Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 28

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

Uyakwazi Ukuyibona Inyaniso?

Uyakwazi Ukuyibona Inyaniso?

“Yimani niqinile, nibhinqe inyaniso okwebhanti ezinqeni zenu.”EFE. 6:14.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela esinokuwubona ngayo umahluko phakathi kwenyaniso esiyifundiswe nguYehova nobuxoki obusasazwa nguSathana nabantu abangasifuniyo.

1. Uziva njani ngenyaniso?

 ABANTU bakaYehova bayayithanda inyaniso ekwiLizwi likaThixo. Kaloku kungenxa yayo le nto sinokholo. (Roma 10:17) Siye saqiniseka ukuba uYehova umisele ibandla lamaKristu ukuze ‘lixhase lize lilwele inyaniso.’ (1 Tim. 3:15) Sibathobela ngokuzithandela ‘nabo bakhokelayo phakathi kwethu,’ njengoko besifundisa inyaniso eseBhayibhileni, besinika nemiyalelo ehambisana nokuthanda kukaThixo.—Heb. 13:17.

2. UYakobi 5:19 ubonisa ukuba yintoni esimele siyilumkele emva kokufunda inyaniso?

2 Kodwa nasemva kokuba siye sayamkela inyaniso, saqonda nokuba yintlangano kaYehova enokusinika imiyalelo enokuthenjwa, sisenokulahlekiswa. (Funda uYakobi 5:19.) Kaloku eyona into ayifunayo uSathana kukusenza siyithandabuze iBhayibhile nemiyalelo esiyinikwa yintlangano kaThixo.—Efe. 4:14.

3. Kutheni kufuneka sibambelele nkqi kwinyaniso? (Efese 6:13, 14)

3 Funda amaEfese 6:13, 14. Kungekudala, uMtyholi uza kulahlekisa zonke iintlanga, azenze zilwe noYehova. (ISityhi. 16:13, 14) Sinokulindela nokuba akhuphe nawokugqibela amandla, ezama ukulahlekisa abantu bakaYehova. (ISityhi. 12:9) Yiloo nto kubaluleke kangaka ukuba sizifundise ukuwubona umahluko phakathi kwenyaniso nobuxoki, size sithobele inyaniso. (Roma 6:17; 1 Pet. 1:22) Kaloku ukusinda kwethu ngentlungu engathethekiyo kuza kuxhomekeka kuloo nto!

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Kweli nqaku, siza kuthetha ngeempawu ezimbini esimele sibe nazo ukuze siyibone inyaniso ekwiLizwi LikaThixo, sithobele nemiyalelo esuka kwintlangano yakhe. Emva koko, siza kuthetha ngezinto ezintathu esimele sizenze ukuze sihlale sibambelele nkqi enyanisweni.

IIMPAWU EZISENZA SIYIBONE INYANISO

5. Ukoyika uYehova kusinceda njani siyibone inyaniso?

5 Ukoyika uYehova. Xa simoyika ngendlela efanelekileyo uYehova, simthanda kangangokuba asifuni ukwenza nantoni na angayithandiyo. Sizimisele ukuwazi umahluko okhoyo phakathi kwento elungileyo nembi, naphakathi kwenyaniso nobuxoki, ukuze sivuyise uYehova. (IMize. 2:3-6; Heb. 5:14) Masingaze sivumele ukoyika abantu kuyoyise indlela esimthanda ngayo uYehova, kuba izinto ezithandwa ngabantu zidla ngokungathandwa nguThixo.

