UVUKANI! Juni 2014 | Umbona Ngantoni Umhlobo Wokwenene?

Ngelishwa kusenzima ukufumana umhlobo wokwenene. Kodwa ngaba bekumele ukuba kunjalo? Yintoni efunekayo ukuze ubuhlobo buhlale buhleli? Funda amacebiso eBhayibhile.

Okwenzeka Ehlabathini

Oko kuthethwa ngako: iikliniki zokubelekisa ezime nematha nezixakwe yinto emaziyenze zaseKhanada, izinambuzane ezityekayo ezinesondlo nezisenokuthatha indawo yenyama nabatshatisi bakutshanje eIreland abangakholelwayo kuThixo.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Umbona Ngantoni Umhlobo Wokwenene?

Inkoliso yabantu ivakalelwa kukuba kubalulekile ukuba nabahlobo bokwenene. Unokuba nguye njani umhlobo wokwenene? Eli nqaku linamacebiso amane aseBhayibhileni.

IMBONO YEBHAYIBHILE

Ukufa

Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Ngaba likho ithemba lokudibana nabantu bethu esibathandayo abafayo? Khawuve iimpendulo ezithuthuzelayo zeBhayibhile kwimibuzo engokufa.

IIFOTO ZAKUDALA

UJoseph Priestley

Enoba wayebhala ngesayensi okanye unqulo, uJoseph Priestley wazigatya iimfundiso ezithile nezithethe njengoko wayexhasa inyaniso. Funda indlela okube negalelo ngayo oko akufumanisileyo noko wakubhalayo ukuza kuthi ga ngoku.

Isifo Seentsini—Ngaba Usengozini?

Isifo seentsini sesona sixhaphakileyo ehlabathini. Sibangelwa yintoni? Unokwazi njani ukuba unaso? Unokuwanciphisa njani amathuba okuba nesi sifo seentsini?

UKUNCEDA INTSAPHO

Indlela yokulumkela Inkcitho

Sukulinda de uphelelwe yimali ukuze ucinge ngendlela yokulumkela inkcitho. Funda indlela yokulumkela ukudyiwaza ungekade ungene engxakini.

NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokubona Indlela Benkuba-bulongo

inkuba-bulongo isebenzisa eyiphi indlela yokufudusa? Yaye yintoni enokufundwa ngabantu kobo buchule?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Oko Kuthethawa Ngoontanga Bakho Ngeeselfowuni

Ulutsha oluninzi luyithand’ ukufa iselfowuni. Ziziphi izinto eluncedo neziyingozi ngayo?

UMoses Ukhulela EYiputa

Sinokufunda ntoni kubomi bukaMoses baseYiputa? Zikhuphelele la maphepha uze uwaxubushe nentsapho yonke.