixo bayazithanda izinto azithandayo, bazicaphukele azicaphukelayo.​—Roma 12:9.