6. Yintoni ezayenzayo iinkokheli eziyi-10 zakwaSirayeli ngenxa yokoyika abantu?

6 Ukuba besinokoyika abantu ngaphezu kokuba sisoyika uThixo, besiza kuyishiya inyaniso. Khawucinge ngeenkokheli eziyi-12, ezathunywa ukuba ziyokuhlola ilizwe uThixo awayethembise ukuba uza kulinika amaSirayeli. Eziyi-10, zavumela ukoyika amaKanan kwayoyisa indlela ezazimthanda ngayo uYehova. Zathi kwamanye amaSirayeli: “Asinakukwazi ukuya kulwa naba bantu, kuba bomelele kakhulu kunathi.” (Num. 13:27-31) Ewe kona, emehlweni omntu abantu bakwaKanan babomelele kunamaSirayeli. Kodwa umntu owayesithi amaSirayeli awanakuzoyisa iintshaba zawo wayengacingi ngoYehova. Ezi ntlola ziyi-10 zazimele zicinge ngento uYehova awayefuna amaSirayeli ayenze. Zazimele zicinge nangezinto uYehova awayesand’ ukuwenzela zona. Loo nto yayiza kuzinceda ziqonde ukuba amandla abantu bakwaKanan ayengeyonto xa ethelekiswa nakaYehova. Ngokungafaniyo nezo ntlola zazingenalukholo, uYoshuwa noKhalebhi babefuna ukuvuyisa uYehova. Ngoko bathi ebantwini: “Ukuba uYehova uyakholwa sithi, nakanjani uza kusisa kwela lizwe, . . . asinike lona.”—Num. 14:6-9.

7. Yintoni enokusenza siye simoyika uYehova? (Jonga nomfanekiso.)

7 Ukuze siye simoyika uYehova, kufuneka sizimisele ukumvuyisa kuzo zonke izigqibo esizenzayo. (INdu. 16:8) Xa ufunda amabali aseBhayibhileni, zibuze, ‘Ukuba yayindim lo, ndandiza kwenza isigqibo esinjani?’ Ngokomzekelo, yiba nombono wakho umamele laa nto yayithethwa ziinkokheli zakwaSirayeli eziyi-10. Ngaba wawuza kuyikholelwa, uze woyike abantu, okanye indlela omthanda ngayo uYehova nokufuna kwakho ukumvuyisa kwakuza kuloyisa olo loyiko? Isizukulwana samaSirayeli zange siyikholelwe inyaniso eyayithethwa nguYoshuwa noKhalebhi. Ngenxa yaloo nto, saphoswa lithuba lokungena kwiLizwe Lesithembiso.—Num. 14:10, 22, 23.

Ngoobani owawuza kubakholelwa? (Jonga isiqendu 7)


8. Loluphi uphawu esimele sikusebenzele ngamandla ukuba nalo? Kutheni?

8 Ukuthobeka. UYehova uyenza yaziwe ngabantu abathobekileyo inyaniso. (Mat. 11:25) Sazithoba, saza savuma ukuncedwa ukuze siyazi. (IZe. 8:30, 31) Sekunjalo, simele silumkele ukuba nekratshi. Kaloku linokusenza sicinge ukuba indlela esizibona ngayo izinto ikumgangatho olinganayo nemigaqo yeBhayibhile nemiyalelo esiyifumana kwintlangano kaYehova.

9. Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale sithobekile?

9 Ukuze sihlale sithobekile, simele sikhumbule indlela esibancinci ngayo xa sithelekiswa noYehova. (INdu. 8:3, 4) Sinokuthandazela ukuba sibe ngabantu abathobekileyo nabafundisekayo. UYehova uza kusinceda ukuze ingabi zizinto ezicingwa sithi ezibalulekileyo, kodwa ibe zizinto ezicingwa nguye, esizifumana kwiLizwi Lakhe iBhayibhile, nakwintlangano yakhe. Xa ufunda iBhayibhile, khangela indlela uYehova akuthanda ngayo ukuthobeka; nakucaphukela ngayo ukuba nekratshi. Ukuba ufumana isabelo esikwenza ube negunya okanye uqatshelwe ngabanye, kufuneka usebenze nzima ukuze uhlale uthobekile.

SINOKUBAMBELELA NJANI ENYANISWENI?

