Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

  INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Unokuwathemba Amajelo Eendaba?

Ngaba Unokuwathemba Amajelo Eendaba?

ABANTU abaninzi bayakuthandabuza oko bakuva nabakufunda ezindabeni. Ngokomzekelo, ngo-2012 eUnited States, kuhlolisiso lakwaGallup abantu babuzwa ukuba “bakuthembe kangakanani” ukuchana, ukungabi namkhethe nokungafihlwa kwenyani kwiindaba ezikumaphepha-ndaba, kumabonwakude nakunomathotholo. Abantu abayi-6 kwabayi-10 bathi “abazithembanga kangako” okanye “abazithembanga kwaphela.” Ngaba ikho into ebangela ukuba baphendule ngolu hlobo?

Iintatheli ezininzi neenkampani ezizisebenzelayo ziye zafunga ngelithi ziza kuza neengxelo ezichanileyo nezifundisayo. Kodwa sikho isizathu sokuxhalaba. Cinga ngoku kulandelayo:

  • IINKAMPANI EZINKULU ZEENDABA. Kukho imbinana yeenkampani ezinkulu ezilawula amajelo eendaba aphambili. Loo majelo anempembelelo enkulu ekubeni ziziphi iindaba ekuza kuthethwa ngazo, ziza kukhutshwa kanjani nokuba kuza kuthethwa ngazo ixesha elingakanani. Ekubeni iinkampani ezininzi zifuna ingeniso, izigqibo ezenziwa ngala majelo zinophenjelelwa yimali. Iindaba ezinokubangela ingxaki kwingeniso yenkampani yeendaba zisenokungakhutshwa.

  • OORHULUMENTE. Izinto ezininzi esiziva ezindabeni zinento yokwenza nezopolitiko nezinto ezenziwa ngurhulumente. Oorhulumente bafuna abantu baxhase imigaqo abayimiselayo nabasebenzi babo. Ekubeni amajelo eendaba efuna iindaba kurhulumente, iintatheli zidla ngokusebenzisana nemithombo yakwarhulumente.

  •  EZENTENGISO. Kumazwe amaninzi amajelo eendaba kufuneka enze imali ukuze aqhubeke nomsebenzi wawo yaye eyona mali ininzi ayifumana kwezentengiso. EUnited States, iimagazini zifumana phakathi kwe-50 ne-60 pesenti yemali yazo kwezentengiso, amaphepha-ndaba i-80 pesenti aze yena umabonwakude nonomathotholo bafumane i-100 pesenti. Siyaqondakala ke isizathu sokuba abezentengiso bangazixhasi iinkqubo eziza kubangela ukuba izinto abazithengisayo zingathengwa. Ukuba abayithandi indlela elisasaza ngayo elo jelo, banokuya kwelinye. Ekubeni bekwazi oku, abahleli banokugqiba ekubeni zingakhutshwa iindaba eziza kuzisela abathengisi iingxaki.

  • UKUNGANYANISEKI. Ezinye iintatheli azinyanisekanga. Ukanti ezinye ziyazifakelela iindaba. Ngokomzekelo, kwiminyaka embalwa edlulileyo, intatheli yaseJapan yayifuna ukubonisa indlela abantywili abazonakalisa ngayo izityalo eziphila phantsi kwamanzi eOkinawa. Yathi yakungafumani zityalo zonakalisiweyo, yazonakalisa ngokwayo yaza yazifota. Iifoto zinokwenziwa ngendlela eza kwenza abantu baqhatheke. Iteknoloji iye yaphumelela kakhulu ekutshintsheni iifoto yaye ezinye zazo azibonakali ukuba zitshintshiwe.

  • UKUQHATHA. Enoba ibali lingayinyani kangakanani na, ziintatheli ezigqibayo ngendlela elimele livakale ngayo ebantwini. Ziziphi iinkcukacha ezimele zifakwe, izeziphi ezimele zikhutshwe? Ngokomzekelo, iqela lebhola lisenokuba lityiwe ngamanqaku amabini. Le yinyaniso. Kodwa iintatheli zinokuza namabali amaninzi ngesizathu sokuba lityiwe.

