Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ukuba umKristu udivosa umfazi wakhe engavunyelwa ziZibhalo aze atshate nomnye, ibandla limele liwujonge njani umtshato wokuqala nowesibini?

Kaloku xa kunjalo, ibandla limele lizixelele ukuba uphelile umtshato wokuqala. Umtshato osebenzayo ngulo wesibini. Ukuze siziqonde izizathu zokuba sitsho njalo, masithethe ngento eyathethwa nguYesu ngokudivosa nokuphinda utshate.

KuMateyu 19:9 uYesu wathi sinye isizathu sokudivosa esivunyelwa ziZibhalo. Wathi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze, aze atshate omnye, uyakrexeza.” Kule nto yathethwa nguYesu sifunda izinto ezimbini. Eyokuqala, iZibhalo zivumela umntu ukuba adivose kuphela xa eye wahenyuza, oko kukuthi waziphatha kakubi ngesondo. Eyesibini, xa indoda idivosa umfazi wayo ngenxa yesinye isizathu ize itshate omnye, iyakrexeza. *

Ngaba uYesu wayethetha ukuba indoda eye yaziphatha kakubi ngesondo yaza yadivosa umfazi wayo iyavunyelwa ziZibhalo ukuba ingaphinda itshate? Hayi ncam. Ukuba indoda iyakrexeza, kuza kuxhomekeka kumfazi wayo ukuba uyafuna na ukuyixolela okanye akafuni. Ukuba akayixoleli baze badivose ngokusemthethweni, bobabini bangaphinda batshate xa begqibile ukudivosa.

Kanti umfazi usenokufuna ukuhlala nendoda yakhe, angayidivosi, aze ayixelele ukuba uyayixolela. Kuza kuthiwani ke ukuba indoda ayivumi ukuxolelwa ngumfazi wayo ize imdivose, bengavumelananga ngedivosi? Ngenxa yokuba umfazi wayo ebefuna ukuyixolela, iZibhalo aziyivumeli ukuba iphinde itshate. Ukuba itshata ngenkani nangona isazi ukuba iZibhalo aziyivumeli, ikrexeza okwesibini; ngoko abadala kuza kufuneka baphinde bachophele ityala layo.​—1 Kor. 5:1, 2; 6:9, 10.

Ukuba indoda iphinda itshate nangona iZibhalo zingayivumeli, ibandla limele liwujonge njani umtshato wokuqala nalo wesibini? Ngaba iZibhalo zithi awukapheli lo wokuqala? Ngaba umfazi ongenatyala kusafuneka enze isigqibo sokuba uyayixolela okanye akayixoleli indoda ebetshate nayo? Ngaba ibandla liza kuthi lo mtshato wayo wesibini ngowokrexezo?

Ibandla belikade lisithi lo mtshato wesibini ngowokrexezo ukuba umfazi ongenatyala usaphila, khange aphinde atshate okanye aziphathe kakubi ngesondo. Kodwa uYesu zange athethe ngomfazi ongenatyala xa wayethetha ngokudivosa nokuphinda utshate. Wathi indoda edivosa umfazi wayo, ingavunyelwa ziZibhalo ize iphinde itshate, iyakrexeza. Loo nto ithetha ukuthi loo ndoda edivosa umfazi wayo ize iphinde itshate, nto leyo uYesu ayifanisa nokukrexeza, iwuphelisile umtshato wayo wokuqala.

“Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze, aze atshate omnye, uyakrexeza.”​—Mat. 19:9

Xa umtshato upheliswa yindoda edivosa umfazi wayo ize iphinde itshate, ukuxolela nokungaxoleli komfazi ongenatyala akusasebenzi. Akusafuneki enze isigqibo esinzima sokuba uyayixolela na okanye akayixoleli. Nendlela ibandla eliwujonga ngayo umtshato wesibini ayizukuxhomekeka ekubeni umfazi ongenatyala uye wasweleka, uphinde watshata okanye uye waziphatha kakubi ngesondo. *

Kumzekelo ekuthethwe ngawo ngasentla, indoda ikrexezile baza badivosa. Kuza kwenzeka ntoni ke ukuba indoda ayikrexezanga kodwa iyadivosa ize iphinde itshate? Okanye kuza kuthiwani ukuba indoda iqale yadivosa emva koko yaziphatha kakubi ngesondo yaza yaphinda yatshata, nangona umfazi wayo ebefuna ukuyixolela? Kuyo yonke le mizekelo, xa iye yadivosa yaphinda yatshata, ikrexezile, ngoko iwuphelisile umtshato wayo wokuqala. Ngumtshato wesibini osemthethweni. IMboniselo yesiNgesi kaNovemba 15, 1979, kwiphepha 32, yathi: “Ngoku iphinde yatshata, ngoko ayinakusuka imshiye njee umfazi wayo, ibuyele kulo wokuqala. Kaloku umtshato wayo wokuqala uphelile. Badivosile, ikrexezile yaza yaphinda yatshata.”

Ukutshintsha kwendlela esiyiqonda ngayo le nto akuthethi kuthi amaKristu acinga ukuba umtshato awusekho ngcwele okanye ukukrexeza ayisiso isono esinzulu. Ukuba indoda iye yadivosa umfazi wayo ngesizathu esingekho Zibhalweni ize itshate nomnye, nangona iZibhalo zingayivumeli, kuza kufuneka abadala bamisele ikomiti egwebayo kuba ikrexezile. (Ukuba nalo mfazi itshate naye ngumKristu, ukrexezile; naye umele aye kwikomiti egwebayo.) Akuzukuthiwa lo mtshato wesibini ngowokrexezo. Kuza kudlula iminyaka emininzi kungekho misebenzi ikhethekileyo iyifumanayo ebandleni le ndoda, de nabantu bayeke ukucatshukiswa yile nto yayenzayo, baphinde bayihloniphe. Enye into abaza kuyijonga abadala ngaphambi kokuba bayinike imisebenzi ekhethekileyo kukuba, umfazi emdivose ngamaqhinga nabantwana babo abancinci basenazo na iingxaki ezenziwe kukubashiya kwayo.​—Mal. 2:14-16.

Ngenxa yale miphumo ebuhlungu ebangelwa yidivosi engavunyelwayo ziZibhalo nokuphinda utshate, amaKristu aza kube alumkile xa ejonga umtshato njengento engcwele, elinganisa uYehova.​—INtshu. 5:4, 5; Heb. 13:4.

^ isiqe. 2 Ukuze siyive kakuhle le nto, xa sithetha ngomntu okrexezileyo siza kuthi yindoda, ongenatyala ngumfazi. Kodwa kuMarko 10:11, 12, uYesu wenza kucace ukuba le nto wayeyithetha isebenza kumadoda nakubafazi.

^ isiqe. 1 Besikade sisithi umtshato onjalo ngowokrexezo de umfazi ongenatyala asweleke, aphinde atshate okanye aziphathe kakubi ngesondo.