Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha, UMdali Wenu Ufuna Nonwabe

Lutsha, UMdali Wenu Ufuna Nonwabe

‘Wanelisa ixesha lakho lokudla ubomi ngokulungileyo.’​—INDU. 103:5.

IINGOMA: 135, 39

1, 2. Kutheni kububulumko ukumamela uMdali wethu xa sikhetha into esiza kuyenza ebomini? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UKUBA ungumntu osemtsha kusenokwenzeka ukuba ucetyiswa ngezinto ezininzi omele uzenze xa ugqiba isikolo. Ootitshala, abantu abaqeqeshelwe ukucebisa abantwana besikolo, okanye abanye abantu basenokuthi kufuneka uye eyunivesithi kwaye ube nomsebenzi obhatalayo. Kodwa yena uYehova ukucebisa enye into. Kakade ke, uYehova ufuna uzimisele njengoko usesesikolweni ukuze xa ugqibile ukwazi ukuziphilisa. (Kol. 3:23) Kodwa uyazi ukuba njengokuba usemtsha kufuneka wenze izigqibo ezibalulekileyo eziza kukunceda kwixesha elizayo. Ngoko ukunika imigaqo eza kukukhokela kwaye ikuncede uphile ubomi ngendlela eza kumkholisa kule mihla yokugqibela.​—Mat. 24:14.

2 Khumbula ukuba uYehova wazi yonke into. Uyazazi izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo ibe uyazi ukuba lincinci kangakanani ixesha elishiyekileyo lokupheliswa kweli hlabathi. (Isa. 46:10; Mat. 24:3, 36) Uyasazi nathi, uyazazi izinto ezisenza saneliseke size sonwabe, wazi nezinto ezisenza siphoxeke size singonwabi. Amacebiso abantu asenokubonakala esebenza, kodwa ukuba awasuki Bhayibhileni, akubobulumko ukuwamamela.​—IMize. 19:21.

“AKUKHO BULUMKO. . . NGOKUCHASENE NOYEHOVA”

3, 4. Yintoni eyenzekayo kuAdam, uEva nabantwana babo emva kokumamela icebiso elibi?

3 Kudala abantu bacetyiswa kakubi. NguSathana umntu wokuqala owacebisa abantu into engeyiyo. Waxelela uEva ukuba yena noAdam baza konwaba kakhulu ukuba bazikhethela ngokwabo eyona nto bayifunayo. (Gen. 3:1-6) Kodwa ke, uSathana wayezicingela yedwa. Wayefuna uAdam, uEva kunye nabantwana babo bakhonze yena endaweni yokukhonza uThixo. Kodwa akukho nenye into ababeyenzelwe nguSathana. Yonke into ababenayo yayisuka kuYehova. Wabatshatisa, wabanika ikhaya elihle nemizimba efezekileyo ukuze baphile ngonaphakade.

4 Into ebuhlungu kukuba uAdam noEva abazange bamthobele uThixo, bafuna ukuziphatha. Ngenxa yaloo nto, kwenzeka izinto ezibuhlungu. Njengeentyantyambo eziqhawulwe emthini, baqalisa ukuguga baza bafa. Nabantwana babo baba nesono. (Roma 5:12) Nakubeni kunjalo, abantu abaninzi namhlanje abafuni kumthobela uThixo. Bafuna ukuphila ngendlela abayithandayo. (Efe. 2:1-3) Izinto ezenzekayo ngenxa yaloo nto zibonisa ukuba “akukho bulumko. . . ngokuchasene noYehova.”​—IMize. 21:30.

5. Yintoni uThixo awayeqiniseke ngayo? Ngaba yenzeka loo nto?

5 UYehova wayeqinisekile ukuba bakhona abantu, nkqu nabantu abasebatsha, ababeza kufuna ukumazi baze bamkhonze. (INdu. 103:17, 18; 110:3) UYehova ubathanda nyhani abantu abasebatsha! Ngaba nawe ungomnye wabo? Ukuba kunjalo, ngokuqinisekileyo zininzi izinto ‘ezilungileyo’ ezivela kuThixo ezikwenza wonwabe kakhulu. (Funda INdumiso 103:5; IMize. 10:22) Siza kuthetha ngezine kwezi zinto ‘zilungileyo’: izinto eziqinisa ukholo, abona bahlobo balungileyo, izinto ezibalulekileyo esinokuzenza, nenkululeko yokwenene.