10. Ngoobani aye wabasebenzisa uYehova ukuze akhokele abantu bakhe?

10 Hlala uyithemba imiyalelo esuka kwintlangano. Ngexesha lamaSirayeli, xa uYehova efuna ukunika abantu bakhe imiyalelo wayesebenzisa uMoses. Emva koko, wasebenzisa uYoshuwa. (Yosh. 1:16, 17) AmaSirayeli ayesikelelwa xa eqonda ukuba la madoda amela uYehova uThixo. Emva kwamakhulu eminyaka, kwabakho ibandla lamaKristu, yaza yangabapostile abayi-12 abanika abantu bakaThixo imiyalelo. (IZe. 8: 14, 15) Ekuhambeni kwexesha, kwaphinda kongezwa nabanye abadala ababeseYerusalem. Xa amaKristu ayewathobela la madoda athembekileyo, ‘amabandla ayeqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda yonke imihla.’ (IZe. 16:4, 5) Nathi namhlanje siyasikelelwa xa sithobela imiyalelo esuka kwintlangano kaYehova. Inoba uYehova angaziva njani xa singawathobeli amadoda awamiseleyo ukuba akhokele? Ukuze siwuphendule lo mbuzo, makhe sithethe ngento eyenzekayo xa amaSirayeli ayesiya kwiLizwe Lesithembiso.

11. Kwenzeka ntoni kwabo babengafuni ukwamkela ukuba nguMoses okhethwe nguYehova ukuba akhokele? (Jonga nomfanekiso.)

11 Ngoxa amaSirayeli ayesendleleni eya kwiLizwe Lesithembiso, amadoda awayehlonitshwa ayengafuni ukuyamkela into yokuba uMoses usetyenziswa nguYehova. Ayesithi ayingoMoses yedwa ongcwele, kodwa “lonke ibandla lingcwele, wonke umntu okulo, yaye uYehova ukunye nalo.” (Num. 16:1-3) Ewe kona, kuYehova “lonke ibandla” lalingcwele, kodwa wayekhethe uMoses ukuba akhokele abantu bakhe. (Num. 16:28) Xa abavukeli babegxeka uMoses, oyena mntu babemgxeka nguYehova. Zange bazikhathaze ngento eyayifunwa nguYehova, becinga ngento eyayifunwa ngabo, ukuhlonitshwa kakhulu nokuba nezikhundla ezininzi. UYehova wababulala abo bavukeli, wabulala namawaka abantu ababekwicala labo. (Num. 16:30-35, 41, 49) Nanamhlanje, sinokuqiniseka ukuba uYehova akavuyiswa ngabantu abadelela imiyalelo esuka kwintlangano yakhe.

Wawuza kuba kwicala likabani? (Jonga isiqendu 11)


12. Kutheni sinokuhlala siyithemba intlangano kaYehova?

12 Sinako ukuhlala siyithemba intlangano kaYehova. Xa iQumrhu Elilawulayo libona ukuba imele itshintshwe indlela esiyiqonda ngayo inyaniso eseBhayibhileni okanye esimkhonza ngayo uYehova, alilibazisi ukutshintsha. (IMize. 4:18) Esona sizathu silenza litshintshe kukuba lifuna ukuvuyisa uYehova. Xa lisenza izigqibo, lisebenzisa iLizwi LikaThixo, nelimele lithotyelwe ngabo bonke abantu bakaYehova.

13. Yintoni “umzekelo wemfundiso ephilileyo”? Yintoni esimele siyenze?

13 Hlala ubambelele ‘kumzekelo wemfundiso ephilileyo.’ (2 Tim. 1:13) Xa kuthethwa ‘ngomzekelo wemfundiso ephilileyo,’ kuthethwa ngeemfundiso zamaKristu eziseBhayibhileni. (Yoh. 17:17) Zonke izinto esizikholelwayo zisuka kwezo mfundiso. Intlangano kaYehova isifundise ukuba sibambelele nkqi kuzo. Xa sihlala sibambelele kuzo, siza kusikelelwa.