  • UKUSHIYA IINKCUKACHA. Xa zibhala iindaba ezitshis’ ibunzi, iintatheli zidla ngokuzishiya iinkcukacha ezinokuphixanisa iingqondo okanye ezinokubangela iingxaki. Oku kwenza ukuba ezinye izinto zibaxwe ukanti ezinye zingachazwa zonke. Ngenxa yokuba abafundi beendaba neentatheli kumabonwakude kukhe kufuneke zichaze ibali elinzima ngomzuzwana nje, iinkcukacha ezibalulekileyo zisenokuzishiya.

  •  UKHUPHISWANO. Kwiminyaka yakutshanje, liye landa inani lezitishi zikamabonwakude, nto leyo eye yabangela abantu bangachithi ixesha elide bebukele isitishi esinye. Ukuze ababukeli bahlale benomdla, kuye kwafuneka izitishi zeendaba zize nento entsha okanye eyonwabisayo. Incwadi ethi Media Bias ithi xa ithetha ngoku: “Iindaba [zikamabonwakude] zizaliswe yimifanekiso, ekhethelwe ukuba yothuse abantu okanye itsale umdla wabo kwanamabali amafutshane nangazukudinisa ingqondo yombukeli.”

  • IIMPAZAMO. Ngenxa yokuba nazo zingabantu, iintatheli ziyazenza iimpazamo. Zisenokubhala igama ngendlela engachananga, zibeke ikoma kwindawo engafanelekanga okanye zenze impazamo kwigrama, zinto ezo ezinokuyenza ingavakali intsingiselo yesivakalisi. Zisenokungayihlolisisi kakuhle loo nto ziyibhalileyo. Ngenxa yokuba zileqa ixesha, iintatheli zisenokungawabhali kakuhle namanani, zibhale u-10 000 endaweni ka-100 000.

  • IINDABA EZINGACHANANGA. Ukunikela iingxelo ezichanileyo akuyonto elula. Into esenokuba yinyaniso namhlanje, inokuba bubuxoki ngomso. Ngokomzekelo, abantu bakhe bakholelwa ukuba yonke indalo ijikeleza umhlaba. Ngoku siyazi ukuba umhlaba ujikeleza ilanga.

 Kufuneka Ingqiqo

Nangona kungebobulumko ukukholelwa yonke into esiyiva ezindabeni, oko akuthethi ukuba akukho nto sinokuyithemba. Eyona nto inokunceda kukulumka nokusebenzisa ingqiqo.

IBhayibhile ithi: “Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi njengoko inkalakahla ingcamla ukutya?” (Yobhi 12:11) Nanga amacebiso anokusinceda sivavanye amazwi esiwavayo nesiwafundayo:

  • IJELO: Ngaba le ngxelo iphuma kumntu okanye intlangano enokuthenjwa nesemthethweni? Ngaba le nkqubo okanye le mpapasho yaziwa ngokuza neengxelo ezichanileyo okanye iyabaxa? Ngoobani ababhatala imithombo yezoondaba?

  • UMTHOMBO: Ngaba iphandwe kakuhle le ngxelo? Ngaba eli bali linomthombo omnye kuphela? Ngaba imithombo yalo inokuthenjwa yaye ayinamkhethe? Ngaba kuvezwa amacala onke ebali, okanye elinye nje?

  • INJONGO: Zibuze: ‘Ngaba ezi ndaba zenzelwe ukufundisa okanye ukonwabisa? Ngaba zithengisa okanye zixhasa into ethile?’

  • ZIVAKALA NJANI: Xa ingxelo ethile yeendaba ivakala ngokungathi kukho umsindo, intiyo okanye igxeka kakhulu, kusenokwenzeka ukuba iyahlasela okanye azivelelwanga zonke iinkalo.

  • UKUVISISANA: Ngaba iinkcukacha zale ngxelo ziyafana nezamanye amanqaku? Ukuba azifani, lumka!

  • IXESHA: Ngaba le ngxelo yeyakutshanje? Into ebekucingwa ukuba ichanile kwiminyaka eyi-20 edlulileyo isenokungabi njalo namhlanje. Kwelinye icala, ukuba yinto esandul’ ukwenzeka, isenokungabi nazo zonke iinkcukacha.

Ngoko ke, ngaba unokuwathemba amajelo eendaba? La mazwi kaSolomon asinika icebiso elilungileyo: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.