UYEHOVA UKUNIKA IZINTO EZIQINISA UKHOLO

6. Kutheni sizidinga izinto eziqinisa ukholo, kwaye ziintoni uYehova asinike zona ukuze asincede?

6 Ngokungafaniyo nezilwanyana, thina siyazidinga izinto eziqinisa ukholo, ibe nguMdali wethu yedwa onokusinika zona. (Mat. 4:4) Xa simmamela uThixo siba nokuqonda nobulumko kwaye siyonwaba. UYesu wathi bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo. (Mat. 5:3) UThixo usinika iBhayibhile kwaye usebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze lisinike iincwadi eziqinisa ukholo lwethu. (Mat. 24:45) Siyazithanda ezi zinto ziqinisa ukholo!​—Isa. 65:13, 14.

7. Zingakunceda njani izinto ozifundiswa nguThixo?

7 Izinto ozifundiswa nguThixo zingakunceda ube nobulumko, ukwazi nokucinga kakuhle. Xa unezi mpawu uza kukhuseleka ngeendlela ezininzi. (Funda IMizekeliso 2:10-14.) Ngokomzekelo, zingakunceda ubone iimfundiso ezibubuxoki ezifana nethi akekho uMdali, okanye kufuneka ube nemali nezinto ezintle ukuze wonwabe. Enye indlela ezinokukunceda ngayo kukuba uyibone uze uyiphephe imikhwa enokukwenzakalisa. Ngoko, qhubeka usenza konke onako ukuze ube nobulumko kwaye ukwazi nokucinga kakuhle! Njengoko usiba nezi mpawu, uza kuzibonela ukuba uYehova uyakuthanda kwaye ufuna wonwabe.​—INdu. 34:8; Isa. 48:17, 18.

8. Kutheni simele sisondele kuThixo ngoku, ibe loo nto iza kusinceda njani kwixesha elizayo?

8 Kungekudala, ihlabathi likaSathana liza kuphela, kwaye nguYehova qha oza kusikhusela. Liyeza ixesha apho siza kuxhomekeka kuye ngezinto esizidingayo, njengokutya! (Hab. 3:2, 12-19) Eli lelona xesha lokuba usondele kuTata wakho osezulwini uze uthembele ngaye. (2 Pet. 2:9) Ukuba uyakwenza oko, enoba kwenzeka ntoni ebomini bakho, uza kuziva njengomdumisi uDavide, owathi: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.”​—INdu. 16:8.

UYEHOVA UKUNIKA ABONA BAHLOBO BALUNGILEYO

9. (a) Ngokutsho kukaYohane 6:44, yintoni ayenzayo uYehova? (b) Kwahluke ngantoni ukudibana kwakho neNgqina nokudibana nomntu ongelilo?

9 Xa uqala ukudibana nomntu ongeloNgqina, ngaba zikhona izinto ozaziyo ngaye? Usenokwazi nje izinto ezimbalwa ngaye njengegama lakhe nokuba unjani ebusweni. Kodwa ke, kukho umahluko xa uqala ukudibana nomntu oliNgqina. Uyayazi ukuba uyamthanda uYehova, nokuba wabona into entle kuye waza wamtsalela kunqulo lokwenyaniso. (Funda uYohane 6:44) Nokuba usuka phi ibe ukhule njani, sele ininzi into oyaziyo ngaye kangangokuba naye uyakwazi!

UYehova ufuna ube nabona bahlobo balungileyo uze ube nezinto ofuna ukuzenza ngobomi bakho eziza kukusondeza kuye (Jonga isiqendu 9-12)

10, 11. Yintoni edibanisa abantu bakaYehova, kwaye isinceda njani?

10 Ngokomzekelo, xa uqala ukudibana nelinye iNgqina, sele usazi ukuba kukho izinto ezibalulekileyo enidibana ngazo. Nangona nisenokuthetha iilwimi ezingafaniyo, kodwa uyazi ukuba nithetha ‘ulwimi olusulungekileyo’ lwenyaniso. (Zef. 3:9) Loo nto ithetha ukuba nobabini nikholelwa kuThixo, niziphethe ngendlela efanayo kwaye ninethemba elifanayo ngendlela eniza kuphila ngayo kwixesha elizayo. Ezi zinto zininceda nibe ngabahlobo abathembeneyo.

