Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

Ngaba Igama Lakho Likhona “Kwincwadi Yobomi”?

Ngaba Igama Lakho Likhona “Kwincwadi Yobomi”?

Kwabhalwa incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova.’​—MAL. 3:16.

INGOMA 61 Phambili MaNgqina!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

Ukususela ngexesha lika-Abheli, uYehova uye wabhala namanye amagama “kwincwadi yobomi” (Jonga isiqendu 1-2)

1. Ngokutsho kukaMalaki 3:16 uYehova ebebhala eyiphi incwadi? Ubhale ntoni kuyo?

 KANGANGEMINYAKA emininzi, uYehova ebebhala incwadi ekhethekileyo. Kule ncwadi kubhalwe amagama abantu, elokuqala lelika-Abheli owayelingqina lokuqala elithembekileyo. b (Luka 11:50, 51) Ukususela ngelo xesha, uYehova uye wongeza namanye amagama. Namhlanje maninzi gqitha amagama akuloo ncwadi. EBhayibhileni ibizwa ngokuba ‘yincwadi yokukhumbuza,’ ‘incwadi yobomi’ ‘nomsongo wobomi.’ Kweli nqaku siza kuthi yincwadi yobomi.​—Funda uMalaki 3:16; ISityhi. 3:5; 17:8.

2. Ngabantu abatheni abanamagama abhalwe kwincwadi yobomi? Yintoni esimele siyenze ukuze nawethu abhalwe kuyo?

2 Le ncwadi ikhethekileyo inamagama abo bonke abakhonzi bakaYehova abamoyikayo nabalithandayo igama lakhe. Aba bantu banethuba lokufumana ubomi obungunaphakade. Nawethu amagama anokubhalwa xa sisiba ngabahlobo bakaYehova ngenxa yokholo esinalo kwidini loNyana wakhe uYesu Kristu. (Yoh. 3:16, 36) Nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, sonke sifuna amagama ethu abhalwe kule ncwadi.

3-4. (a) Ukuba amagama ethu abhaliwe kwincwadi yobomi ngoku, ngaba loo nto ithetha ukuba siza kuphila ngonaphakade? Cacisa. (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku nakwelilandelayo?

3 Ngaba ukubhalwa kwegama lomntu kule ncwadi kuthetha ukuba nakanjani uza kufumana ubomi obungunaphakade? Impendulo siyifumana kwinto eyathethwa nguYehova kuMoses kwiEksodus 32:33. Wathi: “Nabani na ondonileyo, ndiza kucima yena encwadini yam.” Loo nto ithetha ukuba amagama akule ncwadi anokucinywa, kube ngathi uYehova ebesawabhale ngepensile. (ISityhi. 3:5) Simele siqiniseke ukuba awacinywa de abhalwe ngeinki.

4 Kodwa kukho imibuzo esisenokuzibuza yona. Ngokomzekelo, ithini iBhayibhile ngabo babhalwe kwincwadi yobomi nabo bangabhalwanga? Abo babhaliweyo baza kubufumana nini ubomi obungunaphakade? Kuza kwenzeka ntoni kwabo basweleke bengamazi uYehova? Ingenzeka into yokuba amagama abo abhalwe kule ncwadi? Le mibuzo iza kuphendulwa kweli nqaku nakwelilandelayo.

NGOOBANI ABABHALWE KULE NCWADI?

5-6. (a) AmaFilipi 4:3 abonisa ukuba ngoobani abanye ababhalwe kwincwadi yobomi? (b) Kunini apho amagama abo aza kuhlala ebhalwe kwincwadi yobomi?

5 Ngoobani abanamagama abhalwe kwincwadi yobomi? Ukuze siphendule lo mbuzo, siza kuthetha ngamaqela ayi-5 abantu. Abanye amagama abo akhona kule ncwadi kanti awabanye awekho.

6 Iqela lokuqala ngabo bakhethwe ukuba baye kulawula noYesu ezulwini. Abhaliwe amagama abo kwincwadi yobomi? Ewe. Into eyathethwa ngumpostile uPawulos kumaKristu aseFilipi ‘awayesebenza naye’ ibonisa ukuba amagama abantu abathanjisiweyo nabaza kulawula noYesu abhaliwe kwincwadi yobomi. (Funda amaFilipi 4:3.) Kodwa ukuze angacinywa, kufuneka bahlale bethembekile. Baza kuphawulwa okokugqibela ngaphambi kokuba basweleke okanye ngaphambi kokuba kuqale ixesha lentlungu engathethekiyo, aze amagama abo ahlale ekule ncwadi.—ISityhi. 7:3.

