Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Indlela Asebenza Ngayo Amabhovu Ekati

Indlela Asebenza Ngayo Amabhovu Ekati

IIKATI zasekhaya zibona kakuhle ebusuku. Kubonakala ukuba amabhovu azinceda zikwazi ukuva nantoni na ekufutshane zize zikwazi nokubamba ixhoba, ingakumbi ngorhatya.

Khawucinge ngoku: Amabhovu ekati akhula kwizihlunu ezinemithambo-luvo eyahlukahlukeneyo. Le mithambo-luvo iva neyona ntshukumo incinane yomoya. Loo nto yenza ikati ikwazi ukuva xa kukho nantoni na ekufutshane nayo, ingakhange iyibone nokuyibona—nto leyo eluncedo kakhulu xa kumnyama.

Amabhovu ayinceda ikati ikwazi ukuqonda xa kukho into endleleni yayo, ize ikwazi nokuva xa kukho into okanye ixhoba elishukumayo. Kwakhona, amabhovu anceda ikati ikwazi ukulinganisa ubukhulu bekroba ngaphambi kokuba izame ukuphumela kulo. IEncyclopædia Britannica ithi “luncinane kakhulu ulwazi esinalo ngendlela asebenza ngayo amabhovu ekati; kodwa ke into esiyaziyo kukuba, ukuba ungawacheba ikati iya kuba ngumlwelwe okwethutyana.”

Amabhovu ekati ancede oososayensi bakwazi ukwenza oomatshini abanesixhobo esibizwa ngokuba yi-e-whiskers, esikwaziyo ukuva xa kukho into ekufutshane baze bayiphephe. Esi sixhobo “sinokusetyenziswa ngeendlela ezininzi koomatshini abahlukahlukeneyo, nakuphando lwebhayoloji,” utsho njalo uAli Javey, ongusosayensi wengqondo kwiYunivesithi yaseKhalifoniya, eseBerkeley.

Ucinga ntoni? Ngaba iindlela asebenza ngayo amabhovu ekati yazivelela? Okanye yadalwa?