Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ukumangalisa Kweliso Lentethe

Ukumangalisa Kweliso Lentethe

XA IINTETHE zifuduka, zihamba ziligquba elinokuba “zizigidi eziyi-80.” Sekunjalo, azikhe zingqubane. Ithini imfihlelo yazo?

Khawucinge ngoku: Emva kweliso lentethe kukho iseli eyinceda ukuba ikwazi ukuva nantoni na ekufutshane nayo. Xa kukho into eza kungqubana nayo, le seli ithumela umyalezo emaphikweni nasemilenzeni ukuba mayiphephe msinyane. Enyanisweni, uthi uqhwanyaza nje ibe intethe sele iphephe kahlanu.

Le seli ikwiliso lentethe iye yanceda oososayensi benza umatshini ohambayo osebenza ngekhompyutha okwaziyo ukuva izinto ezikufutshane kuwo uze uziphephe. Besebenzisa kwainkqubo efanayo, abaphandi baye benza izithuthi ezilumkisa umqhubi xa esondela entweni anokungqubeka kuyo, nto leyo enokunciphisa iingozi. UProfesa uShigang Yue weYunivesithi yaseLincoln eUnited Kingdom uthi: “Ininzi into esinokuyifunda kwisinambuzane esibonakala singenamsebenzi njengentethe.”

Ucinga ntoni? Ngaba iliso elimangalisayo lentethe lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?