Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

Amazwe AseAfrika Engezantsi KweSahara

Ingxelo ekhutshwe yiUNICEF ethetha ngamazwe aseAfrika engezantsi kweSahara ithi, “yi-38 pesenti kuphela yabantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-5 enesiqinisekiso sokuzalwa.” UElke Wisch, isekela lomalathisi weUNICEF ejongene nommandla weMpuma noMzantsi weAfrika uthi kwamanye aloo mazwe, “kubalulekile ukubhaliswa kwabantwana ukuze bakwazi ukufumana unyango nemfundo, nokuze kuncedwe abantwana abafelwe ngabazali bakwazi ukufumana ilifa.”

EItali

Ngokutsho kolunye uhlolisiso, eyona nto yoyikwa kakhulu lulutsha lwaseItali kukuxhatshazwa kwi-intanethi. Abantwana abayi-72 pesenti nabakwiminyaka ephakathi kweyi-12 neyi-17 bathi bakoyika kakhulu. Eli nani lilo gqitha lee elo labo bayi-55 pesenti abathi boyika iziyobisi, abayi-44 pesenti aboyika ukuxhatshazwa ngesini ngumntu omdala kunye nabo bayi-24 pesenti aboyika ukufumana izifo ezifumaneka ngokulala nomntu.

EJapan

Ngokutsho kweThe Japan Times, liyanda inani labantu abasebatsha baseJapan abangawathathiyo amathuba okunyuselwa emsebenzini. Abayi-40 pesenti kubo bathi abakuthandi ukunganyaniseki kwabantu abaphetheyo. Abasebenzi abaninzi bathi abakwazi ukuveza izimvo zabo okanye ukuthetha ngokukhululekileyo nabaqeshi babo. Nakubeni abantu abadala besagcine laa misebenzi yabo, i-60 pesenti yabasebenzi abasebatsha iqhubeka nemisebenzi yayo ngoxa ikhangela amadlelo aluhlaza.

EBRAZIL

Ukususela ngo-1980 ukuya kutsho ngo-2010, ngabantu abaphantse babeyi-800 000 abaye badutyulwa bafa eBrazil. Abangaphezu kwe-450 000 kubo babeneminyaka ephakathi kweyi-15 neyi-29 ubudala. Uhlolisiso lolwaphulo-mthetho oluye lwenziwa kutshanje luvelise ukuba oyena nobangela woku kubulawa kwabantu ziingxabano emakhaya, iingxabano nabamelwane, umona okanye imilo phakathi kwabaqhubi.