11 Asibaxi zinto xa sisithi, njengomkhonzi kaYehova, unabona bahlobo balungileyo, abafumaneka emhlabeni wonke nokuba awukadibani nabo! Ukhona omnye umntu ngaphandle kwabantu bakaYehova onesi sipho sixabisekileyo?

UYEHOVA UKUNCEDA UZAZI IZINTO OFUNA UKUZENZA NGOBOMI BAKHO

12. Ziintoni onokuzenza ukuze usondele ngakumbi kuYehova?

12 Funda INtshumayeli 11:9–12:1. Ngaba zikhona izinto ozimisele ukuzenza ukuze usondele ngakumbi kuYehova? Mhlawumbi uzama ukufunda iBhayibhile yonke imihla. Okanye uzama ukuphucula indlela ophendula ngayo ezintlanganisweni nofundisa ngayo entsimini. Uye uzive njani xa uqaphela ukuba uyaphucula, babe besitsho nabanye abantu? Inoba ikuvuyisa nyhani loo nto, ibe ifanele ikuvuyise kakade. Ngoba? Ngenxa yokuba njengoYesu, nawe wenza into uYehova afuna uyenze.​—INdu. 40:8; IMize. 27:11.

13. Kutheni kubhetele ukuzimisela ukukhonza uYehova kunokufuna ukuduma nokuba nemali kweli hlabathi?

13 Xa uzimisele ukukhonza uYehova, wenza umsebenzi oza kukwenza wonwabe uze ube nento oyiphilelayo. Umpostile uPawulos wathi: “Qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.” (1 Kor. 15:58) Kodwa xa abantu befuna ukuba nemali nokuduma kweli hlabathi, abonwabi ncam, nokuba babonakala ngathi baphumelele. Baye bashiyeke benganelisekanga. (Luka 9:25) Loo nto siyibona kwinto eyenzeka kuKumkani uSolomon.​—Roma 15:4.

14. Sifunda ntoni kwinto eyenzeka kuSolomon?

14 USolomon wayengomnye wabantu ababezizityebi nababenamandla kakhulu, ibe kukho into awazama ukuyenza. Wathi entliziyweni yakhe: “Yiza, ke ndikulinge ngemihlali. Bona okulungileyo.” (INtshu. 2:1-10) Wakha izindlu, iigadi, iipaki nayo yonke nje into awayeyinqwenela. Waziva njani emva koko? Waneliseka? Wonwaba? Asikho isizathu sokuba sibe siqikelela. USolomon ngokwakhe wathi: “Ndaza mna, ndaguqukela kuyo yonke imisebenzi yam eyenziwe zizandla zam . . . , khangela! yonk’ into yayingamampunge . . . yaye kwakungekho ngenelo.” (INtshu. 2:11) Ngaba ikhona into onokuyifunda kule nto yenzeka kuSolomon?

15. Ngokutsho kweNdumiso 32:8, kutheni ukholo lubalulekile, ibe lungakunceda njani?

15 UYehova akafuni ufunde ngokubetheka. Kufuneka ube nokholo ukuze ukwazi ukuthobela uThixo, uze ubeke ukuthanda kwakhe kwindawo yokuqala ebomini bakho. Ukholo lubalulekile, ibe awusoze uzisole ngezigqibo ozenzayo xa unalo. UYehova akasoze alulibale ‘uthando olubonisayo ngegama lakhe.’ (Heb. 6:10) Ngoko, yenza konke onako ukuze ukholo lwakho luqine ibe uza kuzibonela ukuba uTata wakho osezulwini ufuna wonwabe.​—Funda INdumiso 32:8.

UTHIXO UKUNIKA INKULULEKO YOKWENENE

16. Kutheni simele siyisebenzise kakuhle inkululeko esinayo?

16 UPawulos wathi: “Apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” (2 Kor. 3:17) UYehova uyayithanda inkululeko ibe nawe wakudala ukuze uyithande. Kodwa ukuze ukhuseleke, akafuni ukuba uyisebenzise nakanjani na inkululeko onayo. Mhlawumbi abanye oontanga bakho babukela iphonografi, bayahenyuza okanye badlala imidlalo eyingozi, basebenzisa iziyobisi kwaye basela utywala kakhulu. Xa besenza ezi zinto, basenokubonakala ngathi bonwabile. Kodwa emva koko izinto ziba mbi. Badla ngokugula, bangakwazi ukwahlukana neziyobisi okanye utywala, bade bafe nokufa. (Gal. 6:7, 8) Kucacile ukuba aba bantu batsha benza ezi zinto abakhululekanga, nakubeni bona becinga ukuba bakhululekile.​—Tito 3:3.

