Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 28

Makuhlale Kukunceda Ukoyika UThixo

Makuhlale Kukunceda Ukoyika UThixo

“Ohamba ngendlela elungileyo woyika uYehova.”​—IMIZE. 14:2.

INGOMA 122 Qinani, Ningashukumi!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Yeyiphi ingxaki efana nekaLote anayo amaKristu namhlanje?

 INDLELA abaziphethe ngayo abantu beli hlabathi isenza sizive njengoLote owayelilungisa. ‘Wayebuhlungu kakhulu yindlela ababeziphethe ngokungenazintloni ngayo abantu abadelela umthetho,’ esazi nokuba uTata wethu osezulwini uyakucaphukela ukuziphatha kakubi. (2 Pet. 2:7, 8) Ukoyika uThixo nokumthanda kwenza uLote akayithanda indlela ababeziphethe ngayo abantu ababephila ngexesha lakhe. Nathi siphila nabantu abangayihloniphiyo imithetho kaThixo yokuziphatha. Sekunjalo, sinokuhlala siziphethe kakuhle ukuba asiyeki ukumthanda nokumoyika ngendlela efanelekileyo uThixo.​—IMize. 14:2.

2 Kwincwadi yeMizekeliso, uYehova usikhuthaza ukuba siyenze le nto. Onke amaKristu, amadoda nabafazi, amancinci nakhulileyo, anokuwanceda nyhani amacebiso akule ncwadi.

UKOYIKA UTHIXO KUYASIKHUSELA

Kwiindawo esisebenza kuzo kufuneka silumkele ukuba nabahlobo abangalunganga size singavumi xa simenyelwa ukwenza izinto eziza kumkhathaza uYehova (Jonga isiqendu 3)

3. IMizekeliso 17:3 ithi siyintoni esinye sezizathu ezenza sikhusele iintliziyo zethu? (Jonga nomfanekiso.)

3 Isizathu esibalulekileyo sokuba sikhusele umntu esinguye ngaphakathi kukuba uYehova uhlola iintliziyo. Loo nto ithetha ukuba akasijongi ngendlela abasijonga ngayo abantu, kuba yena ubona iintliziyo. (Funda iMizekeliso 17:3.) Uza kusithanda xa sigcwalisa iingqondo zethu ngobulumko obunika ubomi. (Yoh. 4:14) Ukuba senza loo nto, asizukonakaliswa yindlela abaziphethe kakubi ngayo abantu beli hlabathi nabubuxoki bukaSathana. (1 Yoh. 5:18, 19) Xa sisiya sisiba ngabahlobo bakaYehova siza kuya simthanda futhi simhlonipha kakhulu. Kuba singafuni ukumkhathaza uTata wethu osezulwini, siza kukucaphukela nokucinga ukumona. Xa kukho into eyenza umntu afune ukwenza into erongo, uza kuzibuza, ‘Ndingayenza njani into yokumkhathaza ngabom umntu oye wandithanda ngolu hlobo?’​—1 Yoh. 4:9, 10.

4. Ukoyika uYehova kwamkhusela njani omnye udade ekwenzeni isono?

4 Omnye udade waseCroatia, uMarta, owayekhe warhalela ukuziphatha kakubi ngesondo, uthi: “Kwakunzima ukucinga kakuhle nokulwa nomnqweno wokuzonwabisa okwexeshana ngesono. Kodwa ukoyika uYehova kwandikhusela.” b Kwamkhusela njani? Uthi wacinga ngezinto ezaziza kwenzeka xa eziphatha kakubi. Nathi sinokwenza loo nto. Eyona into imbi kukuba siza kukhathaza uYehova size siphoswe kukumkhonza ngonaphakade.​—Gen. 6:5, 6.

5. Ufunda ntoni kuLeo?

5 Ukoyika uYehova kusenza sikulumkele ukuba nabahlobo abaziphethe kakubi. ULeo ohlala eCongo, wasifunda eso sifundo. Emva kweminyaka emine ebhaptiziwe, waba neetshomi ezazisenza izinto ezimbi. Wayecinga ukuba, ukuba yena akazenzi izinto ezimbi, akamoni uYehova. Kodwa kungekudala emva koko, ukuvana nabantu ababesenza izinto ezimbi kwamenza wabusela kakhulu utywala futhi waziphatha kakubi ngesondo. Waqala ukucinga ngezinto awayezifundiswe ngabazali bakhe abangamaKristu nangendlela awayonwabe ngayo xa wayekhonza uYehova. Wenza ntoni? Wabuyela ezingqondweni. Wancedwa ngabadala, wabuyela kuYehova. Ngoku ungumdala novulindlela okhethekileyo futhi wonwabile.

