Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 24

INGOMA 24 Yiza Entabeni KaYehova

Hlala Ulundwendwe LukaYehova Ngonaphakade!

Hlala Ulundwendwe LukaYehova Ngonaphakade!

“Owu Yehova, ngubani ongaba lundwendwe ententeni yakho?”​—INDU. 15:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto esimele sizenze ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova, nangendlela alindele ukuba sibaphathe ngayo abahlobo bakhe.

1. Inokusinceda njani iNdumiso 15:​1-5?

 KWINQAKU elidlulileyo sifundile ukuba abakhonzi bakaYehova abazinikele kuye nabahlala bengabahlobo bakhe, banokuba ziindwendwe kwintente yakhe. Kodwa ziintoni ekufuneka sizenze ukuze sibe zizo? INdumiso 15 iyathetha ngazo. (Funda iNdumiso 15:​1-5.) Ithetha ngezinto ezinokusinceda ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo.

2. Yintoni ekusenokwenzeka ukuba wayecinga ngayo umdumisi uDavide xa wayethetha ngentente kaYehova?

2 INdumiso 15 iqala ngale mibuzo: “Owu Yehova, ngubani ongaba lundwendwe ententeni yakho? Ngubani onokuhlala entabeni yakho engcwele?” (INdu. 15:1) Xa umdumisi uDavide wayethetha ‘ngentente’ kaYehova, kusenokwenzeka ukuba wayecinga ‘ngentente’ engcwele, eyayikhe yaseGibheyon. Waphinda wathetha ‘ngentaba engcwele’ kaThixo, ekusenokwenzeka ukuba wayecinga ngeZiyon eyayiseYerusalem. Apho, kumgama omalunga neekhilomitha eziyi-10 ukusuka kumazantsi eGibheyon, uDavide wamisa intente eyayiza kubekwa kuyo ityeya yesivumelwano de kwakhiwe indawo eyayiza kuhlala kuyo.​—2 Sam. 6:17.

3. Kutheni sifanele sibe nomdla kwiNdumiso 15? (Jonga nomfanekiso.)

3 Kakade ke, amaSirayeli amaninzi ayengavunyelwa ukuba akhonze kwintente engcwele, singasathethi ke ngokungena ententeni, apho ityeya yesivumelwano yayihlala khona. Kodwa onke amaSirayeli athembekileyo ayenokuba ziindwendwe ententeni kaYehova ngokuba ngabahlobo bakhe, aze ahlale engabo. Sonke sifuna loo nto. KwiNdumiso 15 kuthethwa ngeempawu ekufuneka sibe nazo ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova.

Ngexesha likaDavide amaSirayeli ayenokuba nombono wokuba kunjani ukuba lundwendwe ententeni kaYehova (Jonga isiqendu 3)


HAMBA NGOKUNGENASIPHOSO, WENZE OKULUNGILEYO

4. Sazi njani ukuba uYehova ulindele ukuba singapheleli nje ekubhaptizweni? (Isaya 48:1)

4 KwiNdumiso 15:2 kuthiwa umhlobo kaThixo “ngulowo uhamba ngokungenasiphoso, ohlala esenza izinto ezilungileyo.” Igama elithi “uhamba” nelithi “esenza” abonisa ukuba le yinto ekufuneka siqhubeke siyenza. Kodwa ngaba nyhani singakwazi ‘ukuhamba ngokungenasiphoso’? Ewe. Siyazi ukuba akakho umntu ongenasono, kodwa uYehova usijonga ‘njengabahamba ngokungenasiphoso’ xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze simthobele. Ukuzinikela kuThixo nokubhaptizwa sisiqalo nje sokuhamba naye. Kaloku ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukuba ngumSirayeli kwakungamenzi umntu abe lundwendwe ententeni kaYehova ngokuzenzekelayo. Abanye babethandaza kuThixo, kodwa loo nto bengayenzi “ngokunyaniseka nangobulungisa.” (Funda uIsaya 48:1.) AmaSirayeli anyanisekileyo kwakufuneka afunde izinto uYehova alindele ukuba azenze, aze azenze. Nanamhlanje, ukuze sithandwe nguThixo, masingapheleli nje ekubhaptizweni nasekubizweni ngokuba singamaNgqina KaYehova. Kufuneka ‘sihlale sisenza izinto ezilungileyo.’ Sinokuyenza njani loo nto?