17, 18. (a) Ukuthobela uThixo kusinceda njani sikhululeke? (b) Khawuchaze indlela uAdam noEva ababekhululeke ngayo kunabantu banamhlanje.

17 Bakhona abantu obaziyo abaguliswa kukwenza izinto ezithethwa yiBhayibhile? Kucacile ukuba ukuthobela uYehova kuyasinceda sibe sempilweni size sikhululeke. (INdu. 19:7-11) Kwakhona xa uyisebenzisa kakuhle inkululeko onayo, ungazenzi izinto ezingafunwayo nguThixo, ubonisa uThixo nabazali bakho ukuba ungumntu onokuthenjwa ibe bangakunika inkululeko engakumbi. Ngapha koko, uYehova uthembisa ukuba uza kubanika inkululeko yokwenene abakhonzi bakhe, ibe xa iBhayibhile ichaza le nkululeko ithi, ‘yinkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’​—Roma 8:21.

18 UAdam noEva bakha bayifumana loo nkululeko. Zingaphi izinto uThixo awathi mabangazenzi kumyezo wase-Eden? Inye nje qha. Kwathiwa mabangatyi kwiziqhamo zomthi nje omnye. (Gen. 2:9, 17) Ungathi loo nto yayibavimba inkululeko? Akunjalo! Cinga nje ukuba mininzi kangakanani imithetho ecingwa ngabantu baze banyanzele abanye ukuba bayifunde kwaye bayithobele namhlanje.

19. Yintoni uYehova noYesu abasifundisa yona eza kusenza sikhululeke?

19 UYehova usiphethe ngendlela ebonisa ukuba ulumkile. Endaweni yokusinika imithetho emininzi, usifundisa ukuba sithobele umthetho wothando. Ufuna simthobele size sizicaphukele izinto ezimbi. (Roma 12:9) Le nto siyibona kwiNtshumayelo YaseNtabeni eyenziwa nguYesu, kuba kuyo wachaza ezona zizathu zokuba abantu benze izinto ezimbi. (Mat. 5:27, 28) Kwihlabathi elitsha, lo Kumkani woBukumkani BukaThixo uza kuqhubeka esifundisa de sizithande nyhani izinto ezintle size sizicaphukele ezimbi. (Heb. 1:9) Kwakhona, uza kusinceda sifezeke emzimbeni nasengqondweni. Khawucinge nje ngendlela ekuza kuba yiyo xa singasalingeki ukuba senze izinto ezimbi kwaye singabi buhlungu ngenxa yokona. Ngelo xesha uya kutsho uyifumane nyhani ‘inkululeko ezukileyo’ awakuthembisa yona uYehova.

20. (a) UYehova uyisebenzisa njani inkululeko yakhe? (b) Ungamlinganisa njani?

20 Inkululeko esiza kube sinayo ngelo xesha ayithethi kuthi siza kwenza unothanda. Kodwa, iza kulawulwa kukuthanda uThixo nabantu. Phofu, eyona nto ayitshoyo uYehova kukuba senze izinto njengaye. Angenza nantoni na ayithandayo, kodwa uye wakhetha ukuba abaphathe ngothando abantu. (1 Yoh. 4:7, 8) Ngoko kuyacaca ukuba nathi siya kukhululeka nyhani kuphela xa silawulwa luthando olufana nolukaThixo.

21. (a) UDavide wathandaza wathini kuYehova? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

21 Ngaba uyazixabisa ‘izinto ezilungileyo’ uYehova akunike zona? Ezo, zizinto eziqinisa ukholo, abona bahlobo balungileyo, izinto onokuzenzela uYehova, kunye nenkululeko yokwenene. (INdu. 103:5) Ukuba kunjalo, ufana noDavide owathi: “Uya kundibangela ndiwubone umendo wobomi. Ebusweni bakho ndiba nemihlali ngokwaneleyo; kwisandla sakho sasekunene kukho ubumnandi ngonaphakade.” (INdu. 16:11) Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngezinye izinto esinokuzifunda kwiNdumiso 16. Le nto iza kukunceda ubone ezinye izinto eziza kukunceda wonwabe ebomini.