Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EBelize

Ukutyelela EBelize

EBELIZE kukho izinto ezininzi ezahlukahlukeneyo kwindawo nje encinane—ukususela kumahlathi ashinyeneyo ukuya kutsho kumanzi acwengileyo angqonge iziqithi ezininzi kunxweme lwalapho. Zisisiqalo nje sezinto ezininzi ezimangalisayo zaseBelize.

Kukho iintlobo ezininzi zeentaka nezilwanyana kweli lizwe. Phakathi kwazo kukho isikhwenene salapho esincinci esinemibala eqaqambileyo nehagu yasendle enempumlo efana nomboko wendlovu omfutshane, nekwaziyo ukuhamba ngesantya esiphezulu nangaphantsi kwamanzi! Kukwakho nesilwanyana ijaguar esithanda ukuzihlalela sodwa. IBelize inendawo eyaba yeyokuqala ehlabathini yokunyamekela iijaguar.

IBelize inendawo eyaba yeyokuqala ehlabathini lonke enyamekela iijaguar

IBelize yayikade ililizwe lohlanga lwamaMaya. Kwafika amajoni aseSpeyin ngeminyaka yee-1500 kodwa awazange awoyise ngokupheleleyo amaMaya. Kamva, amaNgesi aqalisa ukulawula lo mmandla waza ngo-1862 wamiselwa njengethanga leBritish Honduras. Ngo-1981 iBelize yafumana inkululeko.

 Abantu baseBelize baziintlobo ezahlukahlukeneyo kanye njengendawo abahlala kuyo. Kukho amaCreole, amaNdiya aseMpuma, amaGarifuna, amaMaya namaMestizo. Abantu beli lizwe banobubele nembeko. Abantwana xa bethetha nabantu abadala badla ngokuthi, “Sisi” okanye “Bhuti” baze xa bephendula bathi, “Ewe, mama” okanye “Hayi, tata.”

Imarike yesiXeko saseBelize

EBelize, kukho amabandla amaNgqina kaYehova esiKriol saseBelize, isiLow German, isiMaya, isiNgesi , iNtetho Yezandla yaseMerika, iSpanish nesiTshayina esenziwe lula. KwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu sango-2013, eBelize kwaya umlinganiselo womntu omnye kwabayi-40.

NGABA UBUSAZI? EBelize kukho ummandla ophantsi kwamanzi oziikhilomitha eziyi-290 ubude oneentyatyambo nezinye izinto eziphilayo. Lo mmandla uyinxalenye yalowo ukwindawo yesibini emhlabeni wonke ngobukhulu. Owona mkhulu yiGreat Barrier Reef eseOstreliya.

Ummandla ophantsi kwamanzi waseBelize uyinxalenye yalowo ukwindawo yesibini emhlabeni wonke ngobukhulu