5. Kuthetha ukuthini ukuthobela uYehova kuzo zonke izinto?

5 KuYehova, ‘ukuhamba ngokungenasiphoso nokwenza izinto ezilungileyo’ akuthethi ukuya qho kwiintlanganiso nje kuphela. (1 Sam. 15:22) Kufuneka sizame ngamandla ukuthobela uThixo kuzo zonke ezinto esizenzayo, naxa sisodwa. (IMize. 3:6; INtshu. 12:​13, 14) Kubalulekile ukuba sizame ukumthobela uYehova nakwezona zinto zibonakala zincinci. Xa sisenza loo nto sibonisa ukuba simthanda nyhani, nto leyo emenza asithande nakakhulu.​—Yoh. 14:23; 1 Yoh. 5:3.

6. Ngokutsho kwamaHebhere 6:​10-12 yintoni ebaluleke ngaphezu kwendlela esiye sathembeka ngayo kwixesha elidlulileyo?

6 UYehova uzixabisa kakhulu izinto esimenzele zona. Kodwa ukuhlala kwethu siziindwendwe ententeni yakhe, akuxhomekekanga kuphela kwindlela esiye sathembeka ngayo kwixesha elidlulileyo. AmaHebhere 6:​10-12 ayenza icace le nto. (Wafunde.) UYehova akazilibali izinto ezintle esiye sazenza. Kodwa ufuna simkhonze ngeentliziyo zethu zonke “kude kube sekupheleni.” “Ukuba asidinwa,” uza kuba ngumhlobo wethu ngonaphakade.​—Gal. 6:9.

THETHA INYANISO ENTLIZIYWENI YAKHO

7. Kuthetha ukuthini ukuthetha inyaniso ezintliziyweni zethu?

7 Umntu ofuna ukuba lundwendwe ententeni kaYehova umele ‘athethe inyaniso entliziyweni yakhe.’ (INdu. 15:2) Le nto ithetha ukuba akapheleli nje ekungathethini ubuxoki. UYehova ufuna sinyaniseke kuyo yonke into esiyithethayo nesiyenzayo. (Heb. 13:18) Ibalulekile ke loo nto “kuba uYehova uyamenyanya umntu onamaqhinga, kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.”​—IMize. 3:32.

8. Yintoni esifanele singayenzi?

8 Umntu ‘othetha inyaniso entliziyweni yakhe’ akenzi ngathi uyamthobela uThixo xa kukho abantu, aze angamthobeli xa engabonwa. (Isa. 29:13) Akanamaqhinga. Umntu onamaqhinga usenokucinga ukuba abukho ubulumko kweminye imithetho kaYehova. (Yak. 1:​5-8) Usenokungamthobeli kwizinto abona ngathi azibalulekanga kangako. Ukuba kubonakala ngathi akukho nto yenzekayo xa engayithobeli imithetho kaThixo, usenokuba nesibindi sokwenza izinto ezimbi kakhulu. Loo nto iza kwenza uYehova angayamkeli inkonzo yakhe. (INtshu. 8:11) Kodwa thina sifuna ukunyaniseka kuzo zonke izinto.

9. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenzekayo xa uYesu wayeqala ukudibana noNathaniyeli? (Jonga nomfanekiso.)

9 Sinokufunda indlela ekubaluleke ngayo ukunyaniseka kwinto eyenzekayo xa uYesu wayeqala ukudibana noNathaniyeli. Xa uFilipu waya nomhlobo wakhe uNathaniyeli kuYesu, kwenzeka into emangalisayo. Nangona uYesu wayeqala ukubona uNathaniyeli, wathi: “Jongani, nanku umSirayeli olungileyo [okanye ongenamaqhinga].” (Yoh. 1:47) Ngokuqinisekileyo uYesu wayesazi ukuba abanye abafundi bakhe banyanisekile, kodwa uNathaniyeli wayehamba yedwa. UNathaniyeli wayenesono njengathi, kodwa wayenyanisekile kuyo yonke into. UYesu wayithanda loo nto, waza wamncoma. Singavuya nyhani xa uYesu enokuthetha loo nto nangathi!