7. ISityhilelo 7:16, 17 sibonisa ukuba yintoni emele yenzeke ukuze amagama esihlwele esikhulu sezinye izimvu angacinywa kwincwadi yobomi?

7 Iqela lesibini sisihlwele esikhulu sezinye izimvu. Abhaliwe amagama aso kwincwadi yobomi? Abhaliwe. Aza kube esekhona nasemva kokuba sisinde kwiArmagedon? Ewe. (ISityhi. 7:14) Kaloku uYesu wathi aba bantu banjengezimvu baza “kufumana ubomi obungunaphakade.” (Mat. 25:46) Kodwa abo basinde kwiArmagedon abazukubufumana ngoko nangoko ubomi obungunaphakade. Kuza kuba ngathi amagama abo asabhalwe ngepensile. Ngexesha loLawulo LweMinyaka Eliwaka, uYesu uza ‘kubakhathalela njengomalusi, abase kwimithombo enamanzi obomi.’ Abo baye bathobela uKristu nabaye bathembeka kuYehova, amagama abo awazukucinywa kwincwadi yobomi.​—Funda iSityhilelo 7:16, 17.

8. Ngamagama oobani angabhalwanga kwincwadi yobomi? Kuza kwenzeka ntoni kubo?

8 Iqela lesithathu ziibhokhwe eziza kutshatyalaliswa ngeArmagedon. Amagama aba bantu awabhalwanga kwincwadi yobomi. UYesu uthi aba “baza kufa ngonaphakade.” (Mat. 25:46) Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi aba “bantu baza kugwetywa ngokutshatyalaliswa ngonaphakade.” (2 Tes. 1:9; 2 Pet. 2:9) Kuza kwenzeka into efanayo nakubantu abawone ngabom umoya oyingcwele. Nabo abazukubufumana ubomi obungunaphakade. Kucacile ukuba abazukuvuswa. (Mat. 12:32; Marko 3:28, 29; Heb. 6:4-6) Ngoku makhe sithethe ngamaqela amabini abantu abaza kuvuselwa emhlabeni.

NGOOBANI ABAZA KUVUSWA?

9. Ngawaphi amaqela amabini abantu abaza kuvuselwa emhlabeni ekuthethwe ngawo kwiZenzo 24:15? Ahluke ngantoni?

9 IBhayibhile ithetha ngamaqela amabini abantu abaza kuvuselwa ukuphila ngonaphakade emhlabeni, “abangamalungisa nabangengomalungisa.” (Funda iZenzo 24:15.) Abantu “abangamalungisa” ngabo baye bamkhonza ngokuthembeka uYehova besaphila. Kanti ‘abangengomalungisa’ ngabo baye abamkhonza. Phofu abaninzi kubo babesenza izinto ezininzi ezingalunganga. Ekubeni abantu abakula maqela mabini beza kuvuswa, ngaba amagama abo abhaliwe kwincwadi yobomi? Ukuze siphenduleke, makhe sithethe ngeqela ngalinye.

10. Kutheni abantu “abangamalungisa” beza kuvuswa? Yeyiphi inyhweba abaza kuba nayo abanye babo? (Jonga nenqaku elikule Mboniselo elithi “Imibuzo Evela Kubafundi,” elithetha ngabantu abaza kuvuselwa emhlabeni.)

10 Iqela lesine ngabantu “abangamalungisa.” Ngaphambi kokuba basweleke, amagama abo ayebhaliwe kwincwadi yobomi. Xa babesweleka ngaba acinywa? Hayi, kaloku uYehova usabakhumbula ngokungathi ‘basaphila.’ “AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo, kuba bonke bayaphila kuye.” (Luka 20:38) Le nto ithetha ukuba xa bevuselwa emhlabeni, amagama abo aza kube esekhona kwincwadi yobomi, nangona kuza kuba ngathi asabhalwe “ngepensile.” (Luka 14:14) Ngokuqinisekileyo abanye babo baza kuba nenyhweba yokuba ‘ziinkosana emhlabeni wonke.’​—INdu. 45:16.

11. Yintoni ekuza kufuneka bayifunde abantu ‘abangengomalungisa’ ukuze amagama abo abhalwe kwincwadi yobomi?

11 Iqela lesihlanu nelokugqibela ngabantu ‘abangengomalungisa.’ Babengengomalungisa ngaphambi kokuba basweleke, mhlawumbi kuba babengayazi imithetho kaYehova. Ngenxa yaloo nto, amagama abo zange abhalwe kwincwadi yobomi. Kodwa uThixo uza kubavusa, abanike ithuba lokusebenzela ukuba ade abhalwe. Aba bantu ‘bangengomalungisa’ baza kuludinga nyhani uncedo. Kaloku ngaphambi kokuba basweleke, abanye babo babesenza izinto ezimbi kakhulu. Ngoko kuza kufuneka bafundiswe ukuphila ngendlela efunwa nguYehova. Ukuze yenzeke loo nto, uYesu nabantu aza kulawula nabo kuBukumkani BukaThixo baza kukhokela kowona msebenzi mkhulu wokufundisa kweyakha yenziwa emhlabeni.