14. Amanye amaKristu ayeka njani ukubambelela ‘kumzekelo wemfundiso ephilileyo’?

14 Yintoni ebinokwenzeka ukuba besinokuyeka ukubambelela ‘kumzekelo wemfundiso ephilileyo’? Nanku umzekelo. Ngexesha labapostile amanye amaKristu ayesasaza ubuxoki, esithi imini kaYehova ifikile. Kusenokwenzeka ukuba kwakukho ileta ekwakusithiwa ibhalwe ngumpostile uPawulos eyayineso saziso. Amanye amaKristu aseTesalonika abukholelwa obo buxoki aza abusasaza, engazamanga nokuqonda ukuba yayisuka kuPawulos nyhani na loo leta. Ayengasoze aqhatheke ukuba ayesazikhumbula izinto uPawulos awayewafundise zona esekunye nawo. (2 Tes. 2:1-5) UPawulos wawaluleka, esithi mawangakholelwa yonke into ayivayo. Ukuze awancede angalahlekiswa kwixesha elizayo, ekupheleni kweleta yesibini awawabhalela yona wathi: “Lo ngumbuliso wam, mna Pawulos. Ndihlala ndibhala ngale ndlela kuzo zonke iileta zam, ukuze nazi ukuba zibhalwa ndim.”—2 Tes. 3:17.

15. Sinokuzikhusela njani kubuxoki obubonakala ngathi yinyani? Yenza umzekelo. (Jonga nemifanekiso.)

15 Sifunda ntoni kwinto eyathethwa nguPawulos kumaKristu aseTesalonika? Kufuneka silumke xa sisiva into eyothusayo okanye engadibaniyo nento esiyifunde eBhayibhileni. Ngexesha leSoviet Union, abantu ababengasifuni basasaza ileta ababefuna kucingwe ukuba isuka kwikomkhulu lehlabathi. Loo leta yayisithi abazalwana mabenze enye intlangano ezimeleyo. Yayibonakala ngathi isuka kwikomkhulu lehlabathi nyhani, kodwa abazalwana abathembekileyo zange baqhatheke. Baye baqonda ukuba le leta yayisithi mabenze into engavumelaniyo nento ababeyifundisiwe. Kule mihla, abantu abangayifuniyo inyaniso bazama ukusenza singamanyani, besebenzisa iteknoloji. Kunokuba sikhawuleze ‘sigungqe kwindlela esicinga ngayo,’ sinokuzikhusela ngokuzibuza ukuba le nto siyivayo okanye siyifundayo iyadibana na neenyaniso esele sizifundile.—2 Tes. 2:2; 1 Yoh. 4:1.

Ungaqhatheki bubuxoki obubonakala buyinyani (Jonga isiqendu 15) a


16. AmaRoma 16:17, 18 athi simele senze ntoni xa kukho abantu abasasaza izinto eziphikisana nenyaniso?

16 Hlala umanyene nabo bathembekileyo kuYehova. UThixo ufuna simkhonze simanyene. Xa sibambelele enyanisweni siza kuhlala simanyene. Abantu abasasaza izinto eziphikisana nenyaniso bayaliqhekeza ibandla, yiloo nto uThixo esithi ‘masibaphephe.’ Ukuba asiyenzi loo nto, sinokuzibona sesiyishiya inyaniso.—Funda amaRoma 16 :17, 18.

17. Sincedakala njani xa siyibona inyaniso size sibambelele nkqi kuyo?

17 Xa siyibona inyaniso size sibambelele nkqi kuyo, siza kuhlala sinokholo olomeleleyo. (Efe. 4:15, 16) Asizukulahlekiswa bubuxoki bukaSathana, nangentlungu engathethekiyo uYehova uza kuhlala esikhusela. Ungayeki ukubambelela nkqi enyanisweni. ‘UThixo woxolo uza kuba nawe.’—Fil. 4:8, 9.

INGOMA 122 Qinani, Ningashukumi!

a INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso wento eyenzeka kumashumi eminyaka eyadlulayo, ngexesha leSoviet Union, xa abazalwana bethu bafumana ileta eyayibonakala ngathi isuka kwikomkhulu lehlabathi, yabe isuka kwiintshaba zethu. Kule mihla, abantu abangasifuniyo banokusebenzisa i-intanethi ukuze basasaze izinto ezingeyonyani ngentlangano kaYehova.