UFilipu weza kuYesu nomhlobo wakhe uNathaniyeli, indoda eyayingenamaqhinga. Ngaba loo nto inokuthethwa nangathi? (Jonga isiqendu 9)


10. Kutheni simele sikulumkele ukungcolisa amagama abantu? (Yakobi 1:26)

10 Izinto ezininzi ekuthethwa ngazo kwiNdumiso 15 zibonisa indlela uYehova alindele ukuba sibaphathe ngayo abanye. INdumiso 15:3 ithi umntu olundwendwe ententeni kaYehova “akangcolisi gama lamntu ngolwimi lwakhe. Akamenzi nto imbi ummelwane wakhe, ibe akathethi kakubi ngabahlobo bakhe.” Ukungcolisa amagama abantu kunokubakhathaza kakhulu, kusenze singakufanelekeli ukuba ziindwendwe ententeni kaYehova.​—Funda uYakobi 1:26.

11. Kutheth’ ukuthini ukungcolisa igama lomntu? Kuye kwenzeke ntoni kumntu ongayekiyo ukungcolisa amagama abantu?

11 Umdumisi uthetha ngokungcolisa igama lomntu. Kuthetha ukuthini ukungcolisa igama lomntu? Kukuthetha into engeyonyani, nenokwenza umntu adume kakubi. Abantu abangayekiyo ukungcolisa amagama abantu bakhutshelwa ngaphandle kwebandla lamaKristu.​—Yer. 17:10.

12-13. Ziintoni ezinokusenza sithethe kakubi ngabahlobo bethu singaqondanga? (Jonga nomfanekiso.)

12 INdumiso 15:3 isikhumbuza nokuba umntu olundwendwe ententeni kaYehova akamenzi nto imbi ummelwane wakhe, ibe akathethi kakubi ngabahlobo bakhe. Inokwenzeka njani loo nto?

13 Sinokuthi singaqondanga sisasaze izinto ezingentlanga ngomntu. Ngokomzekelo: (1) udade uyayeka ukuba nguvulindlela, (2) umzalwana nenkosikazi yakhe baphumile eBheteli, (3) umzalwana akasengomdala okanye isicaka solungiselelo. Ibiya kuba yinto embi nyhani ukuhamba sixelela abantu ukuba sicinga ukuba kutheni kwenzeke ezi zinto kwaba bazalwana noodade. Zisenokuba zininzi izizathu esingazaziyo thina. Kaloku, umntu olundwendwe ententeni kaYehova “akamenzi nto imbi ummelwane wakhe ibe akathethi kakubi ngabahlobo bakhe.”

Kulula ukusasaza izinto ezingentlanga ngabanye abantu. Loo nto inokungcolisa amagama abo (Jonga isiqendu 12-13)


HLONIPHA ABANTU ABOYIKA UYEHOVA

14. Abantu abaziindwendwe ententeni kaYehova bamazi njani umntu “oziphethe kakubi” abamele bangamfuni?

14 INdumiso 15:4 ithi umhlobo kaYehova “akamfuni nabani na oziphethe kakubi.” Simazi njani umntu oziphethe kakubi? Ekubeni sinesono, asikwazi ukuzigqibela ukuba umntu uziphethe kakubi na. Kutheni? Iimpawu zabanye abantu zinokusenza sitsaleleke kubo, kanti ezabanye zinokwenza sidikwe ngabo. Ngoko abantu esimele singabafuni ngabo uYehova athi ‘baziphethe kakubi.’ (1 Kor. 5:11) Abanye babo ngabantu abangafuniyo ukuyeka izinto ezimbi, abangazihloniphiyo izinto esizikholelwayo, nabazama ukusiyekisa ukuba ngabahlobo bakaThixo.​—IMize. 13:20.