6. Abafazi ababini esiza kuthetha ngabo bamela ntoni?

6 Ngoku makhe sithethe ngeMizekeliso isahluko 9, esithetha ngobulumko nobudenge obumelwa ngabafazi ababini. (Thelekisa amaRoma 5:14; Galati 4:24.) Njengoko sithetha ngesi sahluko, ungalibali ukuba ihlabathi likaSathana aliziva ngokuziphatha kakubi ngesondo nephonografi. (Efe. 4:19) Ngoko kubalulekile ukuba sihlale sisebenzela ukumoyika uThixo, singafuni nokuzibona izinto ezimbi. (IMize. 16:6) Ngoko sonke, nokuba singamadoda okanye singabafazi, inokusinceda into ethethwa kwesi sahluko. Bobabini aba bafazi kuthiwa bamema abantu abangenamava, ‘abo bangenangqondo.’ Ngokungathi kunjalo, ngamnye kwaba bafazi uthi, ‘Yizokutya endlini yam.’ (IMize. 9:1, 5, 6, 13, 16, 17) Kodwa izinto ezenzeka kubantu abavumayo ukuya kwizindlu zabo azifani tu.

ZIPHEPHE IZINTO ZOBUDENGE

Umntu ovumayo xa emenywa ‘ngumfazi osisidenge’ uzifaka engxakini enkulu (Jonga isiqendu 7)

7. IMizekeliso 9:13-18 ithi kwenzeka ntoni kubantu abavumayo xa bemenywa ngumfazi osisidenge? (Jonga nomfanekiso.)

7 Makhe sithethe ngesimemo ‘somfazi osisidenge.’ (Funda iMizekeliso 9:13-18.) Akanantloni zokubiza abantu abangenangqondo, esithi, ‘Ngenani ngapha,’ sizokutya. Kwenzeka ntoni? “Kukho abantu abafileyo apho.” Usenokuba ukhumbula into efana nale echazwe ekuqaleni kwencwadi yeMizekeliso. Apho silunyukiswa ngomfazi ‘ongakwazi kuziphatha noziphethe kakubi.’ Kuthiwa: “Indlu yakhe yehlela ekufeni.” (IMize. 2:11-19) KwiMizekeliso 5:3-10 kuthethwa ngomnye umfazi “oziphethe kakubi” oneenyawo ‘ezikhokelela ekufeni.’

8. Kusenokufuneka sikhethe xa kutheni?

8 Abantu abamenywa ‘ngumfazi osisidenge’ kufuneka bakhethe: Ngaba baza kuvuma ukuya okanye abazukuvuma? Nakuthi kusenokwenzeka into eza kufuna sikhethe. Siza kukhetha ukwenza ntoni xa kukho umntu ozama ukuba siziphathe kakubi ngesondo okanye xa kuvela imifanekiso yephonografi singalindelanga?

9-10. Zeziphi ezinye izizathu ezenza sikulumkele ukuziphatha kakubi ngesondo?

9 Sinezizathu ezivakalayo ezenza sikulumkele ukuziphatha kakubi ngesondo. Kuthiwa “umfazi osisidenge” uthi: “Amanzi abiweyo amnandi.” Yintoni “amanzi abiweyo”? IBhayibhile ikufanisa namanzi ahlaziyayo ukwabelana ngesondo kwendoda nomfazi etshate naye. (IMize. 5:15-18) Abantu abavumelekileyo ukwabelana ngesondo yindoda nomfazi etshate naye ngokusemthethweni. Ukwabelana kwabo ngesondo kwahlukile ‘kumanzi abiweyo.’ Amanzi abiweyo kukuziphatha kakubi ngesondo okungavumelekanga. Abantu abenza loo nto bafana namasela kuba badla ngokuyenza ngokufihlakeleyo. “Amanzi abiweyo” asenokuvakala emnandi kubantu abawaselayo, kuba becinga ukuba akukho mntu uza kubabhaqa. Baziqhatha nyhani! UYehova uyayibona yonke le nto bayenzayo. Akukho nto ikrakra njengokuyeka ukuthandwa nguye, ngoko asikwazi ukuthi imnandi loo nto. (1 Kor. 6:9, 10) Zikhona nezinye izinto ezenzekayo kumntu osela amanzi abiweyo.