12. (a) Ngoobani abaza kufundisa abo bangengomalungisa? (b) Kuza kwenzeka ntoni kubantu abangazenziyo izinto abazifundiswayo?

12 Ngoobani abaza kufundisa abo bangengomalungisa? Sisihlwele esikhulu namalungisa aza kube evusiwe. Ukuze abo bangengomalungisa babhalwe kwincwadi yobomi, kuza kufuneka babe ngabahlobo bakaYehova baze bazinikele kuye. UYesu Kristu nabantu aza kulawula nabo baza kujonga ukuba bayazenza na izinto abazifundiswayo. (ISityhi. 20:4) Umntu ongavumiyo ukuzenza izinto azifundiswayo uza kutshatyalaliswa nokuba sele eneminyaka eyi-100. (Isa. 65:20) UYehova noYesu bayazazi iintliziyo zabantu, futhi soze bavumele kwamntu ukuba amoshe kwihlabathi elitsha.​—Isa. 11:9; 60:18; 65:25; Yoh. 2:25.

UKUVUSELWA EBOMINI NOKUVUSELWA UKUGWETYWA

13-14. (a) Besikade sisithi uYesu wayethetha ngantoni kuYohane 5:29? (b) Yintoni esimele siyiqaphele ngala mazwi?

13 UYesu wathetha ngabantu abaza kuvuselwa ukuphila apha emhlabeni. Ngokomzekelo wathi: “Kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni beza kuliva ilizwi lakhe, baze bavuke. Abo benza izinto ezilungileyo baza kuvukela ebomini, baze abo benza izinto ezimbi, bavukele ukugwetywa.” (Yoh. 5:28, 29) Wayethetha ukuthini?

14 Besikade sisithi uYesu wayethetha ngezinto abaza kuzenza abantu emva kokuba bevusiwe; sisithi abanye baza kwenza izinto ezilungileyo baze abanye benze izinto ezimbi. Kodwa uYesu zange athi abantu abavusiweyo baza kwenza izinto ezilungileyo okanye baza kwenza izinto ezimbi. Wayethetha ngento eseyenzekile. Wayethetha ngabantu ‘abenza izinto ezilungileyo’ nangabantu ‘abenza izinto ezimbi’ ngaphambi kokuba basweleke. Iyavakala ngoku andithi? Kaloku akukho mntu uza kuvunyelwa ukuba enze izinto ezimbi kwihlabathi elitsha. Abantu abangengomalungisa, izinto ezimbi bamele ukuba babezenza ngaphambi kokuba basweleke. Wayethetha ukuthini ke uYesu xa wayethetha ‘ngokuvuselwa ebomini nokuvuselwa ukugwetywa?’

15. Ngoobani abaza ‘kuvuselwa ebomini’? Kutheni beza kuvuselwa ebomini?

15 Abantu abangamalungisa abaye benza izinto ezilungileyo ngaphambi kokuba basweleke, baza ‘kuvuselwa ebomini’ kuba amagama abo aza kube ebhaliwe kwincwadi yobomi. Le nto ithetha ukuba abantu abenza izinto ezilungileyo abaza kuvuswa ekuthethwa ngabo kuYohane 5:29 ikwangabantu “abangamalungisa” ekuthethwa ngabo kwiZenzo 24:15. Le nto iyadibana namazwi akumaRoma 6:7 athi: “Umntu oye wafa ukhululwe esonweni sakhe.” Izono zabantu abangamalungisa zacinywa xa babesweleka, kodwa uYehova usazikhumbula izinto ezintle ababezenza. (Heb. 6:10) Emva kokuba bevusiwe, kuza kufuneka bahlale bethembekile ukuze amagama abo angacinywa kwincwadi yobomi.