15. Yeyiphi indlela esinokubonisa ngayo ukuba ‘siyabahlonipha abo boyika uYehova’?

15 INdumiso 15:4 iphinda ithi ‘masibahloniphe abo boyika uYehova. Ngoko sikhangela iindlela zokubabonisa ukuba siyabathanda futhi siyabahlonipha abahlobo bakaYehova. (Roma 12:10) Njani? Enye indlela ekuthethwe ngayo kwiNdumiso 15:4 kukuba umntu olundwendwe ententeni kaYehova “akajiki kwinto ayithembisileyo, nokuba iza kumchana loo nto.” Ngokuqinisekileyo baza kukhathazeka abanye xa singazenzi izinto esibathembise zona. (Mat. 5:37) Ngokomzekelo, uYehova ulindele ukuba abantu abatshatileyo bazenze izinto abafunga ukuba baza kuzenza xa babetshata. Uyavuya naxa abazali bezama ngamandla abo onke ukuzenza izinto abazithembise abantwana babo. Ngenxa yokuba simthanda uThixo nabantu, sizama ngandlela zonke ukuzenza izinto esithembise ukuba siza kuzenza.

16. Yeyiphi enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabahlonipha abahlobo bakaYehova?

16 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabahlonipha abahlobo bakaThixo kukuba nobubele kubo. (Roma 12:13) Ukuzonwabisa nabazalwana noodade kusinceda sibathande kakhulu, simthande kakhulu noYehova. Kaloku xa sinobubele silinganisa uYehova.

UNGAZE UYITHANDE IMALI

17. Kutheni kuthethwa ngemali kwiNdumiso 15?

17 Sifunda ukuba umntu olundwendwe ententeni kaYehova “akabizi nzala ngemali abolekisa ngayo, ibe akasamkeli isinyobo ukuze agqwethe ityala lomsulwa.” (INdu. 15:5) Kutheni kuthethwa ngemali kule ndumiso? Kaloku ukuba sithanda imali, sinokubakhathaza abanye size siyeke nokuba ngabahlobo bakaThixo. (1 Tim. 6:10) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abanye babexhaphaza abazalwana babo abasokolayo ngokubiza inzala kwimali abababoleke yona. Kanti abanye abagwebi babesamkela izinyobo, baze bawagqwethe amatyala abantu abamsulwa. UYehova uyazonyanya ezo zinto.​—Hez. 22:12.

18. Yeyiphi imibuzo enokusinceda sibone ukuba siyijonga njani imali? (Hebhere 13:5)

18 Kuhle ukuba khe sicinge ngendlela esiyijonga ngayo imali. Zibuze: Ngaba ndisoloko ndizibona sendicinga ngemali nezinto endinokuzithenga? Ukuba ndiyibolekile, ngaba ndiyibuyisa kade kuba ndicinga ukuba umntu ondibolekileyo akayidingi? Ngaba ukuba nemali kundenza ndizive ndibalulekile, kodwa kube nzima ukuba nobubele ebantwini? Ngaba ndicinga ukuba abazalwana noodade abanemali eninzi bathanda yona kunoYehova? Ngaba ndivana nabantu abazizityebi, andibahoyanga abasokolayo? Sifumene inyhweba enkulu yokuba ziindwendwe ententeni kaYehova. Ukuze sihlale sizizo kufuneka singayithandi imali. Xa sisenza loo nto, uYehova akasoze asishiye.​—Funda amaHebhere 13:5.

UYEHOVA UYABATHANDA ABAHLOBO BAKHE

19. Kutheni uYehova esixelela izinto azilindeleyo kuthi kwiNdumiso 15?

19 Xa iphela, iNdumiso 15 isithembisa le nto: “Nabani na ozenzayo ezi zinto soze agungqiswe.” (INdu. 15:5) Apha umdumisi usichazela esona sizathu sokuba kule ndumiso uThixo asixelele izinto azilindeleyo kuthi. UYehova ufuna sonwabe. Yiloo nto esixelela ngezinto eziza kumenza asisikelele aze asikhusele.​—Isa. 48:17.

20. Yintoni abanokukhangela phambili kuyo abantu abaziindwendwe ententeni kaYehova?

20 Abantu abaziindwendwe ententeni kaYehova banokukhangela phambili kwizinto ezivuyisayo eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Abathanjiswa abaye bathembeka baza kuphila ezulwini, apho uYesu abalungiselele ‘indawo eninzi yokuhlala.’ (Yoh. 14:2) Abo banethemba lokuphila emhlabeni bajonge phambili kwizithembiso ezikwiSityhilelo 21:3. Ngokuqinisekileyo sonke siziva sinenyhweba enkulu ngenxa yokuba uYehova efuna sibe ziindwendwe ententeni yakhe ngonaphakade.

INGOMA 39 Masizenzele Igama Elihle KuThixo