10 Ukuziphatha kakubi ngesondo kwenza umntu azive ehlazekile, kungekho yakhe, akhulelwe engatshatanga futhi kuqhekeza neentsapho. Kucacile ke ukuba kububulumko ukungayi ‘kwindlu’ yomfazi osisidenge, ungatyi nokutya kwakhe. Ngaphandle nje kokuyeka ukuba ngabahlobo bakaYehova, abantu abaninzi baba nezifo ezibulalayo. (IMize. 7:23, 26) Xa iphela ivesi 18 yesahluko 9 ithi: “Iindwendwe zakhe zisenzulwini yengcwaba.” Ngoko kutheni abantu abaninzi besamkela isimemo salo mfazi esinemiphumo ebuhlungu ngolo hlobo?​—IMize. 9:13-18.

11. Kutheni kuyingozi kakhulu ukubukela iphonografi?

11 Enye into ethandwayo ekufuneka siyilumkele yiphonografi. Abanye abantu bacinga ukuba nokuba bangayibukela, akukho nto iza kwenzeka kubo. Kanti iphonografi iyingozi, yenza umntu angahlonipheki, kunzima nokuyiyeka. Imifanekiso engcolileyo iyahlala engqondweni, kuba nzima ukuyikhupha. Enye into, iphonografi ayiyicimi iminqweno yokwenza izinto ezimbi, iyayikhwezela. (Kol. 3:5; Yak. 1:14, 15) Abantu abaninzi abayibukelayo baphela besenza izinto ezingcolileyo.

12. Yintoni ebonisa ukuba sizama ukungayibukeli imifanekiso enokusenza sifune ukuziphatha kakubi?

12 Thina maKristu, yintoni esimele siyenze xa kusithi gqi umfanekiso wephonografi kwizixhobo zethu ze-elektroniki? Sifanele siwasuse ngoko nangoko amehlo ethu kuwo. Into eza kusinceda siyenze loo nto kukukhumbula ukuba eyona nto ibalulekileyo kuthi kukuba ngabahlobo bakaYehova. Nemifanekiso engeyophonografi inokuyivuselela iminqweno yokuziphatha kakubi ngesondo. Kutheni simele siyilumkele? Asifuni nento encinci enokusenza sirhalele ukuziphatha kakubi. (Mat. 5:28, 29) Omnye umdala waseThailand, uDavid, uthi: “Ndiye ndizibuze: ‘Nokuba lo mfanekiso awuyophonografi, ngaba uYehova uza kuvuya xa ndingayeki ukuwujonga?’ Loo nto indinceda ndenze ngobulumko.”

13. Yintoni esincedayo ukuze senze ngobulumko?

13 Ukoyika ukukhathaza uYehova kuza kusinceda senze ngobulumko. Ubulumko “buqala” ngokoyika uThixo. (IMize. 9:10) Le nto siyibona ekuqaleni kweMizekeliso isahluko 9, apho kufaniswa “ubulumko bokwenene” nomnye umfazi.

VUMA XA UMENYWA ‘BUBULUMKO BOKWENENE’

14. Ngoku sesiphi isimemo ekuthethwa ngaso kwiMizekeliso 9:1-6?

14 Funda iMizekeliso 9:1-6. Apha sifunda ngesimemo esisuka kuMdali wethu uYehova, nobuvela kuye bonke ubulumko. (IMize. 2:6; Roma 16:27) Senziwa sibe nombono wendlu enkulu eneentsika eziyi-7. Le nto ibonisa ukuba uYehova usivulile isandla sakhe futhi wamkela wonke umntu ofuna ukusebenzisa ubulumko Bakhe ebomini bakhe.

15. UThixo usimema ukuba senze ntoni?

15 Kumfazi omela “ubulumko bokwenene” ekuthethwa ngaye kwiMizekeliso isahluko 9 sifunda ukuba uYehova uyapha futhi usinika izinto ezininzi ezintle. Kuthiwa lo mfazi uyilungise ngokupheleleyo inyama, waxuba iwayini, wadeka netafile. (IMize. 9:2, umbhalo osemazantsi.) Ivesi 4 no-5 ziqhubeka zithi xa zithetha ngaye: “Uthi kulowo ungenangqondo: ‘Yizokutya isonka sam.’” Kutheni sifanele siye endlini yalo mfazi size sitye ukutya asipha kona? UYehova ufuna abantwana bakhe balumke futhi bakhuseleke. Akafuni sifunde ngokubetheka. Yiloo nto ‘ebagcinela ubulumko abo balungileyo.’ (IMize. 2:7) Xa simoyika ngendlela efanelekileyo, siza kufuna ukwenza izinto ezimvuyisayo. Siva izinto asicebisa zona size sikuvuyele ukuzenza.​—Yak. 1:25.

