UVUKANI! Novemba 2012 | Ungaphumelela Ukukhulisa Abantwana Nakuba Uwedwa!

Yintoni encede abanye abazali abangenamaqabane ukuba baphumelele kumsebeni wabo onzima?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Unako Ukuphumelela!

Emhlabeni wonke abazali abangenamaqabane bayaphumelela ekukhuliseni abantwana. Funda oko bakutshoyo.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Funa Inkxaso

Unokubafumana njani abahlobo abanokukomeleza xa ufuna ukhuzatho?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Yazi Indlela Yokuthetha

Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda uhlale uncokola nabantwana bakho?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Zazi Ezona Zinto Zibalulekileyo

Yazi eyona nto ibalulekileyo kuwe nakubantwana bakho.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Beka Imida Ecacileyo

Akululanga ukubamisela imida abantwana.. Unokukwenza njani ngendlela ephumelelayo?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Misela Imilinganiselo Yokuziphatha Efanelekileyo

Imigaqo yeBhayibhile ingakunceda njani ukuze ufundise abantwana bakho izinto ezilungileyo?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Funa Uncedo KuThixo

Ngaba uThixo unomdla kuwe njengomzali ongatshatanga? Funda ukuba bangaphi abantu abanandipha ukulunga kukaThixo.

NGABA YADALWA?

Igqudu Elingaphantsi Kwephiko Lempukane

Wakha wazibuza ukuba kutheni kunzima kangaka ukubamba impukane? Funda ukuba yintoni ebonwe ziisayentisti.

IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo—Inxalenye 7

IBhayibhile ithetha ngokupheliswa kwabo bonke ububi. Iza kwenzeka nini yaye njani loo nto?

Idada Elingqoqo—Elintyiloza Kamnandi

Ngaba wakhe wayiva le ntaka intyiloza? Funda ngezandi ezahlukahlukeneyo ezenzayo.

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko?

Funda ngezona zinto ziphambili ezibangela uxinezeleko namanyathelo onokuwathabatha ukuze umelane nazo.

IBALI LOBOMI

Abazange Bandincame

Kwenzeka njani ukuba indoda ethanda utywala nogonyamelo itshintshe?

IMBONO YEBHAYIBHILE

Ngaba Ikho Into Onokuyizuza​—Ngokuqhayisa Ngezinto Onazo?

Ngaba ufuna ukuba neetshomi ezikuthanda ngenxa yezinto onazo okanye ezithanda ubuntu bakho?

Iingcungela Zamaxesha Aphakathi Kubugcisa Boomatshini

Babakho nini oomatshini azitshintshayo? Isenokukumangalisa impendulo.

Undoqo Ekuqondeni IBhayibhile

Ukuyihlolisisa iBhayibhile kunokukunceda uzazi iimfundiso zayo ezisisiseko. Njani?

Okwenzeka Ehlabathini

Kwizinto ekuthethwa ngazo: Iingozi ezisentloko ezibangelwa yibhola ekhatywayo, ubungozi bezithuthi nenkcitho ebangelwa ziintlekele zemvelo.

Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho

Kule nyanga funda ngeNdalo kaThixo, indlela uYonatan awamkhusela ngayo uDavide nangamaNgqina kaYehova aseMyanmar.