Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ialbatross—Intaka Ezulazulayo Neyonga Amandla Xa Indanda

Ialbatross—Intaka Ezulazulayo Neyonga Amandla Xa Indanda

INTAKA ezibhabhela phezulu zinokuhlala emoyeni zisebenzisa nje amandla amancinane. Ialbatross engahlali ndawen’ inye ingumzekelo obalaseleyo woku. Le ntaka inamaphiko anobude obuziimitha eziyi-3,4 nobunzima obuziikhilogram eziyi-8,5 ibe inokubhabha amawaka eekhilomitha ingasebenzisanga mandla maninzi! Imfihlelo yayo ikwindlela owakhiwe ngayo umzimba wayo nakubuchule bayo bokubhabha.

Cinga ngoku: Xa ibhabha, le ntaka iqinisa imisipha ebangela ukuba amaphiko ayo ahlale evuleke ngokupheleleyo ukuze ingazisebenzisi izihlunu. Enye imfihlelo yale ntaka—eyinceda ukuba ibhabhe iiyure eziliqela—bubuchule bokusebenzisa umoya wolwandle.

Xa zindanda phezu kolwandle, iialbatross zinyukela phezulu, zijika-jike zehle zisenza isangqa, loo nto ibuyisela amandla eziwasebenzise ngoxa bezinyuka. Oososayensi basandul’ ukuyazi indlela ezikwenza ngayo oku. Besebenzisa ezona zixhobo zibabonisa kakuhle indlela ezibhabha ngayo neenkqubo ezikhethekileyo zekhompyutha, baye bafumanisa ukuba iialbatross zifumana amandla xa zindandela kwicala umoya oya ngakulo. Bathi: “Kulula ngazo ukusebenzisa lo moya kuba usoloko ukho.” Uba yintoni umphumo? Ialbatross inokubhabha kangangeeyure ingakhange iphaphazelise amaphiko!

Olu lwazi lunganceda iinjineli ukuba zenze iinqwelo-moya ezonga amafutha, mhlawumbi kwanezo zingasebenzisi injini.

Ucinga ntoni? Ngaba ialbatross, eyonga amandla xa indanda, nenomzimba owakhiwe ngendlela ekhethekileyo yabakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba yadalwa?