Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

“Ekuqaleni kowama-2011, babeziibhiliyoni ezi-5,4 ehlabathini abantu abaneeselfowuni.”—UN CHRONICLE, EUNITED STATES.

Kule minyaka ilishumi idlulileyo, “iintlekele ziye zabulala abantu abangaphezu kwama-780 000, apho iphantse ibe ziipesente ezingama-60 kuzo abafe kwiinyikima.”—THE LANCET, EBRITANI.

“Kule minyaka ingama-20 idluleyo, bamalunga nama-800 000 abantu baseRashiya abaye bazibulala.”—ROSSIISKAYA GAZETA, ERASHIYA.

KwiiPhilippines, apho uqhawulo-mtshato lungavumelekanga, inani lamabhinqa akwiminyaka eli-15 ukusa kwengama-49 ubudala “ahlalisanayo, . . . , liye laphindaphindeka phakathi kowe-1993 nowama-2008.”—THE PHILIPPINE STAR, EPHILIPPINES.

KwiRiphabliki yaseGeorgia, “bafikelela kwiipesente ezingama-79,2 abemi abachatshazelwa ngumsi wecuba ngoxa bona bengatshayi.” Kwikomkhulu lalapho, iTbilisi, “ngabantwana abaziipesente ezingama-87,7 abakule ngxaki.”—TABULA, EGEORGIA.

Ukhenketho Lwezonyango EAsiya

Baya besanda abantu abashiya amazwe abo baye kufuna unyango olusemgangathweni phesheya kweelwandle, kodwa behlawula imali encinane gqitha kunaleyo bebeya kuyihlawula kumazwe abo. Ingxelo yeBusiness World ibonisa ukuba baya kufikelela kwisigidi ngonyaka abantu “abakhenketha besiya kufuna unyango” kwiiPhilippines ngowama-2015, ibe kulindeleke babe lelo nani nakuMzantsi Korea ngowama-2020. Amanye amazwe angasali ngasemva yi-Indiya, iMalaysia, iSingapore, neThailand. Abantu abaya apho abaphelelanga nje kubantu baseNtshona abafuna ukuncedwa kwiingxaki zamathambo nezifo zentliziyo. Le ngxelo ithi, kukho nezinhanha ezininzi zaseTshayina eziya apho ziphethe iifoto zabantu abadumileyo zifuna oogqirha bazilungise ukuze “zifane nabo.”

Abantu Abenza Izinto Ezininzi Ngaxeshanye Abazenzi Kakuhle

Ubugcisa budla ngokunyanzela abasebenzi ukuba benze imisebenzi enzima emibini nangaphezulu ngaxeshanye ngoxa bephendula imibuzo ngokukhawuleza. UClifford Nass, umalathisi kuNxibelelwano Lwabantu Nejelo Losasazo LeLebhu, kwiYunivesithi yaseStanford, eUnited States uthi: “Abasebenzi abenza izinto ezininzi ngaxeshanye, abazenzi kakuhle.” Kuthiwa basoloko becinezelekile, yaye baphazanyiswa lula zizinto ezingabalulekanga, abakwazi kucingisisa, ngenxa yoko bayaziphosa iinkcukacha ezibalulekileyo. Ucebisa athi: “Xa usenza into, yenza yona yodwa kangangemizuzu engama-20. Oku kukunceda ukwazi ukunikela ingqalelo, uze ucingisise.”