16. Kuthetha ukuthini ‘ukuvuselwa ukugwetywa’?

16 Kuza kwenzeka ntoni kubantu ababesenza izinto ezimbi ngaphambi kokuba basweleke? Nangona zacinywayo izono zabo xa babesweleka, zange bamkhonze uYehova xa babesaphila. Amagama abo awabhalwanga kwincwadi yobomi. Ngoko abantu “abenza izinto ezimbi” abaza kuvuswa ikwangabantu ‘abangengomalungisa’ ekuthethwa ngabo kwiZenzo 24:15. Bona baza ‘kuvuselwa ukugwetywa.’ c UYesu uza kubagweba ngokuthi abajonge ukuba bayazenza na izinto abazifundiswayo. (Luka 22:30) Kuza kuthath’ ixesha ukubona ukuba amagama abo amele abhalwe kwincwadi yobomi. Kodwa ukuze abhalwe, kuza kufuneka bayeke zonke izinto ezimbi ababezenza baze bazinikele kuYehova.

17-18. Kuza kufuneka benze ntoni abo baza kuvuselwa emhlabeni? Zeziphi ‘izenzo’ ekuthethwa ngazo kwiSityhilelo 20:12, 13?

17 Abantu abavusiweyo kuza kufuneka bathobele imithetho ekwimisongo emitsha eza kuvulwa kwiminyaka eyi-1000, nokuba bebekade bengamalungisa okanye bengengomalungisa. Umpostile uYohane uthi: “Ndabona nabantu abafileyo, abakhulu nabancinci, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo, umsongo wobomi. Abo bantu babefile bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo, ngokwezenzo zabo.”—ISityhi. 20:12, 13.

18 Baza kugwetywa ngokwaziphi ‘izenzo’ abantu abavusiweyo? Ngaba iza kuba zezangaphambi kokuba basweleke? Hayi! Kaloku xa babesweleka, izono zabo zacinywa. Ngoko ezi ‘zenzo’ ayinakuba zezangaphambi kokuba basweleke. Kumele ukuba kuthethwa ngezinto abaza kuzenza emva kokuba befundisiwe kwihlabathi elitsha. Kwanamadoda awayethembekile anjengoNowa, uSamuweli, uDavide noDaniyeli kuza kufuneka afunde ngoYesu Kristu aze abe nokholo kwidini lakhe. Ukuba nala madoda kuza kufuneka afunde izinto ezininzi, zininzi kakhulu ke ekuza kufuneka zifundwe ngabantu abangengomalungisa.

19. Baza kuphelela phi abantu abangazamkeliyo izinto abazifundiswayo?

19 Baza kuphelela phi abantu abangazamkeliyo izinto abazifundiswayo? ISityhilelo 20:15 sithi: “Nabani na owayengabhalwanga encwadini yobomi, waphoswa echibini lomlilo.” Baza kutshatyalaliswa ngonaphakade. Yiloo nto kubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuba amagama ethu ayabhalwa kwincwadi yobomi futhi awacinywa.

Umzalwana uncedisa kowona msebenzi mkhulu wokufundisa oza kwenziwa kwiMinyaka Eliwaka (Jonga isiqendu 20)

20. Ngowuphi umsebenzi ovuyisayo oza kwenziwa kuLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaYesu? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

20 Kuza kuba mnandi nyhani ngexesha Lawulo LweMinyaka Eliwaka lukaYesu. Kuza kube kusenziwa owona msebenzi mkhulu wokufundisa kweyakha yakhona emhlabeni. Iza kuba lilo nexesha lokujonga indlela abaziphethe ngayo abantu abangamalungisa nabangengomalungisa. (Isa. 26:9; IZe. 17:31) Kodwa baza kufundiswa njani aba bantu? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo futhi liza kusinceda siyixabise into uYehova aza kusenzela yona.

INGOMA 147 Sithenjiswe Ubomi Obungunaphakade

a Eli nqaku liza kuthetha ngendlela esiyiqonda ngayo ngoku into eyathethwa nguYesu ngokuvukela ebomini nokuvukela ukugwetywa kuYohane 5:28, 29. Siza kufunda ngento ethethwa zezi ntlobo zimbini zovuko, sibone nokuba ngoobani abaza ‘kuvuselwa ebomini,’ ingoobani abaza ‘kuvuselwa ukugwetywa.’

b Le ncwadi yaqala ukubhalwa “kwasekusekweni kwehlabathi” elingabantu abanokuncedwa lidini likaYesu. (Mat. 25:34; ISityhi. 17:8) Kubonakala ngathi ligama lika-Abheli elabhalwa kuqala kule ncwadi.

c Besikade sisithi igama elithi “ukugwetywa” lithetha ukohlwaywa. Ewe kona lisenokuthetha loo nto. Kodwa xa uYesu wayelisebenzisa, kubonakala ngathi wayethetha ngokujonga ukuba umntu uqhuba njani, okanye njengokuba sisitsho esinye isichazi-magama sesiGrike, “ukuhlolisisa indlela aziphethe ngayo umntu.”