IMBONISELO—EFUNDWAYO Novemba 2018

Le Mboniselo inamanqaku kaDisemba 31, 2018 ukuya kuFebruwari 3, 2019.

“Thenga Inyaniso, Ungathengisi Ngayo”

Kuthetha ukuthini ukuthenga inyaniso? Xa siyifumene, singenza njani ukuze singayilahli?

“Ndiya Kuhamba Enyanisweni Yakho”

Singenza njani ukuze singaze siyilahle le nyaniso ixabisekileyo siyifundiswe nguYehova?

Thembela NgoYehova Uze Uphile!

Incwadi kaHabhakuki ingasinceda sikwazi ukuzola nakubeni sineengxaki.

Ngubani Okufundisa Indlela Yokucinga?

Unokwenza njani ukuze ufundiswe indlela yokucinga nguYehova kungekhona eyabantu?

Ngaba Ucinga NjengoYehova?

Kuthetha ukuthini ‘ukutshintsha iingqondo zethu,’ ibe sikwenza njani oko?

Ububele​​—⁠Bubonakala Ngamazwi Nezenzo

Ububele sisiqhamo somoya oyingcwele kaThixo. Sinokwenza njani ukuze sibe nesi siqhamo?

Imibuzo Evela Kubafundi

Yayingoobani abaBabali uYesu awayethetha ngabo ngobusuku bangaphambi kokuba afe, ibe kwakutheni ukuze babizwe ngolo hlobo?

Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?

Ziintoni “izinto zexabiso” ekuthethwa ngazo kwiMizekeliso 3:​9, ibe sinokuzisebenzisa njani ukuze zixhase unqulo lokwenyaniso?