Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Kuwe Intsimi Injengombethe?

Ngaba Kuwe Intsimi Injengombethe?

UBULUNGISELELI bethu bubalulekile yaye buxabisekile. Kodwa abanye abantu esishumayela kubo abayiqondi le nto. Nabo babonisa umdla koko kuthethwa yiBhayibhile, abasoloko benomdla wokuyifunda kunye nathi.

Umzekelo woku nguGavin. Wayesiya ezintlanganisweni, kodwa wayengasifuni isifundo seBhayibhile. Uthi wayengenalwazi lungako ngeBhayibhile, ibe wayengafuni abanye bayazi loo nto. Wayesoyika ukuba uza kucelwa ukuba abe lilungu, yaye wayengafuni kukhohliswa. Ucinga ntoni wena? Ngaba uGavin wayenokuncedakala? Cinga ngendlela iBhayibhile enokumnceda ngayo umntu. UYehova wathi kumaSirayeli: “Ahle njengombethe amazwi am, njengentshizane engceni.” (Duteronomi 31:19, 30; 32:2) Masibone indlela ukufunda ngombethe okunokusinceda ngayo kubulungiseleli, ukuze sikwazi ukunceda ngokuphumelelayo “zonke iintlobo zabantu.”—1 Timoti 2:3, 4.

UBULUNGISELELI BETHU BUNGAFANA NJANI NOMBETHE?

Umbethe uthambile. Umbethe ubakho ngokuthe ngcembe njengoko umphunga osemoyeni ujika ube ngamathontsi amanzi. Amazwi kaYehova ‘ahla njani njengombethe’? Wayethetha nabantu bakhe ngobubele, ngelizwi elithambileyo nangenkathalo. Siyamxelisa xa sibonisa intlonelo kwizinto abanye abazikholelwayo. Sibakhuthaza ukuba baziqiqele baze bazenzele izigqibo. Xa sibonisa umdla wobuqu, abantu baya kuba nomdla ongakumbi wokwamkela oko sikuthethayo ibe siya kuba nempumelelo engakumbi kubulungiseleli bethu.

Umbethe uyahlaziya. Ubulungiseleli bethu buya kubahlaziya abanye xa sicinga ngeendlela ezahlukeneyo zokubanceda bafunde ngakumbi ngenyaniso. UChris, owaba ngumzalwana wokuqala ukucela ukufundela uGavin, akazange amnyanzele ukuba asamkele isifundo. Kunoko wazama ukufumana iindlela ezahlukeneyo zokwenza uGavin azive ekhululeke ngakumbi xa bencokola ngeBhayibhile. UChris wachazela uGavin ukuba kukho umyalezo obalulekileyo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni, ibe ukufunda ngawo kungamnceda aqonde ngakumbi xa esezintlanganisweni. Emva koko, uChris wamchazela ukuba yena iziprofeto zeBhayibhile zamqinisekisa ukuba iBhayibhile yinyaniso. Ngenxa yoko, baba neencoko ezininzi ngendlela iziprofeto ezazaliseka ngayo. Ezi ncoko zamhlaziya uGavin, waza ekugqibeleni wasamkela isifundo seBhayibhile.

Umbethe ubalulekile ebomini. Ngexesha lobushushu nembalela kwaSirayeli, kusenokunganethi kangangeenyanga eziliqela. Ngaphandle kokufuma okubangelwa ngumbethe, izityalo ziyabuna zize zife. UYehova wachaza kwangaphambili ukuba ngemihla yethu kwakuya kuba ngathi kukho imbalela, nto leyo etheth’ ukuba abantu babeya kunxanelwa ‘ukuva amazwi kaYehova.’ (Amosi 8:11) Wathembisa ukuba abathanjisiwa babeya kuba “njengombethe ovela kuYehova” njengoko beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, bexhaswa ‘zezinye izimvu.’ (Mika 5:7; Yohane 10:16) Umyalezo esiwushumayelayo uyinxalenye yelungiselelo likaYehova lokubanika ubomi abo banxanelwe inyaniso. Ngaba siyawuxabisa lo myalezo?

Umbethe yintsikelelo evela kuYehova. (Duteronomi 33:13) Ubulungiseleli bethu bunokuba yintsikelelo okanye isipho kwabo basabelayo. Isifundo seBhayibhile saba yintsikelelo kuGavin kuba samnceda wafumana iimpendulo zayo yonke imibuzo yakhe. Wenza inkqubela ngokukhawuleza waza wabhaptizwa, ibe ngoku uvuyela ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kunye nomfazi wakhe uJoyce.

AmaNgqina kaYehova azalisa umhlaba ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani

BUXABISE UBULUNGISELELI BAKHO

Ukuthelekisa umsebenzi wethu wokushumayela nombethe kungasinceda siqonde ukuba imigudu yethu yobuqu entsimini ixabisekile. Njani? Ithontsi elinye lamanzi alenzi mahluko kodwa xa izizigidi zawo, umhlaba uyafuma. Ngokufanayo, oko sikwenzayo entsimini kungabonakala kukuncinane kakhulu kuthi. Kodwa ngenxa yemigudu yezigidi zabakhonzi bakaYehova, kunikelwa ubungqina “kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Ngaba ubulungiseleli bethu bungaba yintsikelelo evela kuYehova kwabanye? Ewe, umyalezo wethu uya kuba njengombethe, uthambe, uhlaziye uze ube yinto ebalulekileyo ebomini!