16. Ukoyika uThixo kwamnceda njani uAlain wenza isigqibo sobulumko? Kwenzeka ntoni?

16 Khawuve ukuba ukoyika uThixo kwamnceda njani uAlain, umdala ongutitshala, wenza isigqibo sobulumko. Uthi: “Ootitshala abaninzi babesithi iphonografi yenye yeendlela zokufundisa abantwana ngesondo.” Kodwa uAlain zange aqhatheke. Uthi: “Ngenxa yokuba ndimthanda futhi ndimhlonipha uYehova, zange ndivume tu ukubukela loo mifanekiso. Ndabaxelela nesizathu sokuba ndingafuni.” Wayesebenzisa icebiso ‘lobulumko bokwenene’ elithi, “Hamba endleleni yokuqonda.” (IMize. 9:6) Abanye ootitshala bayithanda le nto yenziwa nguAlain kangangokuba ngoku bafundelwa iBhayibhile, bayaya nakwiintlanganiso.

Umntu ovumayo xa emenywa ‘bubulumko bokwenene’ unokufumana ubomi obungunaphakade (Jonga isiqendu 17-18)

17-18. Zeziphi izinto ezilungileyo ezifunyanwa ngabantu abavumayo xa bemenywa ngumfazi omela “ubulumko bokwenene”? Yintoni abanokuba nethemba layo? (Jonga nomfanekiso.)

17 UYehova usenzela umzekelo wabafazi ababini ukuze sibone indlela esinokulufumana ngayo ulonwabo olungapheliyo. Abo bavumayo xa bemenywa ‘ngumfazi osisidenge’ bazama ukuzonwabisa ngokuziphatha kakubi. Kucacile ukuba baphilela unamhlanje, abacingi ngento eza kwenzeka ngomso. Izinto abazenzayo zibasa ngqo ‘enzulwini yengcwaba.’​—IMize. 9:13, 17, 18.

18 Abo bavumayo xa bemenywa ngumfazi omela “ubulumko bokwenene” baza kuphelela phi bona? Baza kuvuyela isidlo esilungiswe kakuhle nesisempilweni esizizo zonke izinto abazidingayo ukuze bahlale bengabahlobo bakaYehova. (Isa. 65:13) Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova uthi: “Ndimameleni kakuhle nize nitye ukutya okumnandi, ibe niza kuvuyela ukutya izimuncumuncu.” (Isa. 55:1, 2) Sifunda ukuthanda izinto ezithandwa nguYehova size sizicaphukele azicaphukelayo. (INdu. 97:10) Siyakuvuyela nokumema abanye baze kuncedwa ‘bubulumko bokwenene.’ Iba ngathi ‘sikhwaza kwiindawo eziphakamileyo zesixeko, sisithi: “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.”’ Indlela esincedakala ngayo thina nabantu abasimamelayo ayipheleli kweli xesha lethu nje qha. Kodwa sonke siza ‘kuphila’ ngonaphakade njengoko ‘sihamba endleleni yokuqonda.’​—IMize. 9:3, 4, 6.

19. INtshumayeli 12:13, 14 ithi yintoni esimele sizimisele ukuyenza? (Jonga nebhokisi ethi “ Ukoyika UThixo Kuyasinceda.”)

19 Funda iNtshumayeli 12:13, 14. Sinqwenela ukuba ukoyika uThixo kuhlale kuzikhusela iintliziyo zethu kuze kusincede sihlale siziphethe kakuhle futhi singabahlobo bakaThixo kule mihla yokugqibela. Oku koyika uThixo kuza kusenza singayeki ukumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba bafune “ubulumko bokwenene” ukuze bubancede.

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

a AmaKristu afuna ukusebenzela ukumoyika ngendlela efanelekileyo uThixo. Olo loyiko lunokukhusela iintliziyo zethu luze lusenze sidlalele kude ekuziphatheni kakubi ngesondo nakwiphonografi. Kweli nqaku, siza kuthetha ngeMizekeliso isahluko 9, esiyibonisa kakuhle indlela obahluke ngayo ubulumko kubudenge, ngokusebenzisa abafazi ababini abamela ezi zinto. Esi sahluko sinokusinceda ubomi bethu bonke.

b Amanye amagama atshintshiwe.